Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 25

IiHolo ZoBukumkani—Zakhelwa Ntoni Yaye Zakhiwa Njani?

IiHolo ZoBukumkani—Zakhelwa Ntoni Yaye Zakhiwa Njani?

EBolivia

ENigeria, ngaphambi nasemva

ETahiti

Njengoko igama elithi iHolo yoBukumkani lichaza, eyona mfundiso iphambili yeBhayibhile buBukumkani bukaThixo—umxholo wobulungiseleli bukaYesu.—Luka 8:1.

Ziyindawo yonqulo lokwenyaniso ekuhlaleni. Kulapho amaNgqina awulungelelanisa khona umsebenzi wokushumayela. (Mateyu 24:14) IiHolo zoBukumkani azilingani ngobukhulu yaye iindlela ezakhiwe ngazo azifani, kodwa zonke ayizozakhiwo ziyokoyoko, yaye ezininzi zisetyenziswa ngamabandla amaninzi. Kwiminyaka yakutshanje, siye sakha amashumi amawaka eeHolo zoBukumkani (umlinganiselo wezintlanu ngosuku) ngenxa yolwando oluthabath’ unyawo kumabandla ethu. Kwenzeka njani oku?—Mateyu 19:26.

Zakhiwa ngeminikelo ephuma kwibhokisi enye. Le minikelo ithunyelwa kwiofisi yesebe ukuze inikwe amabandla afuna ukwakha okanye ukulungisa iiHolo ZoBukumkani.

Zakhiwa ngamatsha-ntliziyo aphuma kwiimbombo zonke zomhlaba. Kumazwe amaninzi kuye kwasekwa AmaQela Okwakha IiHolo ZoBukumkani. Amaqela abo basebenza ekwakheni nabo bancedisayo bahambela amabandla elizwe, baya nakwezona ndawo kunzima ukufika kuzo ukuze bancede amabandla asekuhlaleni abe neeHolo ZoBukumkani. Kwamanye amazwe, kuye kwakhethwa amaNgqina afanelekayo ukuze akhokele umsebenzi wokwakha nowokulungisa iiHolo ZoBukumkani kwiindawo ezithile. Nangona kukho abantu abanobuchule abancedisayo, amalungu ebandla ngawona enza umsebenzi omninzi. Konke oku kwenziwa ngomoya kaYehova nokuzinikela kwabantu bakhe ngomphefumlo uphela.—INdumiso 127:1; Kolose 3:23.

  • Kutheni iindawo esinqula kuzo zibizwa ngokuba ziiHolo zoBukumkani?

  • Zakhiwa njani iiHolo zoBukumkani ehlabathini lonke?