Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Asiqhelanga Kufundiswa Ngolu Hlobo!”

“Asiqhelanga Kufundiswa Ngolu Hlobo!”

USOO-JEONG, umcebisi wabantwana bebanga eliphakamileyo kwisikolo saseMzantsi Korea, uye wabonisa abantwana beklasi yakhe iividiyo ezikwiwebhsayithi u-jw.org/xh. Uthi: “Bayithande kakhulu ividiyo ethi Ngumntu Onjani Umhlobo Wokwenene? Emva kokuba beyibukele bathi: ‘Asizange sicinge ukuba umhlobo wokwenene unje. Asiqhelanga kufundiswa ngolu hlobo!’ Abanye bathi baza kungena kule webhsayithi xa befuna icebiso.” Uqhubeka esithi: “Ndiye ndacebisa abaninzi endisebenza nabo ngale vidiyo. Bakuvuyela gqitha ukuyisebenzisa kwiiklasi zabo.”

Enye ividiyo ebancedileyo abafundi baseMzantsi Korea yividiyo yoopopayi ethi Indlela Yokoyisa Umntu Okuntlontayo Ungakhange Umbethe. Omnye umhlohli osebenza eJuvenile Violence Prevention Foundation wayibukelisa abafundi beklasi yakhe. Wathi: “Abantwana abaninzi bayithande kakhulu le vidiyo ngenxa yemifanekiso yayo emihle. Eny’ into, ayibonisi indlela onokujongana ngayo nogonyamelo nje kuphela, kodwa nendlela onokuluphepha ngayo.” Lo mbutho wacela ukuba isetyenziswe ngabahlohli xa besiya kwizikolo zamabanga aphantsi naphakamileyo. Kwavunywa. Iividiyo eziku-jw.org/xh. zisetyenziswa nangamapolisa.

Ukuba awukangeni kule webhsayithi, khawuyizame. Kulula ukuyisebenzisa. Xa ufuna ukudawunlowuda, ukudlala izinto ezirekhodiweyo, ukubukela iividiyo, ukufunda iBhayibhile nezinye iincwadi, awukhuphi nesenti.