Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kubalulekile Ukuba Nobubele KuThixo

Kubalulekile Ukuba Nobubele KuThixo

ITYENDYANA lo mfana waseJapan loselwa bububele bendoda eyayisele iliqina. Le ndoda, eyayingumthunywa wevangeli, neyayikhe yangabikho kwelo lizwe laseAsiya iminyaka emininzi yaye nolwimi lwesiJapan yayingekalubambi kakuhle. Nakuba kunjalo, veki nganye wayetyelela ikhaya lalo mfana ukuze bafunde iBhayibhile. Encumile yaye enobubele, waphendula imibuzo emininzi eyayibuzwa leli gatya lo mfana.

Ububele balo mthunywa wevangeli abuzange bulityalwe leli tyendyana. Lathi: ‘Ukuba iBhayibhile imenza umntu abenje ukuba yindlezane nam ndifanele ndiyifunde.’ Lazimisela ukufunda into elalingayazi. Ububele, buyabosela abantu, kwaye bunamandla kunamazwi.

Uphawu LukaThixo

Kungokwemvelo ukuba sibe nobubele kwizalamane zethu, kaloku igama elithi ububele lithetha uthando olubangelwa kukuba zizihlobo zegazi. * Noko ke, ububele luphawu lobuthixo. UYesu wathi uYise wasezulwini unobubele kubantu bonke nakwabo “bangenambulelo.” UYesu wabongoza abalandeli bakhe ukuba baxelise uThixo kule nkalo esithi: “Nimele nigqibelele, njengoko uYihlo osemazulwini egqibelele.”—Luka 6:35; Mateyu 5:48; Eksodus 34:6.

Ekubeni, abantu benziwe ngokomfanekiso kaThixo banalo olu phawu. (Genesis 1:27) Sinokumxelisa uThixo size siphangalale ngokuquka nabanye abantu abangezizo izihlobo zethu zegazi. IBhayibhile ithi ububele yinxalenye yesiqhamo somoya oyingcwele kaThixo, okanye amandla akhe awasebenzisayo. (Galati 5:22) Lunokuphuhliswa njengoko umntu esiya efunda ngoThixo, uMdali aze asondele kuye.

Ekubeni ububele buyinxalenye yendlela adalwe ngayo umntu kwaye noThixo ebuxabisile, ngoko, kufanelekile ukuba asiyalele sibe “nobubele omnye komnye.” (Efese 4:32) Siphinda sikhunjuzwe ukuba ‘singakulibal’ ukubuk’ iindwendwe.’—AmaHebhere 13:2.

Ekubeni ihlabathi esiphila kulo linabantu abangenabubele nabangenawo umbulelo, ngaba sinako ukuba nobubele kwabanye abantu kuquka nabantu basemzini? Yintoni enokusinceda sibe nobubele? Kutheni simele sibe nobubele?

Bubalulekile KuThixo

Okubangel’ umdla kukuba emva kokuba umpostile uPawulos, ethethe ngokuba nobubele kwiindwendwe, wahlabela mgama wathi: “Kuba ngako bambi, bengazi bona, baye bamkela iingelosi.” Ucinga ukuba ubuya kuziva njani ukuba ubunokunikwa ithuba lokwenzela iingelosi ububele? Kodwa amazwi akhe uPawulos wawatshayelela ngebinzana elithi “bengazi bona.” Ngamanye amazwi wayesithi ukuba siziqhelisa ukuba nobubele, nakwiindwendwe okanye abantu esingabaziyo, sinokubuyekezwa ngendlela esingayilindelanga.

Inkoliso yeenguqulelo zeBhayibhile ezineembekiselo zidla ngokuwadibanisa nengxelo ka-Abraham noLote ekwiGenesis isahluko se-18 nese-19. Kuzo zombini ezi  meko, sifunda ngeengelosi ezeza nezigidimi ezibalulekileyo kubo. Kwimeko ka-Abraham, isigidimi sasimayela nokuzaliseka kwesithembiso sikaThixo sokuba wayeza kuba nonyana, uLote wayeza kuhlangulwa xa kutshatyalaliswa izixeko iSodom neGomora.—Genesis 18:1-10; 19:1-3, 15-17.

Ukuba ufunda izibhalo ezicatshulwe ngasentla, uya kuphawula ukuba bobabini uAbraham noLote benzela abantu basemzini ububele. Ngamaxesha, okubhalwa kweBhayibhile, ukwenzela abahambi ububele—enoba ngabahlobo, izalamane okanye abantu ongabaziyo—yayisisithethe. Kangangokuba, uMthetho kaMoses wawufuna amaSirayeli ababonelele abantu abangengomaSirayeli abaphakathi kwabo. (Duteronomi 10:17-19) Nakuba kunjalo, badlulela ngaphaya kobubele obuqhelekileyo obabuza kuthi bugunyaziswe ngumthetho kwixesha elizayo. Benzela abantu basemzini ububele baza basikelelwa kakhulu.

