Yiya kwinkcazelo

Ngaba INguqulelo Yehlabathi Elitsha Ichanile?

Ngaba INguqulelo Yehlabathi Elitsha Ichanile?

Inxalenye yokuqala yeNguqulelo Yehlabathi Elitsha yakhululwa ngo-1950. Ukususela ngoko, abanye baye baveza izimvo zabo ngeNguqulelo Yehlabathi Elitsha a okanye bathandabuza ukuchana kwayo kuba kwiindinyana ezithile ayifani nezinye iiBhayibhile. Izizathu zokungafani kwayo zidla ngokuba zezi zilandelayo.

  • Ukuthembeka. INguqulelo Yehlabathi Elitsha iguqulelwe kwimibhalo-ngqangi yamandulo nenokuthenjwa ibe isekelwe nakuphando lwakutshanje lwezifundiswa. Ngokwahlukileyo koko, iKing James Version yango-1611, yayiguqulelwe kusetyenziswa imibhalo-ngqangi eyayingachananga kangako neyayingemidalanga kunaleyo isetyenziswe kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha.

  • Ukunyaniseka. INguqulelo Yehlabathi Elitsha izama ukudlulisela isigidimi samandulo esasiphefumlelwe nguThixo. (2 Timoti 3:16) Iinguqulelo ezininzi zeBhayibhile azinyanisekanga kwisigidimi esivela kuThixo kuba zifuna ukulandela amasiko abantu, ngokomzekelo, zifakela isibizo esithi Nkosi okanye esithi Thixo, endaweni yokusebenzisa igama elithi Yehova.

  • Ukucaca Kombandela. Ngokungafaniyo nezinye iinguqulelo ezizibeka ngendlela eyahlukileyo iingcamango eziseBhayibhileni, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha isebenzisa indlela ecacileyo neqondakalayo yokuguqulela, engayifihliyo ingcamango yemibhalo yamandulo. Iinguqulelo eziwabeka ngenye indlela amazwi aseBhayibhileni zinokufakela iingcamango zabantu okanye zikhuphe iinkcukacha ezibalulekileyo.

Umahluko phakathi kweNguqulelo Yehlabathi Elitsha nezinye iinguqulelo

Iincwadi ezingekhoyo. IiBhayibhile zamaRoma Katolika nezamaOthodoki aseMpuma zineencwadi ezaziwa ngokuba zezeApocrypha. Kodwa ke, ezi ncwadi azizange zamkelwe ngamaYuda, ukongezelela koko, iBhayibhile ithi amaYuda ‘ayephathiswe izibhengezo ezingcwele zikaThixo.’ (Roma 3:1, 2) Ngenxa yeso sizathu, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha nezinye iinguqulelo ezininzi zale mihla aziziquki iincwadi zeApocrypha.

Iivesi ezingekhoyo. Ezinye iinguqulelo zongeza iivesi namagama angekhoyo kweyona mibhalo-ngqangi midala yeBhayibhile, kodwa iNguqulelo Yehlabathi Elitsha ayiziquki iivesi ezinjalo. Iinguqulelo ezininzi zale mihla nazo ziye zizikhuphe iivesi ezinjalo okanye zibhale ukuba ezi vesi azinakuthenjwa.

Ukusetyenziwa kwamagama ohlukileyo. Ngokuqhelekileyo, ukuguqulela igama negama kuyenza ingacaci into ethethwayo. Ngokomzekelo, amazwi kaYesu akuMateyu 5:3 adla ngokuguqulelwa ngolu hlobo: “Banoyolo abangamahlwempu ngomoya.” (IBhayibhile YesiXhosa Ka-1990) Abantu abaninzi bathi alicacanga ibinzana elithi, ‘amahlwempu emoyeni,’ ngoxa abanye besithi uYesu wayebethelela imbaluleka yokuthobeka okanye yokuba lihlwempu. Kodwa ke, ingongoma kaYesu yayikukuba, uyolo lokwenene lufumaneka xa siqonda ukuba kufuneka sikhokelwe nguThixo. INguqulelo Yehlabathi Elitsha iyiguqulele ngendlela echanileyo ingcamango yale vesi xa isithi, “abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—Mateyu 5:3. b

Amazwi ancoma iNguqulelo Yehlabathi Elitsha asuka kubaphengululi abangengomaNgqina

  • Ngokuphathelele iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, umguquleli nokwangumphengululi, uEdgar J. Goodspeed, wabhala oku ngomhla kaDisemba 8, 1950: “Ndinomdla kumsebenzi wobuvangeli wabantu benu, nakubungakanani bawo zwenibanzi, yaye ndivuyiswa kakhulu yinguqulelo efundeka ngokulula nenamandla. Ibonisa imiba eyahlukeneyo yemfundo ephilileyo nenzulu, njengoko ndizibonela ubungqina.”

