Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukonwaba Ngoxa Usaluphala

Ukonwaba Ngoxa Usaluphala

UVAKALELWA njani xa ucinga ngokwaluphala? Abaninzi baba nexhala. Kaloku xa kuthethwa ngokwaluphala, abaninzi bacinga ngemibimbi, ngomzimba ongasavumiyo, ukulibala nokuhlala ubikw’ ihlaba.

Kodwa ke, inyaniso kukuba abantu aboluphali ngendlela efanayo. Abanye bahlala besempilweni emzimbeni nasengqondweni nokuba iminyaka ihambile. Ukuphucuka kwezempilo kuye kwanceda abanye banyangeka okanye bakwazi ukuphila nezigulo. Ngenxa yoko, abantu abaninzi kwamanye amazwe baphila ixesha elide besempilweni.

Sekunjalo, nokuba ukwaluphala kubaphethe kakubi okanye akunjalo, abantu abaninzi bangathanda ukulonwabela neli nqanaba lobomi. Bangakwenza njani oku? Loo nto ixhomekeke kwindlela ababujonga ngayo ubomi nokulamkela ngentliziyo ekhululekileyo eli nqanaba. Kungaluncedo ukucingisisa ngala macebiso aseBhayibhileni.

THOZAMA: “Bunabathozamileyo ubulumko.” (IMizekeliso 11:2) Singatsho ukuba ‘ukuthozama’ ekuthethwa ngako apha kubhekisela kubantu abakhulileyo abayamkelayo into yokuba abasenawo amandla okwenza yonk’ into. UCharles oneminyaka eyi-93 waseBrazil uyibeka kakuhle le nto xa esithi: “Ukuphila ixesha elide kuthetha ukuba uza kwaluphala nakanjani na. Akukho kubuya mva.”

Ukuthozama akuthethi kuthi zisengele phantsi ube usithi, “Ndiguge gqitha, akusekho yam.” Oko kukuzithwalisa nje amazinki ligqutha. IMizekeliso 24:10 ithi: “Ngaba uzibonakalise udimazekile ngomhla wokubandezeleka? Uya kuphelelwa ngamandla.” Kwelinye icala, umntu othozamileyo ubonisa ubulumko ngokuhlala ebona okuhle kwimeko nganye.

UCorrado oneminyaka eyi-77 ohlala eItali uthi: “Xa imoto inyuka iqhina, imele ihambe ngegiyeri esezantsi ukuze ingaphelelwa ngamandla.” Kuyacaca ukuba umntu umele enze utshintsho oluthile njengoko ekhula. UCorrado nenkosikazi yakhe baye bayitshintsha indlela abayenza ngayo imisebenzi yasekhaya ukuze babe nexesha elaneleyo lokuphumla, nto leyo ebanceda babe namandla imini yonke. NoMarian waseBrazil oneminyaka eyi-81 ukujonga ngendlela ethozamileyo ukwaluphala. Uthi: “Ndiye ndafunda ukuzenza izinto ngokwamandla am. Ndiye ndiphumle xa kuyimfuneko. Ndihlala phantsi, mhlawumbi ndingqengqe, ndifunde okanye ndimamele umculo. Ndiye ndafunda ukwamkela ukuba andisenamandla njengakuqala.”

Lungelelana

LUNGELELANA: “Abafazi [bamele] bazihombise ngesinxibo esilungiswe kakuhle, ngokuthozama nangengqondo ephilileyo.” (1 Timoti 2:9) Ibinzana elithi “ngesinxibo esilungiswe kakuhle” libonisa ukunxiba ngendlela efanelekileyo nelungeleleneyo. UBarbara waseKhanada oneminyaka eyi-74 uthi: “Ndiye ndizame ukuhlala ndimhle ibe ndicocekile. Andifuni kuba xhifilili ngokungathi ndizinikezele ekubeni lifokofokwana lexhewukazi.” UFern waseBrazil oneminyaka eyi-91 uthi: “Ndimane ndizithengela impahla entsha ukuze ndizive ndingumntu noko.” Enza njani wona amakhehle? UAntônio waseBrazil oneminyaka eyi-73 uthi, “Ndizimisele ukuhlala ndilinene, ndinxiba iimpahla ezicocekileyo. Ndiyahlamba ndize nditsheve yonke imihla.”

Kwelinye icala, kubalulekile ukuba singazibaxi izinto de silibale ukuba ‘nengqondo ephilileyo.’ UBok-im waseMzantsi Korea oneminyaka eyi-69 osikhetha kakuhle isinxibo uthi: “Ndiyiqonda kakuhle into yokuba noko andinakude ndinxibe ngendlela endandinxiba ngayo ebutsheni bam.”

Bonwabele ubomi

BONWABELE UBOMI: “Yonke imihla yoxhwalekileyo mibi; kodwa onentliziyo echwayitileyo uba netheko rhoqo.” (IMizekeliso 15:15) Njengokuba usaluphala, usenokumane ukhathazeka xa ukhumbula iintsuku zobutsha bakho nezinto ezininzi owawukwazi ukuzenza. Ilindelekile loo nto. Kodwa zama kangangoko ukuzinqanda imvakalelo ezinjalo. Ukuhlal’ ucinga ngeentsuku zakudala kuza kukubuyisela umva, kuze kukwenze ungabi namdla wokwenza nezinto onamandla okuzenza. UJoseph waseKhanada oneminyaka eyi-79 obonwabeleyo ubomi bakhe uthi: “Ndiye ndizame ukwenza izinto endikwaziyo ukuzenza, ndingabe ndikhalela izinto endingasenamandla akuzenza ngoku.”

