Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

Ndandicinga Ukuba Ndiphila Obona Bomi

Ndandicinga Ukuba Ndiphila Obona Bomi
  • UNYAKA WOKUZALWA: 1982

  • ILIZWE: EPOLAND

  • UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYENOBUNDLOBONGELA, ESITYA IZIYOBISI IBE ESUKELA UMSEBENZI OPHEZULU

INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO:

Ndazalelwa ePoland, kwidolophana ekufuphi nomda waseJamani. Sasihlala kwindawo engqongwe ziifama namahlathi, ngoko ke ndandiphila ubomi obuzolileyo. Abazali bam bandifundisa ukuba ngumntu olungileyo, ndiqhube kakuhle esikolweni ndize ndibe nguthile xa ndimdala.

Konakal’ ukuhlala xa ndaya kufunda kwiYunivesithi yaseWrocław. Ndikude nabazali bam, ndakhetha izinxulumani ezonakalisayo. Ndandihleli ndiyithanda ibhola, kodwa ngenxa yempembelelo yezinxulumani zam, ndandingaziva ngayo. Elona qela ndandilithanda lelaseWarsaw, kwaye ngeempelaveki ndandisiya naphi na apho lidlala khona. Apho ke utywala babudlal’ abantwana, sisitya iziyobisi, sisilwa nabalandeli bamanye amaqela. Le yayiyindlela endandipholisa ngayo ingqondo, nangona ndandisazi ukuba ukubanjwa kwakunokuthetha ukuphela kwephupha lam lokuba ligqwetha.

Mna nabahlobo bam sasizithanda iipati, ibe kwezo pati, sasihlala sisilwa. Nakuba ndabanjwa kaninzi, ndandisoloko ndisiba nendlela yokungade ndivalelwe, ngamany’ amaxesha ndibhungca ngokunyoba amapolisa. Ndandicinga ukuba ndiphila obona bomi. Kodwa kuyo yonke loo nto ndandisazi ukuba le asiyondlela yokuphila. Ndandisiya qho ecaweni kuba ndandifuna ukucima isazela.

INDLELA IBHAYIBHILE EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM:

Ngo-2004 kwafika amaNgqina apho ndandihlala khona, ibe ndavuma ukuncokola nawo ngeBhayibhile. Ngokuya ndifunda ngendlela amele aphile ngayo umKristu wokwenene, isazela sam saqalisa ukunditya. Ndandiqonda kona ukuba ndimele ndiyeke ukuzingxixha ngotywala, ukutya iziyobisi, nokuhlobana nabantu abangaphili ngendlela uThixo afuna siphile ngayo. Ndabona nokuba ndimele ndiyeke ukuba nobundlobongela. Kodwa andizange ndiyenze loo nto.

Ubomi bam batshintsha xa ndaqala umlo namadoda asibhozo. Ndikhumbula ndithe tyaa esitratweni, ndixhimfwe kanobom, ndinyathelwe nasentloko. Ndisiva ukuba ndiyafa ngoku, ndathandaza: “Yehova ndixolele ngokungamameli iLizwi lakho. Ukuba andifanga, ndiza kufunda iBhayibhile namaNgqina ndize ndenze intando yakho, ndiyakuthembisa.” Yandimangalisa into yokuba ndaphila. Ndasigcina isithembiso sam sokufunda iBhayibhile.

Ngo-2006 ndafudukela eNgilani ukuze ndiqwebe imali eyaneleyo, yokufundela isidanga esiphakame ngakumbi kwezobugqwetha ePoland. Ngokuqhubeka ndifunda iBhayibhile, ndadibana nevesi eyandichukumisa kakhulu. Umpostile uPawulos wabhala: “Ndikwazigqala zonke izinto ziyilahleko ngenxa yexabiso eligqwesileyo lolwazi olungoKristu Yesu iNkosi yam. Ngenxa yakhe ndiye ndalahlekelwa zizinto zonke yaye ndizigqala njengenkunkuma eninzi, ukuze ndimzuze uKristu.” (Filipi 3:8) Umpostile uPawulos wayefundele ukuba ligqwetha, ibe ephila ubomi obundlongo-ndlongo kanye njengam. (IZenzo 8:3) Kodwa wayibona indlela entle yokuphila: ukukhonza uThixo nokwenza konke okusemandleni akhe ukuze abe njengoYesu. Xa ndacingisisa ngomzekelo kaPawulos, ndabona ukuba umntu akadingi msebenzi unemali nokuba ndlongondlongo ukuze onwabe. Ndaqonda nokuba xa nam ndinokukwazi ukutshintsha ubomi bam kuba kaloku noPawulos wakwazi. Ngoko ke ndayiphosa kwelokulibala eyemfundo, ndaza ndagqiba kwelokuba ndihlale eNgilani.

Ngokuya ndifunda ngoYehova, ndaya ndimthanda. Kwandichukumisa ukufunda ukuba uyamxolela umntu ozimisele ngentliziyo yakhe yonke ukubutshintsha ubomi bakhe. (IZenzo 2:38) Xa ndetyisa amazwi akweyoku-1 kaYohane 4:16, athi “uThixo uluthando,” ndasiqonda isizathu sokuba uThixo abonyanye ubundlobongela.

Nam ndandifuna ukuba ngomnye waba bazalwana bonwabileyo

Enye into eyandichukumisayo yayiyindlela aziphethe ngayo amaNgqina. Kwakucace mhlophe ukuba azimisele ukuphila ngendlela iBhayibhile efuna ngayo. Nam ndandifuna ukuba ngomnye waba bazalwana bonwabileyo. Emva kweenzingo nokuzamazamana nesiqu sam, ndada ndabhaptizwa ngo-2008 ndaba liNgqina likaYehova.

Kusichulumancisa ngeyona ndlela ukufunda iBhayibhile nabantu abathetha isiPolish

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO:

IBhayibhile yanditshintsha ndayeka ukufuna ukuba nguthile, ukuba yindlobongela, ukuzinikela etywaleni nokuthi phithi yibhola, ibe ngoku ndingumkhonzi kaThixo ofundisa abantu iBhayibhile. Ndisakuthanda kona ukubukela ibhola, kodwa ndizimisele ukubeka ulonwabo endaweni yalo.

Ngoku ndikhonza uYehova nomkam uEsther. Kusichulumancisa ngeyona ndlela ukufunda iBhayibhile nabantu abathetha isiPolish kumntla-mpuma weNgilani. Okokuqala ngqa ebomini bam, ndonwabile. Ndinesazela esicocekileyo, ibe ndiphila ubomi obanelisayo.