Yiya kwinkcazelo

“Kudala Ndilinde Ukuba Undifowunele”

“Kudala Ndilinde Ukuba Undifowunele”

 U-Ed nomfazi wakhe uJennie, baqala ukuzama ukushumayela ngefowuni ngo-2010. a UJennie uthi: “Zange ndiyithande le ndlela yokushumayela. Ndade ndaxelela umyeni wam ukuba andiphindi ndiyenze!” NoEd wayeziva ngendlela efanayo. Uthi, “Andikuthandi ukufowunelwa ngabantu abafuna ukundithengisela izinto, ibe andiqondi ukuba ndingakwazi ukushumayela ngefowuni.”

 Kwavele kwaqala ikhorona, aza amaNgqina kaYehova ayeka ukuya kwindlu ngendlu. Kuba ethobela umyalelo kaYesu wokushumayela iindaba ezilungileyo, aqhubeka eshumayela ngokubhala iileta nangokusebenzisa ifowuni. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Ngelo xesha, iintlanganiso zamaKristu kuquka ingxubusho yenkonzo yasentsimini yayiqhutywa ngevideoconference. Kwenye yezo ntlanganiso, u-Ed waba nesibindi sokushumayela ngefowuni. Waziva njani xa wayeza kufowuna okokuqala? Uthi, “Ndandisoyika kodwa ndathandaza! Emva koko ndafowuna. Kulapho ndathetha noTyrone.” b

 UTyrone nomfazi wakhe uEdith, bahlala kwiilali zaseKentucky, eMerika. UTyrone uneminyaka eyi-83, ibe akaboni kakuhle. Nangona kunjalo, wavuma ukufundelwa iBhayibhile nguEd. Ufunda qho iBhayibhile nezinye iincwadi no-Ed ibe usebenzisa into ewenza abe makhulu amagama.

 Emva kwenyanga, uTyrone noEdith baqalisa ukuya kwiintlanganiso ezikwibandla lasekuhlaleni. Kuba babengenayo i-intanethi, babesebenzisa ifowuni ukumamela iintlanganiso. Yintoni eyabangela uEdith abe nomdla?

 Xa uEd noJennie befunda noTyrone, babedla ngokuva uEdith ngasemva enceda uTyrone ngeempendulo zakhe nangokufumana imibhalo kwiBhayibhile yabo. Kodwa yena uEdith wayengaqhutyelwa sifundo. UJennie uthi, “Sasisiva ngelizwi lakhe ukuba ikhona into emkhathazayo, kodwa mna noEd sasingayazi ukuba yintoni.”

UEd noJennie bashumayela ngefowuni

 Ngenye imini, uJennie waqonda ukuba makakhe athethe noEdith. Ngexesha elifanelekileyo, wacela ifowuni kuEd. Wathi, “Tyrone, ndiyaliva ilizwi lomfazi wakho efowunini, ndicel’ ukuba afunde umbhalo okanye athethe.”

 Emva kokuthula kancinci, uEdith wathetha efowunini wathi, “Kudala ndifuna ukuthetha nawe, ndingomnye wamaNgqina kaYehova. Bendipholile iminyaka eyi-40.”

 UJennie wothuka waza wathi. “Ungudade wethu!” ibe bobabini bakhala.

 Ngokukhawuleza, uEd wanika uEdith incwadana ethi Buyela KuYehova. Emva kweeveki ezimbalwa, uEd noJennie babona ukuba uEdith wenza utshintsho oluhle. UEd uthi, “Ekuqaleni wayevakala ebuhlungu. Ngoku uvele umve ukuba wonwabile.” UEdith waye wahambela phambi, ibe ngoku ungumvakalisi ovuyayo weendaba ezilungileyo. Umyeni wakhe waye wabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova ngoJulayi 2022.

 Xa uEd ecinga ngendlela awayekujonga ngayo ukushumayela ngefowuni, uye akhumbule incoko awaba nayo noTyrone. Emva kokuba uEd emfundele uYohane 6:44 waza wamcacisela ukuba uYehova utsalela abantu enyanisweni, uTyrone wavuma, waza wathi: “Kudala ndilinde ukuba undifowunele.” UJennie nomyeni wakhe bayavuya kuba baba nesibindi sokushumayela ngefowuni. Uthi, “Xa sizama ukwenzela uYehova into ekunzima ukuyenza, uyasisikelela.”

a AmaNgqina KaYehova ashumayela ngokuvisisana nemithetho yelizwe.

b Amanye amagama atshintshiwe.