Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Filipi 4:13—“Ndiyakwazi Ukwenza Zonke Izinto Kuba Ndincedwa NguKristu”

Filipi 4:13—“Ndiyakwazi Ukwenza Zonke Izinto Kuba Ndincedwa NguKristu”

 “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undinika amandla.”—Filipi 4:13, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.”—Filipi 4:13, IBhayibhile YesiXhosa Yango-1996.

Into ethethwa ngamaFilipi 4:13

 La mazwi ayebhalwe ngumpostile uPawulos, abenza baqiniseke abo bakhonza uThixo ukuba baza kufumana amandla okwenza ukuthanda kwakhe.

 Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zithi uPawulos wawafumana kuKristu amandla. Kodwa, igama elithi “Kristu” aliveli kweyona mibhalo midala yesiGrike yale vesi. Ngoko, iinguqulelo ezininzi zanamhlanje zisebenzisa amazwi anjengathi “lowo undinika amandla” (INguqulelo Yehlabathi Elitsha), nathi “lowo ndiwafumana kuye amandla” (iNew American Bible). Ngoko, uPawulos wayethetha ngabani?

 Izinto aqale wazibhala uPawulos kule leta zibonisa ukuba wayebhekisa kuThixo. (Filipi 4:6, 7, 10) Kaloku waqala wabhalela amaFilipi kwakule leta esithi: ‘NguThixo osebenzayo kuni . . . anenze nibe, namandla okwenza izinto azithandayo.’ (Filipi 2:13) Kuma-2 Korinte 4:7, wathi nguThixo owamnika amandla okwenza umsebenzi wakhe. (Thelekisa no-2 Timoti 1:8.) Ngoko kucacile ukuba uPawulos wayethetha ngoThixo xa wathi, “lowo undinika amandla.”

Wayethatha ukuthini uPawulos xa wathi uza kufumana amandla ‘azo zonke izinto’? Izinto awayethetha ngazo uPawulos ziimeko ezingafaniyo awayeza kudibana nazo xa esenza ukuthanda kukaThixo.  Nokuba wayenezinto ezininzi okanye ezimbalwa wayexhomekeke kuThixo ukuze amncede. Ngoko uPawulos wafunda ukwanela zizinto anazo nokuba ukwimeko enjani.—2 Korinte 11:23-27; Filipi 4:11.

 Amazwi kaPawulos anokubenza babe nethemba abakhonzi bakaThixo namhlanje. UThixo uza kubanika amandla abawadingayo ukuze banyamezele iingxaki benze nokuthanda kwakhe. UThixo angabanceda ngomoya oyingcwele, okanye amandla asebenzayo. Futhi unokusebenzisa abanye abakhonzi bakhe neBhayibhile ukuze abancede.—Luka 11:13; IZenzo 14:21, 22; Hebhere 4:12.

Into ekuthethwa ngayo kumaFilipi 4:13

 La mazwi ayinxalenye yamazwi okugqibela eleta kaPawulos eyayisiya kumaFilipi. Wayibhala malunga no-60-61 C.E., xa wayevalelwe eRoma. Kwadlula ixesha elingachazwanga amaKristu aseFilipi engakwazi ukuncedisa uPawulos ngezinto azidingayo. Kodwa babezithumela izipho kuPawulos ukuze bamncede kwizinto azidingayo.—Filipi 4:10, 14.

 UPawulos wawancoma amaKristu aseFilipi ngokuba nobubele waza wawaqinisekisa ukuba unazo izinto azidingayo. (Filipi 4:18) Wasose wasebenzisa elo thuba ukuze abafundise into ebalulekileyo ngobomi bomKristu, yokuba: Onke amaKristu azizityebi nasokolayo, anokwanela zizinto anazo ukuba ajonge kuThixo ukuze awancede.—Filipi 4:12.