Yiya kwinkcazelo

Yayingubani Umfazi KaKayin?

Yayingubani Umfazi KaKayin?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UKayin, izibulo lesibini sokuqala, latshata udadewalo okanye isalamane esisondeleyo. Sifikelela kwesi sigqibo ngenxa yoko kuthethwa yiBhayibhile ngoKayin nentsapho yakhe.

Inyaniso ngoKayin nentsapho yakhe

  • Bonke abantu baphuma kuAdam noEva. UThixo “wazenza ngokuphuma kumntu omnye [uAdam] zonke iintlanga zabantu, ukuba zihlale phezu komhlaba uphela.” (IZenzo 17:26) Umfazi ka-Adam, uEva, waba “ngunina wabo bonke abaphilayo.”(Genesis 3:20) Ngoko kusenokwenzeka ukuba uKayin watshata nomnye kwinzala kaAdam noEva.

  • UKayin nomninawa wakhe uAbheli babengabantwana bokuqala kwabaninzi abazalwa nguEva. (Genesis 4:1, 2) Xa uKayin wagxothwayo ngenxa yokubulala umninawa wakhe, ekhalaza wathi: “Nabani na ondifumanayo uya kundibulala.” (Genesis 4:14) UKayin wayesoyika bani? IBhayibhile ithi, uAdam “wazala oonyana neentombi. (Genesis 5:4) Kucacile ukuba abanye kubantwana baka-Adam noEva babenokumenzakalisa uKayin.

  • Kwakuyinto eqhelekileyo kudala ukutshata nesizalwana sakho. Ngokomzekelo, indoda eyayinyanisekile uAbraham, yatshata intombi katatakhe engeyiyo ekamamawakhe. (Genesis 20:12) Loo mtshato awuzange uvumeleke okokuqala emva koMthetho kaMoses owamiselwa emva kweminyaka emininzi yadlulayo imihla yooKayin. (Levitikus 18:9, 12, 13) Kuyacaca ukuba abantwana bomtshato wabantu abazalanayo babengabi naziphene njengokuba kunjalo namhlanje.

  • IBhayibhile ithi ingxelo ka-Adam, uEva nentsapho yakhe yimbali echanileyo. Umlibo wokuzalwa ka-Adam awufumaneki nje kuphela kwincwadi yeGenesis, eyabhalwa nguMoses, kodwa ukwafumaneka nakwimibhalo yababhali-mbali uEzra noLuka. (Genesis 5:3-5; 1 Kronike 1:1-4; Luka 3:38) Ababhali beBhayibhile bathi ibali likaKayin sisiganeko esikwimbali.​—Hebhere 11:4; 1 Yohane 3:12; Yude 11.