Yiya kwinkcazelo

Kutheni AmaNgqina KaYehova Engawubhiyozeli Umhla Wokuzalwa?

Kutheni AmaNgqina KaYehova Engawubhiyozeli Umhla Wokuzalwa?

AmaNgqina kaYehova akawubhiyozeli umhla wokuzalwa kuba akholelwa ekubeni loo mibhiyozo ayimkholisi uThixo. Nangona iBhayibhile ingatsho phandle ukuba imihla yokuzalwa ayibhiyozelwa kodwa xa ithetha ngayo isinceda sazi imbono kaThixo ngalo mba. Makhe sithethe ngezizathu ezine ezibangela ukuba amaNgqina kaYehova angawubhiyozeli umhla wokuzalwa nemithetho yeBhayibhile.

  1. Ukubhiyozela umhla wokuzalwa akusekelwanga Zibhalweni. Ngokutsho kweFunk & Wagnalls Standard Dictionary of Folklore, Mythology, and Legend, le mibhiyozo ivela kwinkolelo yokuba ngemini umntu azalwa ngayo, “imimoya engendawo isebenzisa elo thuba ukuze imhlasele” ibe “ubukho babahlobo nokunqwenelelwa okuhle kuyamkhusela loo mntu.” Incwadi ethi, The Lore of Birthdays ithi xa kubhiyozelwa imihla yokuzalwa mandulo kwakude “kuxelwe iziganeko zobomi kwangaphambili ngokuba zifundwe kwiinkwenkwezi.” Le ncwadi yoleka ngelithi, “amakhandlela asetyenziswa ngemihla yokuzalwa anemilingo yokukwazi ukuzalisekisa izinto ezinqwenelwa nguloo mntu uzalwayo.”

    Noko ke, iBhayibhile iyakwalela ukusetyenziswa komlingo, ukuvumisa, ukusebenzelana nemimoya “nezinto ezinjengezi.” (Duteronomi 18:14; Galati 5:19-21) Kaloku, esi sesinye sesizathu esabangela ukuba uThixo abagatye abemi besixeko saseBhabhiloni yamandulo kuba babevumisa ngeenkwenkwezi. (Isaya 47:11-15) AmaNgqina kaYehova awazazi zonke iimvelaphi zezinto ezenziwayo; sekunjalo xa iZibhalo zinolwalathiso olucacileyo awalubethi ngoyaba.

  2. AmaKristu okuqala ayengawubhiyozeli umhla wokuzalwa. IWorld Book Encyclopedia ithi “ayekujonga ukubhiyozela ukuzalwa kwakhe nabani na njengesiko lobuhedeni.” IBhayibhile ibonisa ukuba abapostile nabanye ababefundiswe nguYesu uqobo bamisela indlela onke amaKristu afanele ayilandele.—2 Tesalonika 3:6.

  3. AmaKristu akayalelwanga ukuba akhumbule usuku lokuzalwa kodwa akhumbula elokufa kukaYesu. (Luka 22:17-20) Oku akufanele kusothuse kuba iBhayibhile ithi, “umhla wokufa ulunge ngaphezu komhla wokuzalwa.” (INtshumayeli 7:1) Ngaphambi kokuba uYesu afe wazenzela igama elihle noThixo, ngaloo ndlela umhla wokufa kwakhe wawulunge ngaphezu komhla wokuzalwa.—Hebhere 1:4.

  4. Akukho ndawo eBhayibhileni ethetha ngomkhonzi kaThixo owabhiyozela umhla wokuzalwa. Kodwa iyathetha ngabantu ababini ababengakhonzi Thixo ababhiyozela umhla wokuzalwa. Noko ke, kuzo zozibini ezi zihlandlo izinto azizange zihambe kakuhle.—Genesis 40:20-22; Marko 6:21-29.

Ngaba ikho into abaphoswa yiyo abantwana abanabazali abangamaNgqina ngenxa yokuba bengawubhiyozeli umhla wokuzalwa?

Njengabo bonke abazali ababathandayo abantwana babo, bayabapha izipho nanini na ebudeni bonyaka ibe baba namatheko okuzonwabisa. Balinganisa uThixo oqhubeka ebapha izipho ezilungileyo abantwana bakhe. (Mateyu 7:11) Abantwana abanabazali abangamaNgqina akukho nto baphoswa yiyo, njengoko siza kuva apha ngezantsi:

  • “Ndiyakuvuyela ukufumana isipho ndingasilindelanga.”—UTammy, ona-12.

  • “Nangona ndingafumani zipho ngosuku endizalwa ngalo, abazali bam bandinika nanini na. Ndiyayithanda ke loo nto kuba ndizifumana ndingazilindelanga.”—UGregory, ona-11.

  • “Ukuba ucinga ukuba itheko lenziwa mnandi yingoma neekeyiki ezimbalwa, yiz’ ekhaya uze kuzibonela le nto kuthiwa litheko!”—UEric, ona-6.