Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Maremagnum/Corbis Documentary via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Ngaba I-Armagedon Iza Kuqala KwaSirayeli?—Ithini IBhayibhile?

Ngaba I-Armagedon Iza Kuqala KwaSirayeli?—Ithini IBhayibhile?

 IBhayibhile ibonisa ukuba iArmagedon ayizukuba yimfazwe eyenzeka kwindawo enye emhlabeni. Kodwa le mfazwe iza kuba phakathi kwabo bonke oorhulumente babantu kunye noThixo, ibe iza kwenzeka ehlabathini lonke.

  •   “La ngamazwi aphefumlelwe ziidemon . . . aphuma aye kookumkani bomhlaba wonke, ukuze abaqokelelele kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla. . . . Abaqokelela kwindawo ebizwa ngesiHebhere ngokuba yiArmagedon.”—ISityhilelo 16:14, 16.

 Igama elithi “Armagedon” lithathwe kwigama lesiHebhere elithi Har Meghid·dohnʹ, elithetha “Intaba YaseMegido.” IMegido yayiyidolophu eyayikwaSirayeli kudala. Ngenxa yaloo nto, abanye abantu bakholelwa ukuba iArmagedon iza kuba kwaSirayeli. Kodwa iMegido neendawo ezikuMbindi Mpuma zincinci kakhulu ukuba kunganela ‘ookumkani bomhlaba wonke’ nemikhosi yabo.

 Incwadi yeSityhilelo ichaza izinto “ngemiqondiso.” (ISityhilelo 1:1) Xa kuthethwa ngeArmagedon akuthethwa ngendawo, kodwa kuthethwa ngento eza kwenzeka emhlabeni wonke, xa iintlanga zidibana kunye ukuze zilwe noThixo okokugqibela.—ISityhilelo 19:11-16, 19-21.