Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

“Babefuna Ndizibonele Ngokwam Oko Kufundiswa YiBhayibhile”

“Babefuna Ndizibonele Ngokwam Oko Kufundiswa YiBhayibhile”
  • WAZALWA: NGOWE-1982
  • ILIZWE LOKUZALWA: DOMINICAN REPUBLIC
  • IMBALI: WAKHULA EKHONZA KWICAWA YAMA-MORMON

INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO:

Ndazalelwa kwidolophu yaseSanto Domingo, eDominican Republic. Ndilithunjana kubantwana abane. Abazali bam babefunde bayityekeza yaye babefuna abantwana babo bakhule benesimilo. Kwiminyaka nje emine ngaphambi kokuba ndizalwe, abazali bam badibana nabashumayeli abangama-Mormon. Abazali bam bayithanda indlela ababenxibe kakuhle nababenesimilo ngayo aba bafana, ibe bagqiba kwelokuba sibe yenye yeentsapho zokuqala kweso siqithi ukungena kwicawa yama-Mormon.

Ndikhule ndizithanda izinto ezazisenziwa ecaweni yaye ndiyihlonipha nendlela ekwakubethelelwa ngayo ubomi bentsapho nokuziphatha kakuhle. Ndandiziqhenya ngokuba ngum-Mormon yaye ndandisithi ngeny’ imini ndifuna ukuba ngumfundisi.

Xa ndandineminyaka eli-18, intsapho yakowethu yafudukela eMerika kuba ifuna ndifunde kwikholeji yalapho. Emva konyaka sifikile, umakazi wam nomyeni wakhe abangamaNgqina kaYehova beza kusityelela eFlorida. Basimema ukuba siye enkonzweni yabo. Ndayithanda into yokubona bonke abantu betyhila iiBhayibhile zabo yaye bemane bebhala iingongoma ezithile njengoko bephulaphule. Ngoko nam ndaboleka into yokubhala ndaza ndaqalisa ukubhala.

Emva kokuba ndiye enkonzweni yabo, umakazi nomyeni wakhe bathi ekubeni ndifuna ukuba ngumfundisa bangandinceda ndazi iBhayibhile. Ndandisithi elo licebiso elihle, kuba ngelo xesha eyona nto ndandiyazi kakuhle kwakuyincwadi yama-Mormon kuneBhayibhile.

INDLELA IBHAYIBHILE EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM:

Xa ndincokola nabo ngeBhayibhile efowunini, umakazi nomyeni wakhe babesoloko bendikhuthaza ukuba ndifunde iBhayibhile ukuze ndibone ukuba iimfundiso zayo ziyavumelana  kusini na nezinto endandizifundiswe ecaweninoko ndikukholelwayo. Babefuna ndizibonele ngokwam oko kufundiswa yiBhayibhile.

Zininzi iimfundiso zama-Mormon endandizikholelwa, kodwa ke ndandingaqinisekanga ukuba zivela eZibhalweni. Umakazi wandithumelela uVukani! kaNovemba 8, 1995 owawuthetha ngecawa yama-Mormon. Kwandothusa ukufumanisa ukuba iimfundiso ezininzi zama-Mormon andizazi. Ngenxa yoko, ndangena kwiWebhsayithi yama-Mormon ukuze ndibone ukuba izinto ezazithethwa ngulo Vukani! ziyinyaniso kusini na. Ndafumanisa ukuba ziyinyaniso yaye ndaqiniseka nangakumbi xa ndatyelela iimyuziyam zama-Mormon eziseUtah.

Ndandikade ndicinga ukuba incwadi yama-Mormon neBhayibhile zithetha intw’ enye. Kodwa xa ndaqalisa ukuyifunda ngokucokisekileyo iBhayibhile, ndaphawula ukuba ezinye iimfundiso zama-Mormon ziyaphikisana nezeBhayibhile. Ngokomzekelo, kuHezekile 18:4, iBhayibhile ithi umphefumlo uyafa. Kodwa kuAlma 42:9, iNcwadi yama-Mormon ithi: “Umphefumlo awunakufa.”

Ukongezelela kwiimfundiso zawo ezingavumelaniyo neBhayibhile, ndafumanisa ukuba ama-Mormon afundisa nokuthand’ izwe. Ngokomzekelo, ama-Mormon afundisa ukuba umyezo wase-Eden wawuseJackson County, eseMissouri, eMerika. Eny’ into, abaprofeti bale cawa bathi “uBukumkani bukaThixo buza kusebenzisa urhulumente waseMerika ukuze bulawule umhlaba.”

Ndandizibuza ukuba xa kunjalo kuza kwenzeka ntoni kwamanye amazwe anjengeli ndazalelwa kulo. Xa ndafowunelwa ngomnye umfana owayeqeqeshwa ukuze abe ngumfundisi, ndambuza ngale nto. Ndambuza ngokungqalileyo ukuba xa kunokwenzeka ukuba ama-Mormon elizwe lakhe alwe nawelinye ilizwe, ngaba ebeya kuncedisa na. Ndothuka gqitha xa wathi ewe! Ndagqiba kwelokuba ndiphande ngakumbi ngeemfundiso zecawa yam, ibe ndathetha nabanye abefundisi beCawa yama-Mormon. Ndaxelelwa ukuba iimpendulo zemibuzo yam ziyinxalenye yentsumantsumane eza kucaca kamva xa kukho ukukhanya okungakumbi.

Ndaphoxeka gqitha zezo mpendulo ndaza ndacingisisa ngesizathu sokuba ndifuna ukuba ngumfundisi. Ndafumanisa ukuba eyona nto ibindenza ndifune ukwenza lo msebenzi kukufuna ukunceda abantu. Ndandilithanda newonga elihamba nokuba ngumshumayeli wevangeli. Kodwa ke ndandingazi nto ingako ngoThixo. Nangona ndandikhe ndiyifunde iBhayibhile, ndandingayixabisi kangako. Ndandingayazi injongo kaThixo ngomhlaba nangabantu.

INDLELA ENDINCEDE NGAYO IBHAYIBHILE:

Phakathi kwezinto endizifundiswe ngamaNgqina kaYehova eBhayibhileni kukuba, ngubani igama likaThixo, kwenzeka ntoni xa sisifa, nokuthi uYesu unayiphi indima ekuzalisekeni kwenjongo kaThixo. Ekugqibeleni ndade ndakwazi oko kufundiswa yiBhayibhile, ndaza nam ndafundisa abanye. Ndandisazi ukuba uThixo ukho, kodwa emva kokuba ndifundiswe ngamaNgqina, ndaqalisa ukuthetha naye ngokungathi ndithetha nomhlobo osenyongweni. NgoJulayi 12, 2004 ndabhaptizwa ukuze ndibe liNgqina likaYehova yaye kwiinyanga ezintandathu kamva, ndaqalisa ukushumayela iindaba ezilungileyo ngokusisigxina.

Ndachitha iminyaka emihlanu ndisebenza kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova eliseBrooklyn eNew York. Ndandikuthanda ukuncedisa xa kusenziwa iiBhayibhile neencwadi ezicacisa iBhayibhile ukuze kufundiswe izigidi ngezigidi zabantu emhlabeni, yaye nangoku ndisaqhubeka ndifundisa abantu ngoThixo.