Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova Athi IVaccine Ayifanelekanga?

Ngaba AmaNgqina KaYehova Athi IVaccine Ayifanelekanga?

 Hayi. AmaNgqina KaYehova awathi ayifanelekanga. Akubona isisigqibo somntu ngamnye ukukhetha ukuba uyayisebenzisa okanye akayisebenzisi. Amaninzi aye akhetha ukuba ayisebenzise.

 Sifuna ukusebenzisa unyango olusemgangathweni ibe siyazivuyela neendlela ezintsha eziye zavela ezisikhusela kwizifo eziyingozi. Siyababulela oogqirha noonesi ngokuzimisela kwabo emsebenzini, ingakumbi ngala maxesha anzima.

 AmaNgqina KaYehova ayasebenzisana nabezonyango. Ngokomzekelo, oko iKhorona iqalile, aye akhupha izikhumbuzo ngeelwimi ezininzi kwiwebhsayithi yabo ekhuthaza abantu ukuba bathobele imigaqo yokhuseleko ebekiweyo kwiindawo abahlala kuzo. Ezinye izikhumbuzo bezithetha ngokubaluleka kokungasondelelani, ukuthobela imigaqo ebekiweyo xa abantu bedibene bebaninzi, ukuvalelwa komntu ogulayo, ukuhlamba izandla, ukunxiba iimask nokuthobela ezinye izinto ezicetyiswe ngabasemagunyeni.—Roma 13:1, 2

 Nazi izinto ebezisoloko zithethwa ziincwadi zamaNgqina KaYehova kangangeminyaka emininzi:

  •   Umntu ngamnye uyazigqibela ukuba uza kusebenzisa oluphi unyango.—Galati 6:5.

     “[Le magazini] ayithi kukho unyango olubhetele kunolunye ibe ayicebisi ngezonyango. Ibhalelwe ukuchaza izinto umntu amele azilindele ngeendlela zonyango ezikhoyo kodwa iyekela emntwini ukwenza isigqibo.”—Awake!, February 8, 1987.

     “Enoba wena nentsapho yakho niza kuyisebenzisa na ivaccine okanye akunjalo, sisigqibo sakho.”—Awake!, August 22, 1965.

  •   Sisebenzisa iindlela ezahlukahlukeneyo zonyango kuba siyabuxabisa ubomi.—IZenzo 17:28

     “AmaNgqina asebenzisa iindlela ezahlukahlukeneyo zonyango ukuze anyange izigulo anazo. Ayakuthanda ukuphila ibe asebenzisa naluphi na unyango olungangqubaniyo nemigaqo yeBhayibhile ukuze aphile ubomi obude.”—The Watchtower, July 1, 1975.

     “AmaNgqina KaYehova ayalamkela unyango. Afuna ukuba sempilweni nokuphila ixesha elide. Amanye awo, njengomKristu wenkulungwane yokuqala uLuka, angoogqirha. . . . Ngokuqinisekileyo amaNgqina KaYehova ayakuxabisa ukusebenza nzima nokuzinikela kwabezonyango. Ayaluxabisa nonyango alufumana kubo.”—IMboniselo, Februwari 1, 2011.