Yiya kwinkcazelo

Ukweyiphi Imeko Umntu Ophantse Wafa?

Ukweyiphi Imeko Umntu Ophantse Wafa?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Abantu abaninzi abaphantse bafa bathi bakhumbula besahlukaniswa nemizimba yabo okanye bebona ukukhanya okuqaqambileyo okanye indawo entle. Incwadi ethi Recollections of Death ithi: ‘Abanye bathi bakujonga oko njengokubakrobisa kobunye ubomi.’ Nangona iBhayibhile ingathethi ngabantu abaphantse bafa, kodwa inenyaniso ebonisa ukuba abukho obunye ubomi emva kokufa.

 Abafileyo, abazi nto.

IBhayibhile ithi abafileyo “abazi nto konke konke.” (INtshumayeli 9:5) Xa sisifa asidluleli kobunye ubomi kodwa asibikho. Imfundiso yokuba sinomphefumlo ongafiyo ayikho eBhayibhileni. (Hezekile 18:4) Ngenxa yoko, izinto ezenzeka kumntu ophantse wafa azimkrobisi ezulwini, esihogweni okanye kobunye ubomi.

 Wathini uLazaro ngobomi basemva kokuba efile?

Ingxelo yeBhayibhile engoLazaro owakha wafa, ithi: Wavuswa nguYesu emva kokuba eneentsuku ezine efile. (Yohane 11:38-44) Ukuba wayonwabile uLazaro emva kokuba efile, uYesu wayeza kuba wayekhohlakele ngokumvusa. Noko ke, iBhayibhile ayithethi ngoLazaro emva kokuba efile. Ngokuqinisekileyo uLazaro ngewayebalisile ngobomi basemva kokuba efile ukuba babukho. UYesu wafanisa ukufa kukaLazaro nomntu oleleyo, nto leyo ebonisa ukuba uLazaro wayefile, wayengazi nto konke konke.​—Yohane 11:11-14.