Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 IBALI LOBOMI

Amehlo KaJairo Amnceda Akhonze UThixo

Amehlo KaJairo Amnceda Akhonze UThixo

Khawuzithelekelele ungakwazi ukuwulawula umzimba wakho, ekuphela kwento okwaziyo ukuyishukumisa ngamehlo. Leyo ke yintlungu akuyo umntakwethu uJairo. Nangona kunjalo, wonwabile. Ngaphambi kokuba ndichaze into emenza onwabe, makhe ndibalise kancinci nje ngaye.

UJairo wazalwa enesigulo sengqondo esibizwa ngokuba yispastic quadriplegia, esimenza angakwazi ukulawula umzimba wakhe. * Ingqondo yakhe ayikwazi ukuzilawula kakuhle izihlunu, ibe oko kubangela ukuba iingalo nemilenze yakhe ibhinyalaze ngokungalawulekiyo. Ngamanye amaxesha uye azenzakalise nganxa yoku kubhinyalaza. Ukanti, usenokwenzakalisa nabo bakufutshane ukuba abahoyanga. Okubuhlungu kukuba, kuye kufuneke iingalo nemilenze yakhe ibotshelelwe kwisitulo sakhe esinamavili ukuze angazenzakalisi okanye onzakalise abanye.

UKUKHULA KABUHLUNGU

UJairo wakhula kabuhlungu kakhulu. Xa wayeneenyanga ezintathu, waqalisa ukuxhuzula aze aquleke. UMama wayedla ngokumfunqula aze amleqise esibhedlele, ecinga ukuba ufile.

Ngenxa yoku kuqina nokujijeka kwemisipha, amathambo kaJairo ajijeka. Xa wayeneminyaka eyi-16, wakruneka ithambo lesinqe kwaza kwafuneka ukuba enziwe utyando ethangeni nasesinqeni. Ndisayikhumbula indlela awayedla ngokulila ngayo ebusuku emva kolo tyando.

Isigulo sikaJairo simenza axhomekeke kwabanye ukuze enze izinto eziqhelekileyo njengokutya, ukunxiba nokungena ebhedini. NguMama noTata abadla ngokwenza le misebenzi. Nangona uJairo esoloko edinga uncedo, abazali bethu basoloko bemkhumbuza ukuba ubomi bakhe abuxhomekekanga kwabanye abantu nje qha, kodwa nakuThixo.

KUVELA INDLELA YOKUNXIBELELANA

Abazali bethu ngamaNgqina kaYehova, ibe bebemfundela amabali eBhayibhile kwasebusaseni uJairo. Bebesoloko besazi ukuba eyona nto ibalulekileyo ebomini kukuba ngumhlobo kaThixo. Ewe kona, ngaphandle nje kokumane ubhinyalaza, umzimba kaJairo wawungasebenzi. Sekunjalo, wayenokuba nethemba lekamva eliqaqambileyo. Kodwa ke, babengaqinisekanga enoba uJairo uyaziqonda izinto abamfundisa zona eziseBhayibhileni.

Ngenye imini, xa uJairo wayesengumntwana, uTata wathi kuye, “Jairo, ndicela uthethe nam.” Waqhubeka wathi, “Ukuba undithanda nyhani, thetha  nam!” Njengokuba uTata wayemcenga ukuba atsho nje libe linye ilizwi, uJairo wathi gwantyi iinyembezi. Nangona wayezama nzima ukuthetha noTata, kwavakala nje ukuhumzela. UTata wazisola ngokumlilisa uJairo. Kodwa ke, ukulila kukaJairo kwakubonisa ukuba umvile uTata, nto nje wayengakwazi ukuthetha.

Abazali bethu bakhawuleza babona ukuba uJairo uye ashukumise amehlo kaninzi xa kukho into abawela ukuyithetha. Kwakumkhathaza uJairo ukubona ukuba akeviwa. Kodwa xa abazali beqonda ukuba yintoni ayifunayo ngokujonga amehlo akhe, wayeye abobotheke luncumo. Yayiyindlela yakhe yokuthi enkosi ke leyo.

Ingcali enceda abantu abangakwaziyo ukuthetha yasicebisa ukuba siphakamise izandla xa sifuna athi ewe okanye hayi. Isandla sasekunene simela uewe, size esasekhohlo simele uhayi. Ngoko ke, wayeye asijonge ntsho isandla asikhethayo.

EYONA NTO IBALULEKILEYO KUBOMI BUKAJAIRO

Kathathu ngonyaka amaNgqina kaYehova aye abe neendibano ekunikelwa kuzo iintetho zeBhayibhile kubantu abaninzi. UJairo wayeyithanda kakhulu intetho eyayinikelwa kwabo baza kubhaptizwa. Ngenye imini, xa wayeneminyaka eyi-16, uTata wambuza , “Jairo, awubaweli wena ukubhaptizwa?” Wasijonga ntsho isandla sasekunene sikaTata eqinisekile ukuba ukubawela nyhani ukubhaptizwa. UTata waphinda wathi, “Umthembisile phofu uThixo emthandazweni ukuba uza kumkhonza ngonaphakade?” Kwakhona uJairo wathi ntsho kwisandla sasekunene sikaTata. Kwakucacile ukuba uJairo wayesele ezahlulele kuYehova.

