Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile NgeeTattoo?

Ithini IBhayibhile NgeeTattoo?

Impendulo yeBhayibhile

 Sinye kuphela isihlandlo apho iBhayibhile ithetha ngeetattoo, kwiLevitikus 19:28, ethi: “Ningenzi mbhalo wamvambo kuni.” UThixo wayalela uhlanga lwakwaSirayeli oku ukuze lwahluke kubamelwane balo ababebhala amagama okanye imifuziselo yoothixo babo kwizikhumba zabo. (Duteronomi 14:2) Ngoxa lo Mthetho wamaSirayeli ungasebenzi kumaKristu, sinokufunda lukhulu kulo mgaqo babewusebenzisa.

Ngaba umKristu ufanele abe netattoo okanye azotywe emzimbeni?

 Ezi vesi zilandelayo zeBhayibhile zinokukunceda ucingisise ngalo mbandela:

  •   ‘Abafazi bafanele bazihombise . . . ngokuthozama.’ (1 Timoti 2:9) Lo mgaqo usebenza kumabhinqa nakumadoda. Sifanele sihloniphe iimvakalelo zabanye yaye singatsaleli ingqalelo engeyomfuneko kwiziqu zethu.

  •   Abanye benza itattoo kuba nje befuna ukubonwa ukuba bangoobani, ngoxa abanye befuna ukwaziwa ukuba banelungelo lokwenza nantoni na abayifunayo emizimbeni yabo. Sekunjalo iBhayibhile ikhuthaza amaKristu isithi: “Niyinikele imizimba yenu ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele, eyamkelekileyo kuThixo, inkonzo ke leyo engcwele ngokwamandla enu.” (Roma 12:1) Hlolisisa isizathu sokuba ufune ukwenza itattoo ngokusebenzisa ‘amandla akho engqiqo.’ Ukuba ufuna nje ukulandela ifashoni okanye ukubonisa ukuba ulilungu leqela elithile, ngenye imini usenokuyitshintsha indlela ocinga ngayo ibe yona itattoo ayicimeki. Ukuhlolisisa isizathu sokuba uyifune kunokukunceda wenze isigqibo sobulumko.—IMizekeliso 4:7.

  •   “Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo, kodwa wonk’ ubani ongxamayo ngokuqinisekileyo usingisa ekusweleni.” (IMizekeliso 21:5) Isigqibo sokwenza itattoo sisoloko sisenziwa singacingisiswanga, sekunjalo sisenokuba yingxaki kubantu onxulumana nabo nakubaqeshi. Ukuyisusa itattoo kusenokubiza imali eninzi yaye kubuhlungu. Uhlolisiso namashishini amaninzi okususa iitattoo abonisa ukuba abantu abaninzi abanazo bayazisola ngokuzenza.