Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IZINTO EZINOKWENZA INTSAPHO YONWABE

Xa Umntwana Wakho Enesiphene

Xa Umntwana Wakho Enesiphene

UCARLO UTHI: * “Unyana wethu uAngelo, “une-Down syndrome.” Ukugula kwakhe kusitheza amandla emzimbeni nasengqondweni. Ndingathi ukunyamekela umntwana onesiphene kufuna ube namandla aphindaphindwe kalikhulu kunalawo uwadingayo ukuze unyamekele umntwana ophilileyo. Ngamanye amaxesha, ukugula kwakhe kuye kubangele iingxaki emtshatweni wethu.”

UMIA UTHI: “Kufuneka uzingise uze ube nomonde xa ufundisa uAngelo nangezona zinto zilula. Xa ndidiniwe, ndiyakhawuleza ukuba nomsindo. Ngamanye amaxesha siye singaboni ngasonye nomyeni wam uCarlo size sixabane.”

Ngaba usalukhumbula usuku awazalwa ngalo umntwana wakho? Ngokuqinisekileyo, kwakungathi awude umbambe ngezandla zakho. Noko ke, kubazali abafana noCarlo noMia inqatha likhawuleza linqume xa besiva ukuba usana lwabo luyagula okanye lunesiphene.

Ngaba nowakho umntwana unesiphene? Mhlawumbi uyazibuza ukuba uza kukwazi kusini na ukumnyamekela. Ukuba kunjalo, ungalahl’ ithemba. Abazali abakule ngxaki ukuyo baye baphumelela. Makhe sithethe ngeengxaki ezintathu abadla ngokuba nazo abazali abanabantwana abaneziphene, nendlela enokukunceda ngayo iBhayibhile.

INGXAKI 1: KUNZIMA NGAWE UKUYAMKELA INTO YOKUBA UMNTWANA WAKHO UNESIPHENE.

Abazali abaninzi bayaxheleka emphefumlweni xa befumanisa ukuba umntwana wabo unesiphene. UJuliana waseMexico uthi: “Xa oogqirha basichazela ukuba unyana wethu uSantiago unesigulo sobuchopho  esenza izihlunu zakhe zingasebenzi kakuhle, kwakungathi ndiyaphupha. Landitshonel’ emini.” Abanye basenokuvakalelwa njengoVillana waseItali, owathi: “Ndaba nomntwana nangona ndandisazi ukuba akubobulumko ukukhulelwa xa sele umdala njengam. Ngoku ndiziva ndinetyala, kuba unyana wam uneDown syndrome.

Ukuba uziva unetyala okanye uphelelwe lithemba, yazi ukuba iqhelekile loo nto. UThixo wayengafuni abantu bagule xa wayebadala. (Genesis 1:27, 28) UThixo akazange abadale abazali ukuze bayamkele lula into ebuhlungu. Yiloo nto kuba buhlungu xa ulahlekelwe yinto ethile, njengempilo yomntwana wakho. Kuza kuthatha ixesha ngaphambi kokuba uxole uze uyamkele le meko.

Kuthekani xa ucinga ukuba nguwe obangele ukuba umntwana wakho abe nesiphene? Khumbula ukuba akakho umntu oyazi kakuhle indima edlalwa lufuzo, indawo esihlala kuyo kunye nezinye iimeko kwimpilo yomntwana. Kwelinye icala, usenokufuna ukutyhola uyise okanye unina womntwana wakho. Musa ukuyenza loo nto. Eyona nto ibhetele kukuba nisebenzisane ukuze nikhulise umntwana wenu.—INtshumayeli 4:9, 10.

ICEBISO: Funda ngesigulo okanye isiphene somntwana wakho. IBhayibhile ithi: “Indlu iya kwakhiwa ngobulumko, imiselwe ngokuqinileyo ngokuqonda.”—IMizekeliso 24:3.

Ininzi into oya kuyifunda ukuba ukuncokola noogqirha okanye ufunda iincwadi ezibhalwe ngabantu abayazi kakuhle imeko yomntwana wakho. Ukufunda ngesigulo somntwana wakho singakufanisa nokufunda ukuthetha olunye ulwimi. Kusenokuba nzima ekuqaleni, kodwa ke ungakwazi ukude uluthethe kakuhle.

