Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngokuthandana Kwabantu Besini Esinye?

Ithini IBhayibhile Ngokuthandana Kwabantu Besini Esinye?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 UThixo wadala indoda nebhinqa ukuba babe neentlobano zesini emtshatweni kuphela. (Genesis 1:27, 28; Levitikus 18:22; IMizekeliso 5:18, 19) IBhayibhile iyazigweba iintlobano zesini zabantu abangatshatanga, enoba ngabesini esinye okanye yindoda nebhinqa. (1 Korinte 6:18) Oku kuquka iintlobano zesini ezenziwa emlonyeni, ezimpundu okanye ukuphathaphatha ilungu lesini lomnye umntu.

 Nangona iBhayibhile ikugweba ukuthandana kwabantu besini esifanayo, ayikhuthazi ukuba sibacaphukele. Kunoko amaKristu amele “ahlonele wonke umntu.”​—1 Petros 2:17, iGood News Translation.

 Ngaba umntu unokuzalwa etsaleleke kubantu besini sakhe?

IBhayibhile ayithethi ngokungqalileyo ngendlela le minqweno eqala ngayo, kodwa iyavuma ukuba sonke sizalwa sinomnqweno wokwenza izinto ezingafunwayo nguThixo. (Roma 7:21-25) Kunokuba ithethe kakhulu ngeminqweno yokuthandana nomntu wesini esifanayo, iBhayibhile iyakugweba oku.

 Ukukholisa uThixo, phezu kwayo nje le minqweno.

IBhayibhile ithi: “Sanukulawulwa yimizimba yenu. Bulalani yonke iminqweno yesini engathandekiyo.” (Kolose 3:5, iContemporary English Version) Ukuze sibulale iingcinga ezingalunganga ezikhokelela kwizenzo uThixo angazifuniyo, kufuneka silawule izinto esizicingayo. Ukuba iingqondo zethu sizizalisa ngeengcinga ezilungileyo, singayoyisa iminqweno engathandekiyo. (Filipi 4:8; Yakobi 1:14, 15) Kusenokuba nzima ekuqaleni, kodwa ekuhambeni kwexesha kuqheleke. UThixo usithembisa ukuba uza ‘kuwahlaziya amandla eengqondo zethu.’​—Efese 4:22-24.

 Umnqweno wokufuna ukuba neentlobano zesini ukhona nakubantu abaqhelekileyo abangengawo amafanasini, sekunjalo, bazimisele ukuthobela iBhayibhile. Ngokomzekelo, abo bangenalo ithemba lokuba bangaze batshate okanye abatshate namaqabane angakwaziyo ukubanelisa ngokwesini, bakhetha ukuzibamba phezu kwayo nje iminqweno esenokubakho. Bayakwazi ukuhlala bonwabile, kwaye nabo banomnqweno wokuthandana nabantu besini esifana nesabo banako ukonwaba ukuba bafuna ngokwenene ukukholisa uThixo.​—Duteronomi 30:19.