Yiya kwinkcazelo

Kutheni AmaNgqina KaYehova Ethetha Nabantu Ababengenamdla Kwixa Elidlulileyo?

Kutheni AmaNgqina KaYehova Ethetha Nabantu Ababengenamdla Kwixa Elidlulileyo?

Ngenxa yokuthanda kwawo uThixo nommelwane, amaNgqina kaYehova ayakuthanda ukuncokola nabo bonke abantu ngomyalezo weBhayibhile, nkqu nabo bebengenamdla kwixa elidlulileyo. (Mateyu 22:37-39) Ukuthanda uThixo kusibangela ukuba sithobele umyalelo woNyana wakhe wokuba “sinikele ubungqina obucokisekileyo.” (IZenzo 10:42; 1 Yohane 5:3) Ukuze sikwenze oku, asiyi kube kanye ebantwini, kanye njengokuba abaprofeti bakaThixo bakudala babesenza. (Yeremiya 25:4) Siyabathanda abamelwane bethu, ngoko sizama ngako konke ukuxelela bonke abantu ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani,’ nkqu nabo babengenamdla ekuqaleni.​—Mateyu 24:14.

Kuqhelekile ukuba sifike abantu ababengenamdla ekuqaleni benomdla. Nazi izizathu:

  • Abantu bayafuduka.

  • Abanye abahlala kuloo ndlu banomdla kumyalezo esiwuphetheyo.

  • Abantu bayatshintsha. Izinto ezenzeka kweli hlabathi nezinto ezibehlelayo zibangela ukuba abanye ‘bayiphaphele intswelo yabo yokomoya’ baze babe nomdla kumyalezo weBhayibhile. (Mateyu 5:3) Nabo bebesichasa basenokutshintsha, njengokuba kwaba njalo nakumpostile uPawulos.​—1 Timoti 1:13.

Sekunjalo, asinyanzeli mntu ngomyalezo esiwuthunyiweyo. (1 Petros 3:15) Sikholelwa ukuba mntu ngamnye umele azikhethele indlela afuna ukunqula ngayo.​—Duteronomi 30:19, 20.