Emva kweengxubusho zeBhayibhile noJairo, kwakucacile ukuba wayekuqonda okuthethwa lubhaptizo lwamaKristu. Ngoko, ngo-2004, waphendula owona mbuzo ubalulekileyo, “Ngaba uzinikele kuThixo ukuze wenze ukuthanda kwakhe?” UJairo wawuphendula lo mbuzo ngokuphakamisela amehlo akhe phezulu. Kwakulungiselelwe kwangaphimbili ukuba athi ewe ngale ndlela. Ngolo hlobo wabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova eneminyaka eyi-17.

WABA NOMDLA KUTHIXO

Ngo-2011 uJairo wafumana indlela yokuthetha nabantu esebenzisa ikhompyutha elawulwa ngamehlo. Le khompyutha ilandela ilihlo lakhe, ize icofe kuloo ndawo lijonge kuyo. Kule khompyutha kukho ibhodi enemifanekiso emela amagama okanye amabinzana, ukuze incede uJairo athethe nabantu.  Xa eqhwanyaza ejonge omnye wale mifanekiso, le khompyutha ijika loo myalezo ube lilizwi.

Njengoko ulwazi lukaJairo ngeBhayibhile lwalusanda, waba nomnqweno ongakumbi wokunceda abanye basondele kuThixo. Kwisifundo seBhayibhile sentsapho saveki nganye, udla ngokumane ejonga mna aphinde ajonge ikhompyutha yakhe. Ngale ndlela sukuba endikhumbuza ukuba ndibhale phantsi amagqabaza anokuwanikela ezintlanganisweni zethu zamaKristu.

Ezintlanganisweni, uye ajonge ekhompyutheni yakhe kwindawo enempendulo, lize ilizwi elikwikhompyutha liyithethe. Utsho ngolukhulu uncumo qho ekhuthaza ibandla ngale ndlela. Omnye wabahlobo bakaJairo uAlex uthi: “Ndisoloko ndivuya xa ndisiva uJairo egqabaza ngombandela osekelwe eBhayibhileni.”

UJairo usebenzisa ikhompyutha yakhe elawulwa ngamehlo nenelizwi ukuze agqabaze ezintlanganisweni nokuze axelele abanye ngeenkolelo zakhe

UJairo ukwasebenzisa amehlo ukuze axelele abanye ngeenkolelo zakhe. Oku ukwenza ngokujonga umfanekiso okwikhompyutha yakhe, obonisa igadi enezilwanyana nabantu beentlanga zonke behleli ngoxolo. Xa esenza oku, ikhompyutha yakhe idlala ilizwi elithi, “IBhayibhile ithembisa ukuba umhlaba uza kuba yiparadesi apho kungazi kubakho kugula nakufa, iSityhilelo 21:4.” Ukuba lo mntu athetha naye unomdla, uye ajonge omnye umfanekiso ize ikhompyutha idlale ilizwi elithi, “Awungethandi ukufunda iBhayibhile kunye nam?” Okwenza umdla kukuba, utatomkhulu wethu wavuma ukufundelwa nguJairo. Kumnandi ukubona uJairo kunye nelinye iNgqina befundisa uTatomkhulu iBhayibhile ngokuthe ngcembe! Okuvuyisayo kukuba uTatomkhulu uye wabhaptizwa kwindibano yenginqi eMadrid ngoAgasti 2014.

Ootishala kwisikolo sikaJairo bayakuphawula ukuzinikela kwakhe. Ugqirha kaJairo, uRosario, wakhe wathi: “Xa kunokuthiwa mandikhethe inkonzo, bendinokuya kumaNgqina kaYehova. Ndibonile ukuba ukholo lukaJairo lumncede waphila ubomi obunenjongo, nangona ejamelene nemeko enzima.”

Uvuyo lubhalwa emehlweni kuJairo xa ndimfundela esi sithembiso seBhayibhile: “Isiqhwala siya kutsiba njengexhama, nolwimi lwesimumu luya kumemelela ngochulumanco.” (Isaya 35:6) Nangona etyhafa ngamaxesha athile, ngokuqhelekileyo ungumntu owonwabileyo. Oku kungenxa yokuba eyona nto ibalulekileyo ebomini bakhe nguThixo nabahlobo bakhe abangamaKristu. Uvuyo kunye nokholo lwakhe olomeleleyo lubonisa ukuba ukukhonza uYehova kwenza ubonwabele ubomi enoba uneengxaki.

^ isiqe. 5 Uhlobo lwesigulo sengqondo anaso uJairo kuthiwa yicerebral palsy (CP), ibe senza umzimba ungakwazi ukusebenza. Esi sigulo sinokumxhuzulisa umntu, simenze angatyi kakuhle aze angakwazi nokuthetha. Ispastic quadriplegia lolona hlobo luyingozi lwesi sigulo; kuba sinokubangela ukuba iingalo nemilenze iqine nentamo ibe tyokololo.