Yiya kwinkcazelo

Yintoni IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova?

Yintoni IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova?

 IQumrhu Elilawulayo liqela labazalwana abambalwa abakhokela amaNgqina KaYehova emhlabeni wonke. Lenza le misebenzi:

 IQumrhu Elilawulayo lilandela umzekelo ‘wabapostile nabadala baseYerusalem’ bexesha lamaKristu okuqala, ababesenzela ibandla lamaKristu izigqibo ezibalulekileyo. (IZenzo 15:2, 6) Njengaloo madoda athembekileyo exesha lamaKristu okuqala, abazalwana abakwiQumrhu Elilawulayo bafumana ukhokelo eBhayibhileni kuba bayaqonda ukuba uYehova uThixo umisele uYesu Kristu njengeNtloko yebandla.​—1 Korinte 11:3; Efese 5:23.

Ngoobani abazalwana abakwiQumrhu Elilawulayo?

 Abazalwana abakwiQumrhu Elilawulayo nguKenneth Cook, Omnci., uGage Fleegle, uSamuel Herd, uGeoffrey Jackson, uStephen Lett, uGerrit Lösch, uMark Sanderson, uDavid Splane, noJeffrey Winder. Bakwikomkhulu lehlabathi eWarwick, eNew York, eMerika.

Lisebenza njani iQumrhu Elilawulayo?

 IQumrhu Elilawulayo liye lamisela iikomiti eziyi-6 ukuze zenze imisebenzi eyahlukahlukeneyo. Umzalwana ngamnye kubo usebenza kwenye yezi komiti okanye ngaphezulu.

  •   IKomiti Yabanxibelelanisi: Le komiti ijongene nezinto zomthetho, iintlekele, iintshutshiso nezinye iimeko zongxamiseko ezichaphazela amaNgqina KaYehova.

  •   IKomiti Yabasebenzi: Ijongene namatsha-ntliziyo akhonza kwiiofisi zamasebe zamaNgqina KaYehova.

  •   IKomiti Yokupapasha: Ijongene nomsebenzi wokwenza iincwadi zeBhayibhileni, ukuzipapasha, nokuzithumela. Kunye nomsebenzi wokwakha iindawo esikhonzela kuzo, iiofisi zokuguqulela, namasebe.

  •   IKomiti Yenkonzo: Ijongene nomsebenzi wokushumayela ‘iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani.’​—Mateyu 24:14.

  •   IKomiti Yokufundisa: Ikhokela umsebenzi wokulungiselela izinto eziqinisa ukholo esizifumana kwiintlanganiso, kwizikolo, kwizinto ezirekhodiweyo nakwiividiyo.

  •   IKomiti Yokubhala: Ijongene nokulungiselelwa kweencwadi eziprintiweyo, ezikwiwebhsayithi yethu nomsebenzi wokuguqulela.

 Ukongezelela kulo msebenzi wenziwa zezi komiti, iQumrhu Elilawulayo lidibana veki nganye ukuze lithethe ngeemfuno zentlangano. Xa lidibene, lithetha ngeZibhalo lize livumele umoya oyingcwele kaThixo ulikhokele xa lisenza izigqibo.​—IZenzo 15:25.

Ngoobani abancedisa iQumrhu Elilawulayo?

 NgamaKristu athembekileyo ancedisa iikomiti zeQumrhu Elilawulayo. (1 Korinte 4:2) Anobuchule namava kumsebenzi wekomiti nganye asebenza kuyo, ibe abakhona nakwintlanganiso yayo yeveki. Nangona engenzi zigqibo, la maKristu ayacebisa futhi eze nenkcazelo eyongezelelekileyo. Alandela izigqibo zekomiti aze ajonge iziphumo zezo zigqibo. Anokuthunywa liQumrhu Elilawulayo ukuba aye kwiindawo ngendawo emhlabeni okanye anikele iintetho kwiintlanganiso zonyaka okanye kwigredi yaseGiliyadi.

ABANCEDISA IQUMRHU ELILAWULAYO

IKomiti

Igama

Eyabanxibelelanisi

  • UEkrann, John

  • UGillies, Paul

  • USnyder, Troy

Eyabasebenzi

  • UGrizzle, Gerald

  • ULaFranca, Patrick

  • UMolchan, Daniel

  • UWalls, Ralph

Eyokupapasha

  • UButler, Robert

  • UCorkern, Harold

  • UGlockentin, Gajus

  • UGordon, Donald

  • ULuccioni, Robert

  • UReinmueller, Alex

  • USinclair, David

Eyenkonzo

  • UBreaux, Gary

  • UDellinger, Joel

  • UGeorges, Betty

  • UGriffin, Anthony

  • UHyatt, Seth

  • UJedele, Jody

  • UMavor, Christopher

  • UPerla, Baltasar, Omnci.

  • USmith, Jonathan

  • UTurner, William, Omnci.

  • UWeaver, Leon, Omnci.

Eyokufundisa

  • UCurzan, Ronald

  • UFlodin, Kenneth

  • UMalenfant, William

  • UNoumair, Mark

  • USchafer, David

Eyokubhala

  • UAhladis, Nicholas

  • UChristensen, Per

  • UCiranko, Robert

  • UGodburn, Kenneth

  • UMantz, James

  • UMarais, Izak

  • UMartin, Clive

  • UMyers, Leonard

  • USmalley, Gene

  • Uvan Selm, Hermanus