Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

“Ndandikhohlakele”

“Ndandikhohlakele”
  • UNYAKA WOKUZALWA: 1960
  • ILIZWE: FINLAND
  • UBOMI BANGAPHAMBILI: IMVUMI YOMCULO WE-HEAVY-METAL

UBOMI BAM BANGAPHAMBILI:

Ndakhulela kwindawo yabantu abangathath’ intweni kwisixeko saseTurku. Utata wayeyintshatsheli yamanqindi, ibe nam nomntakwethu sasidlala amanqindi. Esikolweni, abanye abantwana babedla ngokuthi masilwe; inkwenkwe ndandiyifak’ inqindi. Xa ndikwishumi elivisayo, ndajoyina iqela lemigulukudu yaye sasisoloko sisilwa kuqhum’ uthuli. Ndaphinda ndathi phithi ngumculo we-heavy-metal ibe ndandifuna ukuba yimvumi yawo.

Ndathenga amagubu ndaza ndaseka iqela lomculo ibe kungekudala ndaba yimvumi ephambili kwelo qela. Ndandithanda ukungalawuleki xa sicula ekonsathini. Ekubeni iqela lethu lalingoophuma silwe yaye nenkangeleko yalo ibonisa ukungakhathali, lalisoloko lisematheni. Saqalisa ukucula kwiikonsathi ezinkulu ibe sarekhoda neengoma ezimbalwa yaye ezinye zazo zazithandwa kakhulu. Ngasekupheleni kweminyaka yee-1980, saya eUnited States ukuze saziwe nakwelo. Sacula kwidolophu yaseNew York naseLos Angeles, ibe sadibana nabantu abakwishishini lomculo ngaphambi kokuba sibuyele eFinland.

Nangona ndandikuthanda ukuba kweli qela, ndandingekonwabi ncam ebomini. Ndaphoxeka gqitha xa ndabona indlela abakhohlakele ngayo abantu abakweli shishini ibe nokuphila ubomi bokungakhathali kwakungandonwabisi. Ndandisithi ndingumoni ibe ndandikoyika ukutsha esihogweni somlilo. Ndazama ukufumana iimpendulo kuzo zonke iincwadi zonqulo yaye ndandisoloko ndithandaza kuThixo ndimcela ukuba andincede nangona ndandisithi andisoze ndikwazi ukumkholisa.

INDLELA IBHAYIBHILE EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM:

Ndandisebenza eposini. Ngeny’ imini ndafumanisa ukuba omnye wabantu endiphangela nabo liNgqina likaYehova. Ndampheka-ndimophula ngemibuzo. Indlela awayezicacisa ngayo iZibhalo kunye nendlela awandiphendula ngayo ngeBhayibhile yandenza ndavuma ukuba andifundise iBhayibhile. Emva kweeveki eziliqela ndiqalise ukufunda iBhayibhile, iqela lam lathenjiswa ngesivumelwano sokurekhoda  nokukhulula icwecwe eUnited States. Ndathi, ndiwelwe ngumq’ esandleni.

Ndaxelela iNgqina elalindifundisa iBhayibhile ukuba ndiza kurekhoda icwecwe lokugqibela ndize kamva ndizame kangangoko ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile. Alizange likhuphe nelimdaka; lasuka landicela ukuba ndifunde amazwi kaYesu akuMateyu 6:24. Le vesi ithi: “Akukho bani unokukhonza iinkosi ezimbini.” Ndothuka xa ndaqonda intsingiselo yala mazwi kaYesu. Kodwa emva kweentsuku nje ezimbalwa, neli Ngqina lalindifundisa iBhayibhile lothuka! Kaloku ndalixelela ukuba ndilishiyile iqela lam lomculo kuba ndifuna ukulandela uYesu!

IBhayibhile yaba njengesipili esasindibonisa amakhwiniba ekwakufuneka ndiwalungise. (Yakobi 1:22-25) Ndazibona ukuba ndikhohlakele: Ndinekratshi namabhongo. Ndandikrwada, ndinguphuma silwe, ndiyingedle yecuba yaye ndilinxila. Xa ndabona ukuba indlela endandiphila ngayo iyangqubana noko kuthethwa yiBhayibhile, ndaxheleka emphefumlweni. Nakuba kunjalo, ndandikulungele ukohlukana nemikhwa emibi.—Efese 4:22-24.

“Ubawo wethu wasezulwini unenceba ibe ufuna ukubathuthuzela abo baguqukayo kwizono zabo”

Ekuqaleni, ndandizisola ngokugqithiseleyo ngezinto ezimbi endandizenzile. Kodwa iNgqina elalindifundisa iBhayibhile landinceda gqitha. Landibonisa oko iBhayibhile ikutshoyo kuIsaya 1:18, othi: “Nangona izono zenu zingqombela, ziya kwenziwa mhlophe njengekhephu.” Le vesi yeBhayibhile kunye nezinye zandenza ndaqiniseka ukuba uBawo wethu osezulwini unenceba, ibe ufuna ukubathuthuzela abo baguqukayo kwizono zabo.

Ukwazi uYehova njengomntu wokwenene kwandenza ndafuna ukunikela ubomi bam kuye. (INdumiso 40:8) Ndabhaptizwa ngowe-1992 kwindibano yezizwe ngezizwe yamaNgqina kaYehova eyayise-St. Petersburg eRussia.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO:

Ndizifumanele abahlobo abaninzi abalungileyo phakathi kwabakhonzi bakaYehova. Ngamaxesha athile siyadibana size sidlale umculo onesidima, sinandiphe esi sipho sivela kuThixo. (Yakobi 1:17) Eyona ntsikelelo ikhethekileyo ibe kukutshata noKristina wam othandekayo. Ndiye ndabelana naye ngezinto ezininzi—ulonwabo, neemvavanyo zobomi kuquka iimvakalelo zam ezinzulu.

Andiqondi ukuba ngendisaphila namhlanje ukuba ndandingazange ndibe liNgqina likaYehova. Kwixa elidluleyo ndandisoloko ndingena ndiphuma ezingxakini. Ngoku ndonwabile ebomini yaye ndiyazazi apho ndiya khona.