Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ngaba Uzixakekise Ngezinto Ezininzi?

Ngaba Uzixakekise Ngezinto Ezininzi?

Ngaba ubona ngathi uxakeke kakhulu? Ukuba kunjalo, baninzi nabanye abafana nawe. Imagazini iThe Economist ithi, “Kuzo zonk’ iindawo, bonk’ abantu babonakala bexakekile.”

KUHLOLISISO olwenziwe ngo-2015 kubantu abaphangelayo abakumazwe asibhozo, abaninzi bathi abakwazi ukuzenza zonke izinto ezifuneka emsebenzini nasekhaya ngexesh’ elinye. Ezinye izinto ezibangela oku kukwanda kwezinto ekufuneka bazenze emisebenzini okanye emakhaya, ukunyuka kwamaxabiso nokusebenza iiyure ezininzi. Ngokomzekelo, eUnited States abantu baphangela iiyure eziyi-47 ngeveki. Phantse umntu oyi-1 kwabayi-5 uthi usebenza iiyure eziyi-60 nangaphezulu!

Kolunye uhlolisiso olwenziwe kumazwe ayi-36, abantu abangaphezu kwesiqingatha bathi basoloko besenza izinto ngokungxama naxa bengaphangelanga! Kunokuba njalo nasebantwaneni ukuba baxhinkxwa ngezinto ezininzi.

Xa sisoloko sifuna ukwenza izinto ezininzi ngexesha elincinci, sinokuba nestres. Kodwa ngaba singakwazi ukusebenza singazibulali? Izinto esikholelwa kuzo, esizikhethayo nesifuna ukuziphumeza zidlala yiphi indima? Makhe siqale sibone izizathu ezine ezibangela ukuba abanye abantu bafune ukwenza izinto ezininzi ngexesha elinye.

1 BAFUNA IINTSAPHO ZABO ZIPHILE KAMNANDI

Utata ogama linguGary uthi, “Ndandiphangela iveki yonke. Ndandisenzela ukuba ndikwazi ukusoloko ndisenzela abantwana bam izinto ezibhetele. Ndandifuna bafumane izinto endingazange ndikwazi ukuzifumana.” Nakuba abazali beneenjongo ezintle, kodwa kufuneka bahlolisise izinto ezibalulekileyo. Olunye uhlolisiso lubonisa ukuba abantu abadala nabantwana ekubaluleke imali nokuba nezinto ngaphezu kwayo nantoni na kubo badla ngokungonwabi, banganeliseki ebomini, yaye bagula ngaphezu kwabantu abangathandi zinto.

Abantwana abakhule bexelelwa ukuba kufuneka babe nezinto badla ngokungonwabi

Ngenxa yokuba befuna ukuqiniseka ukuba abantwana babo baba zizinto ebomini, abanye abazali basebenza nzima, baxhinkxa nabantwana babo ngemisebenzi emininzi. Incwadi ethi Putting Family First ithi, abo bazali, nakuba iinjongo zabo zintle, “babangela iintlungu kubo nakubantwana babo.”

2 BACINGA UKUBA KUFUNEKA ‘BAFUMANE IZINTO EZININZI’

Abezentengiso basenza sicinge ukuba siyaphoswa xa singathengi izinto ezisexesheni. IThe Economist ithi: “Indlela ezininzi ngayo izinto ezithengiswayo ibangela ukuba abantu bade bacinge ukuba abanaxesha laneleyo, bazama ukukhetha into amabayithenge okanye amabayibukele namabayitye” ngexeshana nje elincinci abanalo.

Ngo-1930, isazi ngezoqoqosho esaziwayo sathi ukuhambela phambili kweteknoloji kuza kubangela ukuba abasebenzi babe nexesha elininzi lokuphumla. Satsho phantsi! UElizabeth Kolbert, umbhali wemagazini iNew Yorker wathi: “Endaweni yokuphuma kwangoko emsebenzini,” abantu “bafuna ukwenza izinto ezintsha” ezifuna imali nexesha.

3 BAZAMA UKWANELISA ABANTU

Abanye abantu baphangela iiyure ezingaphaya kwengqondo kuba befuna ukwanelisa abantu ababaqeshileyo. Abantu abaphangela nabo banokubenza bazive benetyala xa bengayenzi loo nto. Nangenxa yokungazinzi kwezoqoqosho, abantu banokude bazimisele ukusebenza ixesha elide okanye bahlale bekulungele ukuya emsebenzini nanini na befunwa.

Nabazali banokufuna ukuxakeka njengezinye iintsapho. Ukuba abayenzi loo nto, banokuziva benetyala “lokuvimba” abantwana babo izinto abafanele bazifumane.

4 BAZIFUNEL’ IGAMA NOKUZANELISA

UTim ohlala eUnited States uthi: “Ndandiwuthanda umsebenzi wam, futhi ndandisebenza nzima kangangoko ngalo lonke ixesha. Ndandifuna ukuthenjwa.”

NjengoTim, abantu abaninzi bacinga ukuba indlela abajongwa ngayo iyadibana nendlela abaphila ngayo. Loo nto ibangela ukuba benze ntoni? UElizabeth Kolbert ekuthethwe ngaye ngasentla uthi: “Ukuxakeka kuyawuphakamisa umgangatho.” Uphinda athi: “Xa usiya uxakeka uya uzifumanela igama.”

