Yiya kwinkcazelo

Ngaba Igama LikaThixo NguYesu?

Ngaba Igama LikaThixo NguYesu?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 UYesu wayezibiza ngokuba ‘nguNyana kaThixo.’ (Yohane 10:36; 11:4) UYesu akazange akhe athi unguThixo uSomandla.

 Kunoko wathandaza kuThixo. (Mateyu 26:39) Wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze bathi: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.”—Mateyu 6:9.

 UYesu walichaza igama likaThixo xa wayecaphula iSibhalo, wathi: “Yiva, Sirayeli, uYehova uThixo wethu nguYehova mnye.”—Marko 12:29; Duteronomi 6:4.