Yiya kwinkcazelo

Baqhubeka Beshumayela Ngexesha Lekhorona

Baqhubeka Beshumayela Ngexesha Lekhorona

 Kweli xesha lekhorona besikulo, abazalwana noodade wethu baye batshintshela kwiindlela ezintsha zokuxelela abanye ngomyalezo othuthuzelayo weBhayibhile. Kunokuba bayokushumayela kwiindawo ezinabantu abaninzi okanye baye emakhayeni abantu, baye bathetha nabantu besebenzisa iifowuni nangokubabhalela iileta. a Abantu abaninzi bayazithanda ezi ndlela zokushumayela ibe uYehova uye wabasikelela. (IMizekeliso 16:3, 4) Khawuve nanga amava elinye ilizwe elisisiqithi.

 Ngaphambi kwekhorona, uHelen ebedla ngokucela ukuncokola nelinye ibhinqa eliselitsha ngeBhayibhile. Kodwa eli bhinqa beliye lingafuni ukuncokola naye. Kodwa kusuku olungaphambi kokuba kuqale ilockdown, uHelen wanika eli bhinqa iBhayibhile nencwadi ethi Isifundisa Ntoni IBhayibhile? Ngelockdown, uHelen waphinda wacela ukufunda nalo eli bhinqa, elichazela ukuba esi sifundo kuza kufuneka siqhutywe ngefowuni. Laye lavuma ukufunda naye. Lalizithanda nyhani iincoko ababesiba nazo xa befunda, lade lacela kuHelen ukuba bafunde yonke imihla! Laqalisa nokuya qho kwiintlanganiso lisebenzisa ifowuni yalo. Nantsi enye into, alipheleli nje ekwenzeni izinto elizifundayo kodwa lizifundisa nabanye abantu.

 Kwelinye ibandla amaNgqina aye abhalele amapolisa akwindawo ahlala kuyo iileta ukuze abulele umsebenzi omhle waloo mapolisa. Othuswa zezi leta amapolisa. Elinye lade lathi kuJefferson, ongumdala webandla, “Bendicinga ukuba amaNgqina kaYehova awawafuni amapolisa.” UJefferson walicacisela ukuba ayonyani leyo. Zawavuyisa amapolisa ezi leta ziwancomayo, kangangokuba azixhoma emnyango epolice station. Elinye lathi, “Le nto inokutsho incede nabanye abantu bawuthande umsebenzi wethu.”

 UEdna noEdnalyn bobabini ngoovulindlela abathe ngxi. b Kuba bengenayo i-intanethi ekhayeni labo, babengakwazi ukungena iintlanganiso zebandla ngevideoconferencing. Ngoko baye bafowunela abamelwane babo bacela ukusebenzisa iWi-Fi yabo baze bababhatale. Ibhinqa elingummelwane wabo laba nobubele labavumela, lisithi mabangakhuphi nesenti. Xa uEdna noEdnalyn balimema kwiintlanganiso, lavuma ukuya. Ngoku unyana weli bhinqa nabazukulwana balo ababini abangamantombazana bafunda iBhayibhile namaNgqina futhi baya qho kwiintlanganiso.

 Abazalwana noodade basekuhlaleni bamema abamelwane babo nabanye abantu kwintetho yesidlangalala eyayiza kunikelwa ngevideoconference. UEllaine, osebenza kwisibhedlele saloo ndawo, wayesoyika ukumema abantu asebenza nabo. Wayecinga ukuba abanye oogqirha abawathandi amaNgqina. Kodwa wathumela imiyalezo emema aba gqirha ngobubele. UEllaine wayesoyika nokumema abanye oogqirha ababini abatshate kunye. Emva kokucinga ngale nto nokuyithandazela wabathumelela umyalezo obamemayo nabo. Umfazi waphendula wathi: “Ufuna nam ndibe liNgqina likaYehova?” UEllaine wathi, kule ntlanganiso kwamkelwa wonke umntu, hayi amaNgqina kaYehova qha. Kusuku olulandelayo, uEllaine wothuka xa le ntsapho ingoogqirha yangenayo kwiintlanganiso! Uthi: “Ngaphambi kokuba ziphume iintlanganiso, umfazi wandibhalela umyalezo othi: ‘Ibikokokuqala ndisibakho kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova. Bekumnandi. Ndivuya nyhani. Enkosi ngokundimema.’”

UEllaine

 UEllaine wamema oogqirha abayi-20 ibe wavuya akufumanisa ukuba abayi-16 baye baya. Uthi xa ecaphula amazwi kampostile uPawulos: “Ndiyavuya kuba ndiye ‘ndanesibindi’ sokuthetha ‘ngeendaba ezilungileyo Zakhe’ nabantu endisebenza nabo.”—1 Tesalonika 2:2.

 Le khorona yenze izinto zanzima kuye wonke umntu. Kodwa abazalwana noodade wethu abakwilizwe elisisiqithi nabanye abakwezinye iindawo, baye bahlala bevuya kuba bezama ngazo zonke iindlela ukuthuthuzela abanye abantu.—IZenzo 20:35.

a AmaNgqina kaYehova enza umsebenzi wokushumayela ethobela nayiphi na imithetho ekhusela iinkcukacha zabanye.

b Oovulindlela ngamaKristu ashumayela ahlala eshumayela.