Yiya kwinkcazelo

Baqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ngefowuni Yasekuhlaleni

Baqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ngefowuni Yasekuhlaleni

 UDaiane liNgqina likaYehova elingumvangeli wexesha elizeleyo eBrazil. Ngenye imini, xa wayeshumayela esebenzisa ifowuni, wancokola nomnye umfazi nomyeni wakhe abaye baba nomdla eBhayibhileni. Bamxelela ukuba baza kuyokuhlala kwilali esecaleni engenambane neintanethi. Enye into kwakungekho Ngqina elihlala phaya. Kuba babefuna ukuqhubeka befunda naye iBhayibhile, bamnika inamba yefowuni esetyenziswa ngumntu wonke, yakula lali babeza kuhlala kuyo. Bavumelana nangexesha ababeza kufowunelana ngalo nosuku.

 Nyhani ke uDaiane wabafowunela ngexesha ababevumelene ngalo, wabafumana! Kwathi kusaphele iiveki ezimbini, babe sele befunde kathathu ngefowuni.

 Kodwa wathi uDaiane xa ephinda ebafowunela, abayiphendula ifowuni. Zange imtyhafise loo nto, kuba waqhubeka efowuna kathathu ngeveki, ibe wayencokola naloo mntu uphendulileyo. Ngenxa yaloo nto, wakwazi ukuqala izifundo zeBhayibhile kunye nabantu abaninzi kuloo lali.

 Ngenye imini, xa uDaiane nomyeni wakhe babeqhuba isifundo seBhayibhile nomnye umfana, omnye umfundisi wecawe yakuloo lali wayiva loo ncoko. Lo mfundisi wema ecaleni kwalo mfana ukuze ave kakuhle. Emva koko, wacela ukuthetha noDaiane nomyeni wakhe. Wayithanda kakhulu loo ncoko ibe wafuna ukuqhutyelwa isifundo eBhayibhile!

 Ekuhambeni kwexesha, uDaiane nomyeni wakhe babeqhubeka befundela lo mfundisi kunye nabanye abantu abayi-5 kuloo lali esecaleni. Ababini kubo, babesele beqalisile ukungena iintlanganiso zamaKristu besebenzisa laa fowuni. Omnye wabo bantu wenza isitulo awasibeka ecaleni kwefowuni ababeza kuhlala kuso xa beqhutyelwa isifundo.

 UDaiane nomyeni wakhe balivuyela kakhulu ithuba abalifumanayo lokushumayela ngoBukumkani kuloo lali esecaleni. UDaiane uthi, “UYehova angenza nabani na ukuba azifumane iindaba ezilungileyo, nabantu abahlala endaweni esecaleni.”