Ukufunda kungakunceda ubonwabele ubomi bakho uze ufumane nezinye izinto ezintsha onokufunda ukuzenza. Ngoko ke, wasebenzise amathuba okufunda izinto ezintsha. UErnesto wakwiiPhilippines oneminyaka eyi-74 uthanda ukuya kufunda iincwadi ezinika umdla elayibrari. Uthi: “Ndisakuthanda ukufunda amabali, kuba nditsho ndizibone ndikuloo ndawo kuthethwa ngayo.” ULennart waseSweden oneminyaka eyi-75 wada waqalisa into enzima kakhulu, wafunda ulwimi olutsha.

Yiba nezinwe

YIBA NEZINWE: “Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha.” (Luka 6:38) Kwenze umkhwa ukuchitha ixesha nabanye uze uthande nokupha. Le nto iza kukunceda waneliseke uze wonwabe. UHosa waseBrazil oneminyaka eyi-85 uzama kangangoko ukunceda abanye nakuba umzimba ungasavumi. Uthi: “Ndiye ndifowunele abahlobo bam abagulayo nabadimazekileyo, okanye ndibabhalele iileta. Ngamanye amaxesha ndibathumelela iintwana-ntwana zezipho. Ndithanda nokuphekela abagulayo okanye ndibenzele izimuncu-muncu.”

Xa uthanda ukupha, nabanye baza kukupha. UJan waseSweden oneminyaka eyi-66 uthi: “Xa ubathanda abantu, nabo baza kukuthanda.” Ihlala ifudumele indawo enomntu onezinwe, ibe loo nto iyaxatyiswa ngabanye.

YIBA NOBUBELE: “Ozahlulayo uya kufuna ulangazelelo lwakhe lokuzingca; uya kuphambuka kubo bonke ubulumko bobuqili.” (IMizekeliso 18:1) Nangona usenokufuna ukukhe ube wedwa, kulumkele ukuba yinkom’ edla yodwa. UInnocent waseNigeria oneminyaka eyi-72 uyakuthanda ukuchitha ixesha nabahlobo bakhe. Uthi, “Ndizithandela ukonwaba nabantu bonke, abatsha nabadala.” Yena uBörje waseSweden oneminyaka eyi-85 uthi: “Ndizama kangangoko ukonwaba nabantu abatsha. Ukudlamka kwabo kundenza ndizive ndimtsha nam.” Ngamaxesha athile zama ukumema abahlobo. UHan-sik waseMzantsi Korea oneminyaka eyi-72 uthi: “Mna nenkosikazi yam sithanda ukumema bonke abantu, abatsha nabadala ukuze sonwabe kunye okanye sibe nesidlo.”

Yiba nobubele

Abantu abanobubele bayakuthanda ukuncokola. Kodwa kubalulekile ukuba sibamamele nabanye xa bethetha. Yiba nomdla kwabanye. UHelena waseMozambiki oneminyaka eyi-71 uthi: “Ndinobubele ibe ndibaphatha ngesidima abanye. Ndiyabamamela xa bethetha ukuze ndazi ukuba bacinga ntoni okanye bathanda ntoni.” UJosé waseBrazil oneminyaka eyi-73 uthi: “Abantu bayamthanda umntu ophulaphulayo, onovelwano, onomdla kwabanye, oncomayo xa kuyimfuneko nonoburharha.”

Sebenzisa ‘amazwi anongwe ngetyuwa’ xa uthetha. (Kolose 4:6) Bacingele uze ubakhuthaze abanye.

BULELA: “Hlalani ninombulelo.” (Kolose 3:15) Bulela xa uncedwa. Ukubulela kwenza abanye bakuthande. UMarie-Paule waseKhanada oneminyaka eyi-74 uthi: “Mna nomyeni wam sisandul’ ukufudukela eziflethini. Siye sancediswa ngabahlobo bethu abaninzi. Siswel’ imilomo eliwaka! Siye sathumelela ngamnye kubo ikhadi, abanye sabamemela kwisidlo.” UJae-won waseMzantsi Korea oneminyaka eyi-76 uyayixabisa into yokuba elandwa xa esiya kwiHolo yoBukumkani. Uthi: “Kangangendlela endinombulelo ngayo ngoncedo lwabo ndiye ndiqiniseke ukuba ndiyancedisa ngemadlana yepetroli. Ngamany’ amaxesha ndiye ndibanike amakhadi neentwana-ntwana zezipho.”

Phofu ke, eyona nto simele siyibulele bubomi ngokwabo. UKumkani uSolomon osisilumko wathi: “Inja ephilayo ilunge ngakumbi kunengonyama efileyo.” (INtshumayeli 9:4) Kucacile ukuba xa sibujonga ngendlela efanelekileyo ubomi size silamkele ngentliziyo ekhululekileyo eli nqanaba, siya konwaba ngoxa sisaluphala.

Bulela