Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

2 Korinte 12:9—“Ububele Bam Esele Ndikwenzele Bona Bukwanele”

2 Korinte 12:9—“Ububele Bam Esele Ndikwenzele Bona Bukwanele”

 “Ububele bam esele ndikwenzele bona bukwanele, kuba amandla am abonakala ngokupheleleyo xa wena ungenamandla.”—2 Korinte 12:9, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Ubabalo lwam lukwanele, kuba amandla am acaca xa ubuthathaka.”—2 Korinte 12:9, IBhayibhile Yowe-1966.

Into ethethwa ngama-2 Korinte 12:9

 UThixo uthembisa umpostile uPawulos ukuba uza kumnika amandla awadingayo ukuze akwazi ukunyamezela iingxaki anazo aze aphumelele.

 “Ububele bam esele ndikwenzele bona bukwanele.” La mazwi athethwa nguThixo xa wayephendula imithandazo kaPawulos asenokuthetha ukuba “eyona nto uyidingayo bububele bam.” Ngamanye amazwi, ububele bukaThixo babuza kunceda uPawulos akwazi ukunyamezela iingxaki zakhe. Njani? Eli gama lithi “ububele” okanye “ubabalo” lichaza isipho esingasifanelanga esisiphiwe nguThixo. Iileta zikaPawulos zibonisa ukuba obu bubele bukaThixo bamnceda kakhulu. Nangona uPawulos wayekhe wawaphatha kakubi amaKristu, uThixo wamnika amandla awayewadinga ukuze atshintshe nawokunceda abanye bakhonze uYehova. (1 Korinte 15:9, 10; 1 Timoti 1:12-14) Wayenokuqiniseka ukuba uThixo uza kumnceda aphumelele kwiingxaki awayejongene nazo.

 “Kuba amandla am abonakala ngokupheleleyo xa wena ungenamandla.” UYehova a wakhumbuza uPawulos ukuba amandla Akhe abonakala kakhulu xa ewasebenzisa ukuze ancede abantu abangenamandla nabanesono. (2 Korinte 4:7; 12:8) Xa amaKristu eqonda ukuba kukho izinto angakwaziyo ukuzenza aze afune uncedo kuYehova, avumela amandla akhe asebenze kuwo. (Efese 3:16; Filipi 4:13) Acaca ngolo hlobo ke amandla kaThixo ebantwini.

Into ekuthethwa ngayo kuma-2 Korinte 12:9

 UPawulos wabhalela amaKristu aseKorinte ileta malunga no-55 C.E. Ekugqibeleni kwalo leta, wathetha ngokuba ukufanele ukuba ngumpostile. Wayenza loo nto kuba abanye abantu ababezibiza ngokuba ngabefundisi babemgxeka, mhlawumbi ngenxa yendlela awayebukeka ngayo okanye awayethetha ngayo.—2 Korinte 10:7-10; 11:5, 6, 13; 12:11.

 Xa wayezithethelela, uPawulos wachaza ukuba wayengenakukwazi ukwenza zonke izinto azenze kumsebenzi wokushumayela aze anyamezele iingxaki ezininzi, ukuba wayethembele ngamandla akhe. (2 Korinte 6:4; 11:23-27; 12:12) Kwisahluko 12, uthetha ngengxaki anayo awayeyifanisa ‘neliva enyameni,’ ekubonakala ukuba yayingapheli tu, ibe yayimenza akhathazeke okanye agule. (2 Korinte 12:7) Nangona wayengayichazi ukuba yintoni loo ngxaki, wayezimisele ukuyinyamezela encedwa nguThixo.

 NamaKristu namhlanje anokuba neengxaki aze atshutshiswe. Kuyawathuthuzela ukwazi ukuba amandla kaThixo anokuwanceda azinyamezele zonke. NjengoPawulos, angatsho eqinisekile ukuba: “Xa ndingenamandla, kuxa kanye ndinamandla.”—2 Korinte 12:10.

 Bukela le vidiyo imfutshane ukuze ubone into ekuthethwa ngayo kuma-2 Korinte.

a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga inqaku elithi “Ngubani UYehova?