Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova AneBhayibhile Yawo?

Ngaba AmaNgqina KaYehova AneBhayibhile Yawo?

AmaNgqina kaYehova aye asebenzisa iinguqulelo ezininzi nezahlukahlukeneyo ekufundeni kwawo iBhayibhile. Iilwimi ezineNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ziyayixabisa kuba isebenzisa igama likaThixo, ichanile kwaye icacile.

  • Isebenzisa igama likaThixo. Abanye abapapashi beBhayibhile baye basilela ukuzukisa uMbhali wayo. Ngokomzekelo, enye inguqulelo yeBhayibhile inoludwe lwamagama abantu abayi-70 ababenenxaxheba ekuvelisweni kwayo. Sekunjalo, kwale Bhayibhile ilisuse kwaphela igama loMbhali wayo​—uYehova uThixo!

    INguqulelo Yehlabathi Elitsha yona iligcinile igama likaThixo kuzo zonke iindawo elivela kuzo kwiilwimi eyabhalwa ngazo iBhayibhile, ngoxa yona ikomiti eyivelisileyo ingachazwanga.

  • Ichanile. Asizizo zonke iinguqulelo ezisidlulisela ngokuchanileyo isigidimi seBhayibhile. Ngokomzekelo, kwenye inguqulelo uMateyu 7:​13 uchazwa ngale ndlela: “Ngena kwisango elimxinwa, ngenxa yokuba isango eliya esihogweni liphangalele ibe ilula indlela eya khona.” Noko ke kulwimi eyabhalwa ngalo iBhayibhile kusetyenziswe igama elithi “intshabalalo” kungekhona elithi “isihogo.” Mhlawumbi abaguquleli bafaka igama elithi “isihogo” kuba bekholelwa ekubeni abantu abangendawo baza kuthuthunjiswa ngonaphakade esihogweni. Kodwa loo ngcamango ayikho eBhayibhileni. Yona iNguqulelo Yehlabathi Elitsha ithi: “Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba ibanzi kwaye iphangalele indlela esa entshabalalweni.”

  • Icacile. Xa into iguqulelwe kakuhle ayifanele ichane nje kuphela kodwa ikwafanele icace, kube lula ukuyiqonda. Makhe sihlole lo mzekelo. KumaRoma 12:11, umpostile ongumKristu uPawulos wasebenzisa ibinzana elithi “ukubila emoyeni.” Ekubeni elo binzana lingavakali kwintetho yale mihla, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha iyibeka le ndinyana ngendlela ekulula ukuyiqonda. Ithi amaKristu afanele ‘avuthe emoyeni.’

Ukongezelela ekusebenziseni kwayo igama likaThixo, ukuchana nokucaca kwayo, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha inenye into eyahluke ngayo: Isasazwa ngaphandle kwentlawulo. Ngenxa yoko, izigidi zabantu ziyifunda ngolwimi lwazo lwenkobe le Bhayibhile kuquka nabo bangakwaziyo ukuzithengela ezabo.