YONK’ INTO MAYIBE NEXESHA LAYO

IBhayibhile ikhuthaza ukuba sikhuthale yaye sisebenze nzima. (IMizekeliso 13:4) Iyakhuthaza nangokuthi yonk’ into inexesha layo. INtshumayeli 4:6 ithi: “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.”

Xa yonke into uyenza ngexesha layo, soze ube nangxaki yempilo engqondweni nasemzimbeni. Ingenzeka ke into yokuba unciphise izinto ezikuxakekisayo? Ewe. Khawuve la macebiso mane:

1 YEHLISA UMGANGATHO NEZINTO OFUNA UKUZENZA

Yinto eqhelekileyo ukufuna ukuba nemali. Kodwa umntu wanela yimali engakanani? Yintoni ebangela ukuba umntu aphumelele ebomini? Ngaba yimali ayamkelayo okanye kukuba nezinto? Kwelinye icala, ukuphumla okanye ukuzonwabisa kakhulu kunokwenza ube nezinto ezininzi ekufuneka uzenze ngexesha nje elincinci.

UTim ekuthethwe ngaye ngasentla uthi: “Mna nomfazi wam sahlala phantsi sacingisisa ngobomi esibuphilayo saza sagqiba ekubeni sehlise umgangatho. Sazenzela isicangca esibonisa indlela esiphila ngayo naleyo sizimisele ukuphila ngayo. Sancokola ngezinto ezibangelwe zizigqibo esizenze kwixesha elidlulileyo nezinto ekuza kufuneka sizenze ukuze sikwazi ukuphila ngale ndlela siyifunayo.”

2 KULUMKELE UKUTHENGA YONK’ INTO LE

IBhayibhile isicebisa ukuba siyilumkele ‘inkanuko yamehlo.’ (1 Yohane 2:15-17) Ezentengiso zinokuwenza amehlo omntu akhanuke izinto ezininzi, zimbangele ukuba asebenze ixesha elide okanye azonwabise kakhulu ngezinto ezifuna imali eninzi. Liyinyaniso lona elokuba awunakuziphepha zonke izibhengezo zentengiso. Kodwa unokukulumkela ukuzibukela kakhulu. Unokude ukwazi ukuyicingisisa kakuhle eyona nto uyifunayo.

Nantsi enye into omawungayilibali, unokuphenjelelwa nangabantu ochitha ixesha elininzi nabo. Ukuba ngabantu abathanda izinto okanye abacinga ukuba ukuze bonwabe kufuneka babe nemali eninzi, uya kuba wenza kakuhle ukuba uyabayeka uze uchithe ixesha elininzi nabantu abacinga ngendlela eyahlukileyo kuleyo. IBhayibhile ithi: “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye.”—IMizekeliso 13:20.

3 UMSEBENZI WUBEKE KWINDAWO YAWO

Thetha nomntu okuqeshileyo ngomsebenzi wakho nezinto ezibalulekileyo kuwe. Sukuziva unetyala ngezinto ozenza xa ungaphangelanga. Incwadi ethi Work to Live ithi: “Nantsi into esoloko ifunyaniswa ngabantu ababeka umsebenzi namakhaya kwiindawo zazo nabazinika ixesha lekhefu: Akukho nto yonakalayo xa bengekho.”

UGary ekuthethwe ngaye ngasentla wayemi kakuhle ezimalini, ngoko wagqiba ekubeni asebenze iiyure ezimbalwa. Uthi: “Ndancokola nentsapho yam saza sagqiba kwelokuba siyeke ukuphila ubomi obutofotofo. Saye sibuyeka ngokuthe ngcembe obo bomi. Ndaya kucela kumqeshi wam ukuba ndisebenze iintsuku ezimbalwa evekini, wavuma.”

4 UKUCHITHA IXESHA NENTSAPHO YAKHO KUBALULEKILE

Kufuneka amadoda nabafazi bachithe ixesha kunye, nabantwana kufuneka bachithe ixesha nabazali. Kulumkele ke ukuzifanisa nezinye iintsapho ezisoloko zixakekile. Nali icebiso likaGary: “Zibekele ixesha lokuphumla nokuzonwabisa, uziyeke izinto ezingabalulekanga.”

Xa nihleli nonke niyintsapho, sukubukela iTV, ucofacofane neselfowni okanye esinye isixhobo se-elektroniki, kuba ezo zinto ziya kwenza ningakwazi ukuncokola. Intsapho mayitye kunye nokuba kukanye ngosuku ukuze ikwazi ukuncokola. Xa abazali besenza ngale ndlela, abantwana babo bayonwaba baze baqhube kakuhle nasesikolweni.

Zipheni ithuba lokutya kunye njengentsapho ukuze nikwazi ukuncokola

Ngoko zibuze: ‘Yintoni endiyifunayo ebomini? Ndifuna intsapho yam iphile njani?’ Ukuba ufuna ukuphila ubomi obumnandi nobunenjongo, izinto ezibalulekileyo kuwe mayibe zezo zicetyiswa yiBhayibhile.