Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

John Moore/Getty Images

IPHULO ELIKHETHEKILEYO

UBukumkani BukaThixo Buza Kwenza Ntoni Ngemeko Yezempilo?

UBukumkani BukaThixo Buza Kwenza Ntoni Ngemeko Yezempilo?

 Ewe kona ikhorona ayiseyongxaki emhlabeni wonke njengakuqala, kodwa loo nto ayithethi kuthi iphelile.. . . Kuseza kubakho esinye isifo esingubhubhani ibe loo nto simele siyilindele.”—UGqr. Tedros Adhanom Ghebreyesus, okwiWorld Health Organization, ngoMeyi 22, 2023.

 Ikhorona yenze abantu abaninzi bagula kakhulu. Ngaba oorhulumente nazo zonke iindawo ezijongene nokunyanga abantu, ziza kukwazi ukunceda xa kunokubakho esinye isifo esingubhabhani? Kona, ngaba bangakwazi ukusinceda kwiingxaki zempilo ezikhoyo ngoku?

 IBhayibhile isixelela ngorhulumente oza kusinceda ngokupheleleyo kwizigulo esinazo. Ithi “uThixo wezulu uza kumisa ubukumkani,” okanye urhulumente. (Daniyeli 2:44) Xa kulawula loo rhulumente, “akakho umhlali wakhona oza kuthi: ‘Ndiyagula.’” (Isaya 33:24) Wonke umntu uza kuba sempilweni, abe namandla kanye ngohlobo awayelulo xa wayesemtsha.—Yobhi 33:25.