Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

Isaya 40:31—“Abo bathembela kuYehova baza kuphinda bahlaziyeke”

Isaya 40:31—“Abo bathembela kuYehova baza kuphinda bahlaziyeke”

 “Kodwa abo bathembela kuYehova baza kuphinda bahlaziyeke.Baza kundanda ngamaphiko oku kweenkozi. Baza kubaleka, bangatyhafi. Baza kuhamba, bangadinwa.”—Isaya 40:31, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyo bosuka bahlaziyeke bomelele. Bosuka bantinge baxel’ ukhozi. Noba sebebaleka soze badinwe. Ewe baya kuhamba bangaze batyhafe.”—Isaya 40:31, IBhayibhile YesiXhosa yango-1996.

Into ethethwa nguIsaya 40:31

 UYehova a uThixo uqinisekisa abakhonzi bakhe ukuba uza kubanika amandla abawadingayo ukuze banyamezele noba yeyiphi ingxaki abanayo.

 “Abo bathembela kuYehova baza kuphinda bahlaziyeke.” Abo bakholelwayo ukuba uThixo unamandla futhi uyafuna ukubanceda banokumthemba ukuba uza kubaxhasa. (IMizekeliso 3:5, 6) UThixo unokusebenzisa umoya oyingcwele ukuze anike amandla abakhonzi bakhe.—Luka 11:13.

 “Baza kundanda ngamaphiko oku kweenkozi.” Lo mbono uchaza indlela amandla kaThixo anokusebenza ngayo emntwini. Ukuze lukwazi ukubhabha, ukhozi luxhomekeke kumoya ofudumeleyo oluxhasayo lunyuke luye phezulu. Lusakufika kulo moya luvele luvule amaphiko alo ukuze lo moya ukwazi ukulunceda lundize luye phezulu. Lunokude luhlale ixesha elide phezulu ngokubhabha kuloo moya lungakhange ludinwe.

 “Baza kubaleka, bangatyhafi.” Iingxaki zobomi zinokusenza sityhafe kodwa ukuba siqhubeka sinyamezele, uThixo uza kusinika amandla. Sinokutsho sikwazi ukwenza into elungileyo nokuba sineengxaki ezininzi. Umpostile uPawulos owanyamezela iingxaki ezinzima wabhala wathi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undinika amandla.”—Filipi 4:13.

Into ekuthethwa ngayo kuIsaya 40:31

 UThixo waphefumlela umpostile uIsaya ukuba abhale la mazwi kwiminyaka eyi-2 700 eyadlulayo. Esi sibhalo siyasebenza nakubakhonzi bakaYehova abathembekileyo kodwa kusenokwenzeka ukuba uYehova wenza sabhalwa ukuze akhuthaze amaYuda awayethinjelwe eBhabhiloni kangangeminyaka eyi-70. Xa la maYuda abuyela kwilizwe lawo, awabona amazwi kaThixo esenzeka. (Isaya 40:1-3) UThixo wawanika amandla okukwazi ukuhamba loo ndlela b inde isuka eBhabhiloni eya eYerusalem ngo-537 B.C.E.—Isaya 40:29.

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.

b Le ndlela babeyihamba aba bantu babethinjiwe yayiziikhilomitha eziyi-1 600 ubude.