Yiya kwinkcazelo

Imithandazo Yebhinqa Elingaboniyo Iyaphenduleka

Imithandazo Yebhinqa Elingaboniyo Iyaphenduleka

 INgqina laseAsia, uYanmei, lanceda ibhinqa elingaboniyo ukuba liwele indlela. a UMingjie wathi: “Enkosi. UThixo akusikelele.” Emva koko uYanmei wacela uMingjie ukuba baphinde badibane ukuze bancokole ngeBhayibhile. UMingjie uthi kudala ethandaza, qho ngosuku, ethandazela ukuba ancedwe afumane ibandla lokwenyani likaThixo. Kwakutheni ukuze athandazele loo nto?

 UMingjie uthi ngo-2008 wamenywa ngomnye umhlobo wakhe ongaboniyo ukuba aye kwicawa yakhe yabantu abaneziphene, waza wavuma. Emva kokumamela loo ntshumayelo, uMingjie wabuza umfundisi ukuba uzithathe kweyiphi incwadi izinto ebezithetha. Umfundisi wathi ebezithatha eBhayibhileni, iLizwi LikaThixo. UMingjie wafuna nyhani ukuyifunda. Wafumana iBhayibhile yesiTshayina ngebraille waza wafunda imiqulu yayo eyi-32 kwiinyanga ezimalunga nezintandathu. Njengoko eqhubeka efunda, wabona ukuba imfundiso kaBathathu-emnye awayeyive kula cawa wayeye kuyo ibubuxoki nokuba igama likaThixo nguYehova.

 Ekuhambeni kwexesha, uMingjie watyhafiswa yindlela ababeziphethe ngayo abantu bala cawa. Wabona ukuba indlela ababephila ngayo yayingadibani nale ayifunde eBhayibhileni. Ngokomzekelo, abantu abangaboniyo babenikwa ukutya okushiyekileyo kanti bona ababonayo bafumana oku kokuqala. UMingjie yamkhathaza indlela ababephethwe ngayo waza wakhangela ezinye iicawa ezikufutshane nendawo ahlala kuyo. Yiloo nto wayethandazela ukuba afumane ibandla lamaKristu okwenyani.

 UMingjie wayithanda into eyenziwa nguYanmei waza wavuma ukufundelwa iBhayibhile. Emva kwexeshana, uMingjie waya kwiintlanganiso zamaNgqina KaYehova. Uthi: “Soze ndilulibale usuku endaya ngalo kwiintlanganiso. Abazalwana noodade bandibulisa ngobubele. Yandichukumisa loo nto. Ngoku ndingaboniyo, ndaziva ndithandwa.”

 UMingjie waqalisa ukuya kwiintlanganiso qho. Wayezithanda kakhulu iingoma zoBukumkani kodwa kwakunzima kuye kuba zazingekho ngebraille awayeyazi. UMingjie wazenzela elakhe iculo encedwa libandla. Yamthatha iiyure eziyi-22 into yokuba enze onke amaculo ayi-151 abe yibraille. NgoAprili 2018, uMingjie waqalisa ukushumayela, emva koko wayeshumayela iiyure eziyi-30 qho ngenyanga.

Ukwenza incwadi ibe yibraille ngumsebenzi omninzi

 UYanmei warekhoda imibuzo neevesi zeBhayibhile ezikwincwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano ukuze ancede uMingjie alungiselele ukubhaptizwa. NgoJulayi 2018, uMingjie wabhaptizwa. Uthi: “Ndayithanda indlela ababendithanda ngayo abazalwana noodade endibanweni. Ndandivuya nyhani ndaqalisa nokukhala kuba ekugqibeleni ndandikwibandla lokwenyani likaThixo.” (Yohane 13:34, 35) Ngoku uMingjie ukwinkonzo yexesha elizeleyo kuba ufuna ukubonisa indlela abathanda ngayo abanye abantu ngendlela naye awathandwa ngayo.

a Amagama atshintshiwe.