UCarlo noMia ekuthethwe ngabo kwintshayelelo, bathetha nogqirha wabo baza babuza nakumbutho onceda abantu abanesigulo esifana nesonyana wabo. Bathi: “Oku kwasinceda asazi nje iingxaki ezibangelwa sesi sifo, kodwa safunda nangezinto anokukwazi ukuzenza umntu onaso. Safumanisa ukuba zininzi izinto anokukwazi ukuzenza unyana wethu. Oku kwasithuthuzela gqitha.”

ZAMA ELI CEBISO: Yiba nomdla kakhulu kwizinto anokukwazi ukuzenza umntwana wakho. Intsapho yenu mayizame ukwenza izinto kunye. Khawuleza umncome umntwana uze uvuyisane naye xa enze into entle, enoba incinci kangakanani.

INGXAKI 2: UZIVA UDINIWE YAYE KUNGEKHO MNTU UNOKUTHETHA NAYE.

Usenokuziva ngathi ukonga umntwana wakho ogulayo kukutheza amandla. UJenney waseNew Zealand uthi: “Kwiminyaka embalwa emva kokuba unyana wam kufunyaniswe ukuba unengxaki yomqolo eyayimenza angakwazi ukuhamba kakuhle, ndandidinwa ndize ndilile xa kufuneka ndenze omnye umsebenzi wasekhaya.”

Enye ingxaki kukuziva ngathi ushiywe enyanyeni. UBen unonyana onezihlunu ezingasebenzi kakuhle nongaphilanga ncam engqondweni. Uthi: “Abantu abaninzi abayiqondi indlela ekunzima ngayo kuthi.” Usenokunqwenela ukuthetha nomnye umntu ngale nto. Kodwa ke, abahlobo bakho abaninzi banabantwana abaphilileyo. Ngoko ke, uziva umadolw’ anzima ukuphalaza imbilini yakho kubo.

ICEBISO: Cela abanye bakuncede, uze ulwamkele uncedo lwabo. UJuliana ocatshulwe ekuqaleni uthi: “Ngamanye amaxesha mna nomyeni wam siye sonqene ukucela uncedo.” Kodwa ke, uthi: “Siye sabona ukuba asikwazi ukwenza yonke into. Xa abanye besinceda, asiziva sisedwa.” Ukuba umhlobo okanye isalamane sicela ukuhlala nomntwana wakho kwitheko elithile okanye kwiintlanganiso zamaKristu, kwamkele ngovuyo oko. Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.”—IMizekeliso 17:17.

Nyamekela impilo yakho. Njengokuba iambulensi kufuneka imane igalelwa ipetroli ukuze ikwazi ukuthutha izigulana, nawe kufuneka uzigcine usemandleni ngokutya ukutya okusempilweni, ngokwenza umthambo nangokuphumla ngokwaneleyo ukuze ukwazi ukunyamekela umntwana wakho. UJavier ononyana osisiqhwala uthi: “Unyana wam akakwazi kuhamba, ngoko ndizama ukutya ukutya okunesondlo ukuze ndibe namandla okumncedisa. Ngapha koko, ndim ekufuneka ndimse naphi na apho kufuneka aye khona. Ezona nyawo zakhe, ndim lo!”

Unokulifumana phi ixesha lokuhoya impilo yakho? Abanye abazali bayatshintshisana ekongeni umntwana wabo. Ngenxa yoko, omnye umzali uyakwazi ukuphumla nokwenza ezinye izinto. Kuza kufuneka ungachithi ixesha lakho kwizinto ezingabalulekanga, kwaye akulula ukwenza oko. Kodwa uMayuri waseIndiya uthi: “Ude uqhele ekugqibeleni.”

Thetha nomhlobo omthembileyo. Nkqu nabahlobo  abangenabo abantwana abakhubazekileyo banokuba novelwano. Unokuthandaza nakuYehova uThixo. Ngaba umthandazo uluncedo? UYazmin onabantwana ababini abanesigulo esinganyangekiyo, uthi: “Ngamanye amaxesha kukhe kuthi mandife.” Kodwa uphinda athi: “Ndiye ndithandaze kuYehova ukuba andinike amandla nesiqabu. Emva koko, ndiye ndizive ndinamandla.”—INdumiso 145:18.

