Yiya kwinkcazelo

Abantu Bazixabisa Iileta Zakhe

Abantu Bazixabisa Iileta Zakhe

 UBrooke ohlala eUnited States ngomnye wamaNgqina kaYehova. Ngexesha lekhorona wayeshumayela ngeeleta, kangangokuba wayebhala ezininzi qho ngeveki. Kodwa emva konyaka onehafu waye watyhafa. Kulo lonke elo xesha, wayephendulwe ngumntu omnye nje qha. Ibe loo mntu wayesithi angaphinde ambhalele. UBrooke wayithandabuza into yokuba iileta zakhe zaziluncedo.

 Ekuhambeni kwexesha, elinye iNgqina ekuthiwa nguKim labalisela uBrooke ngencoko ebelinayo nomntu obeze ebhankini. Loo mntu waxelela uKim ukuba wayefumene ileta ebhalwe liNgqina likaYehova. Loo leta yayisuka kuBrooke. Emva kweveki loo mntu waphinda wabuyela ebhankini. Xa wayethetha noKim, lo mntu wabuza ukuba angangena na kwiintlanganiso zebandla. Ngelo xesha, ezo ntlanganiso zazingena ngevideoconference.

 Kungagqithanga xesha lide, uDavid naye oliNgqina wabalisela uBrooke ukuba kukho umntu asebenza naye ofumene enye yeeleta zakhe. Eyona nto wayeyithanda loo mntu kukuba le leta yayibhalwe ngesandla. Wade wathi: “Kudingeka abantu abaninzi abaza kubonisa olu thando ebantwini.” UDavid wamshumayeza loo mntu waza wacela ukumphathela iincwadi zethu ibe loo mntu wavuma.

 AmaNgqina kaYehova ayaqonda ukuba awazusoloko esazi xa imbewu ayityalileyo entsimini ihluma. (INtshumayeli 11:5, 6) Kodwa la mava anceda uBrooke wabona indlela ezixabiseke ngayo izinto azenzayo kumsebenzi wokushumayela.—1 Korinte 3:6.