    UEdgar J. Goodspeed

  • UProfesa Allen Wikgren weYunivesithi yaseChicago wathi iNguqulelo Yehlabathi Elitsha ngumzekelo omhle weBhayibhile esebenzisa intetho eqhelekileyo yemihla ngemihla endaweni yokulandela oko kubhalwe kwezinye iiBhayibhile, yona “ifundeka lula kakhulu.”IThe Interpreter’s Bible, Volume I, iphepha 99.

  • Xa ethetha ngeNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, uAlexander Thomson ongumhloli weeBhayibhile waseBritani wabhala oku: “Ngokucacileyo le nguqulelo iphuma ezandleni zabaphengululi abanobuchule nabakrelekrele, abaye bafuna kangangoko kunokwenzeka ukuphuhlisa ingcamango yokwenene yombhalo wesiGrike beyisa kulwimi lwesiNgesi.”IThe Differentiator, yangoAprili 1952, iphepha 52.

  • Umbhali uCharles Francis Potter waqaphela ukuba pha naphaya kukho iindinyana angaziqhelanga, kodwa wathi: “Abaguquleli bale Bhayibhile benze umsebenzi omhle gqitha besebenzisa imibhalo-ngqangi yesiGrike neyesiHebhere, kuyabonakala ukuba ngabantu abakrelekrele ibe bawazi kakuhle umsebenzi wabo.”IThe Faiths Men Live By, iphepha 300.

  • Nangona uRobert M. McCoy wayevakalelwa kukuba kukho iindawana angaziqondiyo kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha, wavuma ukuba iguqulelwe ngokusemagqabini, wathi ngayo: “Ukuguqulelwa kweTestamente Entsha bubungqina bokuba kukho abaphengululi abanobuchule bokumelana neengxaki ezininzi zokuguqulela iBhayibhile.”IAndover Newton Quarterly, kaJanuwari 1963, iphepha 31.

  • UProfesa S. MacLean Gilmour akavumelani nazo zonke iindinyana zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha, kodwa uyatsho ukuba abaguquleli bayo “abanantanga kwisiGrike.”IAndover Newton Quarterly, yangoSeptemba 1966, iphepha 26.

  • UProfesa Thomas N. Winter, wabhala oku xa wayebhekisela kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha eyinxalenye yeKingdom Interlinear Translation of the Greek Scriptures: “Inguqulelo eyenziwe yile komiti ingazichazanga, isexesheni ngokwenene yaye ichanile.”IThe Classical Journal, yangoAprili-Meyi 1974, iphepha 376.

  • Ngo-1989 uProfesa Benjamin Kedar osisifundiswa sesiHebhere kwaSirayeli, wathi: “Kuphando endilwenzileyo lweBhayibhile yesiHebhere nezinye iinguqulelo, ndisoloko ndibhekisela kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiNgesi. Ndifumanise ukuba lo msebenzi uye wenziwa ngabaguquleli bale Bhayibhile wenziwe kakuhle, bayayiqonda eyona ngcamango yayo ibe bayikhuphela ngendlela echanileyo.”

  • Ngokusuka kuhlolisiso lwakhe aye walwenza kwiinguqulelo zesiNgesi ezisithoba, uProfesa Jason David BeDuhn oyingcali kwizifundo zonqulo wabhala wathi: “Le nguqulelo yeyona ichanileyo kunezinye.” Nangona abantu nezinye izifundiswa zeBhayibhile zicinga ukuba umahluko okhoyo kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha ubangelwa ziinkolelo zonqulo zabaguquleli, lo kaBeDuhn waphinda wathi: “Uninzi lotshintsho olukhoyo lubangelwa kukuchana nokucaca kwale nguqulelo eneengcamango ezisuka nqo kwimibhalo-ngqangi yamandulo yeTestamente Entsha.”ITruth in Translation, iphepha 163, 165.

a Akubhekiselwa kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha ka-2013 ehlaziyiweyo.

b Ngokufanayo inguqulelo kaJ. B. Phillips ithi, “abo baziyo ukuba badinga uThixo” ize iTranslator’s New Testament ithi, “abo bayiqondayo intswelo yabo yokomoya.”