ZAMA ELI CEBISO: Hlola kwakhona indlela otya ngayo, ixesha owenza ngalo umthambo nokuthi ulala ngokwaneleyo kusini na. Gqiba ngezinto ezingabalulekanga ofanele uziyeke ukuze uchithe ixesha elingakumbi unyamekela impilo yakho. Qhubeka uhlengahlengisa ixesha lakho xa kuyimfuneko.

INGXAKI 3: UMNTWANA WAKHO ONGAPHILANGA UMHOYE NGAPHEZU KWAMANYE AMALUNGU ENTSAPHO.

Isigulo somntwana sinokuba negalelo ekutyeni okutyiwa yintsapho, kwindawo eya kuyo kunye nobungakanani bexesha elichithwa ngabazali behoye abanye abantwana. Oku kunokubangela ukuba abanye abantwana bazive bengahoywanga. Ngaphezu koko, abazali basenokuxakeka gqitha behoye lo mntwana ugulayo de umtshato wabo ube neengxaki. ULionel waseLiberia uthi: “Umfazi wam udla ngokukhalaza esithi wenza yonke into kwaye mna andimkhathalelanga unyana wethu. Ngenxa yoko ndiye ndizive ngathi ndiyadelelwa ndize ngamanye amaxesha ndimphendule rhabaxa.”

ICEBISO: Ukuze bonke abantwana bakho baqiniseke ukuba unomdla kubo, yenza nabo izinto abazithandayo. UJenney ebesikhe sathetha ngaye, uthi: “Ngamanye amaxesha, siye simenzele okuthile unyana wethu omdala, njengokumkhupha siye kutya kwivenkile ayithandayo.”

Yiba nomdla kubo bonke abantwana bakho

Ukuze ukhusele umtshato wakho, thetha nomyeni okanye umfazi wakho nize nithandaze kunye. UAseem waseIndiya ononyana oxhuzulayo, uthi: “Nangona mna nomfazi wam sikhe sizive sidiniwe yaye sikhathazekile, siyaqinisekisa ukuba sinalo ixesha lokukhe sibe sobabini, sincokole size sithandaze kunye. Ntsasa nganye, ngaphambi kokuba abantwana bavuke siye sincokole ngevesi yeBhayibhile.” Amanye amadoda nabafazi bawo baye bancokole ngaphambi kokuba balale. Ukuncokola ngokukhululekileyo kunye nokuthandaza kunye kunokuwomeleza umtshato wenu ngexesha leenzingo. (IMizekeliso 15:22) Enye indoda nomfazi wayo bathi: “Ezinye zezona zinto zimnandi endizikhumbulayo ngomtshato wethu zenzeka xa sasijamelene nawona maxesha anzima.”

ZAMA ELI CEBISO: Bancome abanye abantwana bakho ngenxa yokunceda kwabo lo ugulayo. Baxelele rhoqo ukuba uyabathanda kwaye uyabaxabisa bona kunye nomyeni okanye umfazi wakho.

UNGALAHL’ ITHEMBA

IBhayibhile ithembisa ukuba kungekudala uThixo uza kuziphilisa zonke izigulo neziphene. (ISityhilelo 21:3, 4) Ngaloo mini, “akakho ummi . . . oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” *Isaya 33:24.

Unako ukuphumelela nangona umntwana wakho enesiphene. UCarlo noMia abacatshulwe ekuqaleni kweli nqaku bathi: “Ungalahl’ ithemba xa kubonakala ngathi akukho nto ilungayo. Jonga izinto ezintle ngomntwana wakho, kuba zininzi.”

^ isiqe. 3 Amagama akweli nqaku atshintshiwe.

^ isiqe. 29 Unokufunda okungakumbi ngesithembiso seBhayibhile sokuba ngenye imini siya kuphila qete, kwisahluko 3 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

ZIBUZE . . .

  • Yintoni endiyenzayo ukuze ndihlale ndisempilweni yaye ndomelele elukholweni nangokweemvakalelo kangangoko kunokwenzeka?
  • Ndigqibele nini ukuncoma abanye abantwana bam ngenxa yoncedo lwabo?