Akuzange kusikelelwe uAbraham kuphela ngokuba nonyana ngenxa yobubele bakhe kodwa kwasikelelwa kwanathi. Ngayiphi indlela? UAbraham nonyana wakhe uIsake baba nendima ebalulekileyo ekuphunyezweni kwenjongo kaThixo. Baba kumnombo wentsapho eyavelisa uMesiya, uYesu. Ikhondo labo lokuthembeka labonisa indlela olwaluza kusindiswa ngayo uluntu ngothando nangobubele bukaThixo obungasifanelanga.—Genesis 22:1-18; Mateyu 1:1, 2; Yohane 3:16.

Ezi ngxelo zibonisa oko akulindeleyo uThixo kwabo abathandayo nendlela abuxabisa ngayo ububele. Asingombandela wokhetho kunoko bubalulekile kuThixo.

Ukuba Nobubele Kuyasinceda Simazi uThixo

IBhayibhile ithi imihla yethu “ngamaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,” kuba abantu abaninzi babe ngazukuba ‘nambulelo, banganyaniseki, bangabinawo umsa wemvelo.’ (2 Timoti 3:1-3) Ngokungathandabuzekiyo sigilana nabantu abanjalo mihla le. Sekunjalo, eso ayisosizathu sokuba singabi nabubele kwabanye abantu. AmaKristu akhunjuzwa ukuba: ‘angabuyiseli ububi ngobubi nakubani na. Mawenze okuhle emehlweni abantu bonke.’—Roma 12:17.

Sinako ukuba nesisa kuba iBhayibhile ithi: “Bonke abanothando . . . bayamazi uThixo,” enye indlela olubonakala ngayo uthando lwethu kukuba nobubele kwabanye. (1 Yohane 4:7; 1 Korinte 13:4) Xa sinobubele kwabanye abantu, simazi ngakumbi uThixo nto leyo esenza sonwabe. Wathi uYesu kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni: “Banoyolo abanobubele—kuba nabo baya kwenzelwa  ububele. Banoyolo abahlambuluke iintliziyo kuba baya kumbona uThixo bona.”—Mateyu 5:7, 8, Young’s Literal Translation.

Xa ungaqinisekanga ngento omawuyithethe okanye uyenze xa uphantsi kwemeko ethile, yiba nobubele

Khawuphonononge umzekelo, ka-Aki, umfazana waseJapan onoonyana ababini. Emva kokuba unina ebhubhe ngesiquphe, wadandatheka kakhulu. Kangangokuba kwafuneka abonane nogqirha. Kwathi kusenjalo, enye inkosikazi yafudukela kulo mmandla wabo. Yayisandul’ ukubhujelwa ngumyeni wayo kwingozi yemoto, yaza yasala ikhulisa abantwana abahlanu. UAki, wasikwa yimfesane yile ntsapho waza wazama ukuqhelana nayo. Wenza konke okusemandleni ukuze ancede loo ntsapho—eyipha ukutya, impahla abangasayinxibiyo nezinye izinto—loo nto yamnceda gqitha uAki. Wabuqonda ubunyani bamazwi eBhayibhile athi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Ewe, ukwenzela abanye ububele yeyona nto unokuyenza xa uziva uphantsi.

“Ukuboleka UYehova”

Xa sisenzela abanye ububele ‘siboleka uYehova’

Ukuba nobubele akuzondleko zigqithisileyo. Akufuni buchule bukhethekileyo okanye amandla. Uncumo, uvelwano, ukunceda, isipho esincinane ukuvumela abanye ukuba bahambe kuqala kunathi xa sisemgceni zanele. Xa ungaqinisekanga ngento omawuyithethe okanye uyenze xa uphantsi kwemeko ethile, yiba nobubele. Ityendyana lo mfana ebesithethe ngalo ekuqaleni kweli nqaku loselwa bububele balo mthunywa wevangeli, obabunamandla ngaphezu kwamazwi. Siyaqondakala isizathu sokuba enye yemfaneleko zokuba ngumnquli kaThixo ‘ikukuthanda ububele.’—Mika 6:8.

“Ilizwi elinye lobubele linokwenza iinyanga ezintathu zobusika zifudumale.” Kanye njengokuba eli qhalo laseJapan libuchaza kakuhle, ububele obuncinane bunokuhamba umgama omde. Xa busenziwa ngenjongo efanelekileyo, ngokukodwa xa loo mntu ethanda uThixo, bunokuzifudumeza iintliziyo zabo bonke abantu abalapho. Nokuba ububele bakho abuxatyiswa, abulolize. Uyabuxabisa uThixo. IBhayibhile isiqinisekisa ngokuba xa sisenzela abanye abantu ububele ‘siboleka uYehova.’ (IMizekeliso 19:17) Kutheni ungakhangeli amathuba okwenzela abanye abantu ububele?

^ isiqe. 5 IThe Oxford English Dictionary ithi igama lantlandlolo elithi “ububele” lithetha “isalamane; isihlobo esisondeleyo; umsa obangelwa lolu lwalamano.”