Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ubomi Bokuba Yimfama

Ubomi Bokuba Yimfama

“Ndaqala ukungaboni kakuhle xa ndaphanyazwa liyeza lamehlo ndiseyimveku. Ebutsheni bam ndaye ndaba yimfama ngokupheleleyo, ibe loo nto yandenza ndahlala ndinentliziyo elihlwili.”—UPaqui, osele engumntu ongumama onomyeni okwayimfama.

UKUBA yimfama okanye ukungaboni kakuhle kwenziwa zizinto ezininzi eziquka ukwenzakala okanye isifo. Ezi zinto zinokuchaphazela amehlo ngokwawo, imithambo luvo yamehlo okanye ingqondo. Abantu abangaboni kakuhle okanye abazimfama badla ngokungayamkeli imeko yabo, bakhathazeke kakhulu, bathiwe lwalwe naluloyiko. Kodwa ke, abaninzi baye bafunde ukumelana nemeko yabo, baze baphile ubomi obanelisayo.

Amaxesha amaninzi sixhomekeke emehlweni ethu ukuze sazi izinto ezisijikelezileyo. Ngoko ke, xa umntu ephanyaka, uye axhomekeke kakhulu kwezinye izivamvo—ukuva ngeendlebe, ukunukisa, ukubamba nokungcamla.

Imagazini iScientific American ithi uphando ngendlela ingqondo emelana ngayo notshintsho luye lwabonisa ukuba ingqondo iyakwazi “ukuzitshintsha xa kuyimfuneko.” Eli nqaku laleka ngelithi: “Ubungqina obuninzi bubonisa ukuba xa ezinye zezivamvo zingasebenzi kakuhle, ingqondo iyakwazi ukuzilungelelanisa ukuze incedise umzimba ngezo zisebenza kakuhle.” Cinga ngale mizekelo.

Ukuva ngeendlebe: Ilizwi nesingqi somntu zisenokumzobela umfanekiso ngqondweni umntu oyimfama. Indoda eyimfama uFernando ithi, “Ndiye ndafunda ukubazi nokubakhumbula abantu ngokuva nje amazwi okanye izingqi zabo.” UJuan naye oyimfama uthi, “Umntu ongaboniyo ubazi abanye ngokwamazwi abo.” Njengathi sonke, abantu abazimfama baye baqaphele indlela umntu athetha ngayo nto leyo ebanceda bave iimvakalelo zakhe.

Xa eqeqeshiwe umntu oyimfama, isandi simxelela lukhulu ngendawo akuyo, kwicala eziya kulo iimoto, ubukhulu begumbi kwaneendawo ezinokumkhubekisa.

Ukunukisa: Ukunukisa kumxelela lukhulu umntu oyimfama, kungekuphela nje ngaloo nto inukayo. Ngokomzekelo, xa ehamba endaweni ethile, izivamvo zokunukisa zimnceda azizobele engqondweni izinto ezimngqongileyo ezinje ngeendawo zokutyela, iivenkile, njalo-njalo. Kakade ke, izandi eziqhelekileyo nezinto aziva ngezandla nazo ziyamnceda.

Ukubamba: UFrancisco uthi: “Iminwe yam ngamehlo am.” Loo “mehlo” aphinda ancediswe nayintonga. UManasés, owazalwa eyimfama waza wasebenzisa intonga kwasebuntwaneni uthi, “ezinye izivamvo, inkumbulo nezinto eziba kwindawo endihamba kuyo zindinceda ndizazi kakuhle apho ndikhoyo.”

Umntu ofunda iMboniselo yeBraille

Ukusebenzisa iminwe kunceda abantu abaziimfama abaninzi bakwazi ukufunda iincwadi zeBraille. Phofu ke, kule mihla yinto eqhelekileyo ukuba abantu abaziimfama bancediswe zizinto ezithile ukuze bondle ingqondo nokholo lwabo. Ngaphandle kweencwadi zeBraille, ezi zinto ziquka izinto ezirekhodiweyo nezisebenza ngekhompyutha. Ezi zinto ke, ziyamnceda umntu oyimfama akwazi ukufunda iBhayibhile neencwadi ezisekelwe kuyo. *

Ezi zinto ezinceda ekwakheni ubuhlobo noThixo, ziye zamthuthuzela nyhani futhi zamnik’ ithemba uPaqui nomyeni wakhe, abachazwe ekuqaleni. Baye baxhaswa nangabanye abakhonza nabo, ibandla lamaNgqina KaYehova. UPaqui uthi: “Ngoku sinento yonke futhi asiloxanduva kangako.”

Xa sitheth’ inyani, ukungaboni kuneengxaki zako. Kodwa ke xa abantu bekwazi ukumelana nezo ngxaki baze baqhubeke bonwabile ebomini loo nto ibonisa ukuba umntu uyakwazi ukuqhelana nemeko akuyo!

^ isiqe. 10 AmaNgqina KaYehova enza iincwadi zeBraille ezisekelwe eBhayibhileni ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-25.