Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?

AmaNgqina kaYehova afumaneka emhlabeni wonke kwaye aneemvelaphi ezahlukahlukeneyo. Yintoni eye yamanyanisa aba bantu bahluke kangaka?

Kuyintoni Ukuthanda KukaThixo?

UThixo ufuna ukuthanda kwakhe kwaziwe emhlabeni wonke. Yintoni ukuthanda kwakhe yaye ngoobani abafundisa abanye ngako?

ISIFUNDO

Ngabantu Abanjani AmaNgqina KaYehova?

Mangaphi amaNgqina kaYehova owaziyo? Yintoni kanye kanye oyaziyo ngathi?

ISIFUNDO

Kutheni Sibizwa Ngokuba SingamaNgqina KaYehova?

Funda ngezizathu ezithathu ezibangela sisebenzise eli gama.

ISIFUNDO

Yaziwa Njani Inyaniso YeBhayibhile?

Sinokuqiniseka njani ukuba sikuqonda ngokwenene oko kufundiswa yiBhayibhile?

ISIFUNDO

Kutheni Siye Savelisa INguqulelo Yehlabathi Elitsha?

Yintoni eyenza le nguqulelo yeLizwi likaThixo yahluke kwezinye?

ISIFUNDO

Yintoni Onokuyilindela Kwiintlanganiso Zethu?

Sihlanganisana kunye ukuze sifunde iZibhalo size sikhuthazane. Uya kwamkelwa ngobubele!

ISIFUNDO

Kunaziphi Iingenelo Ukunxulumana Namanye AmaKristu?

ILizwi likaThixo likhuthaza unxulumano lwamaKristu. Unokungenelwa njani kolu hlobo lonxulumano.

ISIFUNDO

Zinjani Iintlanganiso Zethu?

Ngaba wakhe wazibuza ukuba kwenziwa ntoni kwiintlanganiso zethu? Akuthandabuzeki, ungachukumiseka ngumgangatho wemfudo esekelwe eBhayibhileni efumaneka kuzo.

ISIFUNDO

Kutheni Sinxiba Kakuhle Xa Sisiya Ezintlanganisweni?

Ngaba impahla esiyinxibayo inomsebenzi kuThixo? Funda ukuba yiyiphi imigaqo esikhokelayo kumba wokunxiba nokuzilungisa.

ISIFUNDO

Yiyiphi Eyona Ndlela Esinokuzilungiselela Ngayo Iintlanganiso?

Ukulungiselela kusengaphambili ngaphambi kokuya kwintlanganiso kuya kukunceda ungenelwe.

ISIFUNDO

Yintoni UNqulo Lwentsapho?

Funda ngendlela eli lungiselelo elinokukunceda ngayo usondele kuYehova yaye uqinise umanyano kwintsapho yakho.

ISIFUNDO

Kutheni Sisiya KwiiNdibano Ezinkulu?

Nyaka ngamnye, siba neendibano ezintathu ezikhethekileyo. Ungangenelwa njani kuzo?

ISIFUNDO

Ulungelelaniswa Njani Umsebenzi Wethu Wokushumayela?

Silandela umzekelo owamiselwa nguYesu ngoxa wayesemhlabeni. Ziziphi ezi ndlela zokushumayela?

ISIFUNDO

Yintoni Uvulindlela?

Amanye amaNgqina achitha iiyure eziyi-30, eziyi-50 okanye nangaphezulu ngenyanga beshumayela. Kubangelwa yintoni oku?

ISIFUNDO

Sisiphi Isikolo Esenzelwe Oovulindlela?

Yiyiphi indlela ekhethekileyo abaqeqeshwa ngayo abo bazinikele ixesha elizeleyo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani?

ISIFUNDO

Abadala Balinceda Njani Ibandla?

Abadala ngamadoda aqolileyo ngokomoya akhokhela ibandla. Luluphi uncedo abalunikelayo?

ISIFUNDO

Yintoni Umsebenzi Wezicaka Zolungiselelo?

Izicaka zolungiselelo zinceda ibandla lisebenze kakuhle. Funda ngendlela umsebenzi onceda ngayo bonke abantu.

ISIFUNDO

Basinceda Njani Abaveleli Besiphaluka?

Kutheni abaveleli besiphaluka bendwendwela amabandla? Kunokukukhuthaza njani ukufika kwabo?

ISIFUNDO

Sibanceda Njani Abazalwana Bethu Abajongene Nobunzima?

Xa kusehla intlekele, ngokukhawuleza sinikela uncedo ngezinto abantu abazidingayo size sibathuthuzele ngezibhalo. Sikwenza njani oku?

ISIFUNDO

Ngubani Ikhoboka Elithembekileyo Neliyingqondi?

UYesu wathembisa ukuba wayeza kumisela ikhoboka elaliza kusasaza ukutya kokomoya. Likusasaza njani?

ISIFUNDO

Lisebenza Njani IQumrhu Elilawulayo Namhlanje?

Ngenkulungwane yokuqala, iqela elincinane lamadoda amakhulu nabapostile babebumba iqumrhu elilawulayo lebandla lamaKristu. Kuthekani namhlanje?

ISIFUNDO

Yintoni IBheteli?

IBheteli yindawo ekhethekileyo ephumeza umsebenzi obalulekileyo. Funda ngakumbi ngabo basebenza apho.

ISIFUNDO

Yintoni Eyenziwa Kwiofisi Yesebe?

Iindwendwe ziyamenywa ukuba zityelele nayiphi na iofisi yesebe. Nawe siyakumema!

ISIFUNDO

Uncwadi Lwethu Lubhalwa Luze Luguqulelwe Njani?

Senza iincwadi ngeelwimi ezingaphezu kwe-700. Kutheni sizibhokoxa kangaka nje?

ISIFUNDO

Ifumaneka Njani Imali Yokuxhasa Umsebenzi Wethu Owenziwa Ehlabathini?

Yintoni ebangela ukuba intlangano yethu yahluke kwezinye iicawa xa kufikelelwa kumba wemali?

ISIFUNDO

IiHolo ZoBukumkani—Zakhelwa Ntoni Yaye Zakhiwa Njani?

Kutheni iindawo esinqulela kuzo zibizwa ngokuba ziiHolo zoBukumkani? Funda ngakumbi ngendlela ezi zakhiwo ezinceda ngayo amabandla ethu.

ISIFUNDO

Sinokuzigcina Njani IiHolo Zethu ZoBukumkani Zikwimeko Entle?

IHolo yoBukumkani elungiswe kakuhle necocekileyo izisa uzuko kuThixo wethu. Ngawaphi amalungiselelo enziwayo okugcina iHolo yoBukumkani icocekile?

ISIFUNDO

Sinokuncedwa Njani Lithala Leencwadi EliseHolweni YoBukumkani?

Ngaba ungathanda ukwenza uphando ukuze uyazi ngakumbi iBhayibhile? Yiya kwithala leencwadi elikwiHolo yoBukumkani!

ISIFUNDO

Yintoni EkwiWebhsayithi Yethu?

Unokufunda okungakumbi ngathi neenkolelo zethu, ude ufumane neempendulo kwimibuzo yakho eBhayibhileni.

Ngaba Uza Kwenza Ukuthanda KukaYehova?

UYehova uThixo ukuthanda ngokwenene. Unokuwubonisa njani umqweno wakho wokuMkholisa ebomini bakho?