Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI LOBOMI

Ndafumana Inyaniso Ndingenazandla Nangalo

Ndafumana Inyaniso Ndingenazandla Nangalo

Xa abantu besoyika, bathanda ukubambelela entweni. Mna andikwazi ukuyenza loo nto kuba andinazo izandla neengalo. Ndanqunyulwa iingalo ndineminyaka esixhenxe ukuze kusindiswe ubomi bam.

Umama wandizala ngo-1960 ena-17. Utata wasishiya ngaphambi kokuba ndizalwe. Mna nomama sahlala notatomkhulu nomakhulu eBurg, idolophana ekwindawo eyayibizwa ngokuba yiGerman Democratic Republic, okanye iMpuma yeJamani. Abantu abaninzi apho babengakholelwa kuThixo, nathi ke sasinjalo. Sasingazixakekisi ngoThixo.

Ekukhuleni kwam, ndandivana notatomkhulu. Wayendinika imisebenzi emininzi, njengokuthena imithi. Ndandiyithanda kakhulu loo misebenzi. Ndandingenazingxaki, ndonwabile.

INGOZI EYATSHINTSHA UBOMI BAM

Ngeny’ imini xa ndandineminyaka esixhenxe, ndehlelwa yinto ebuhlungu. Ndandiqalisa unyaka wesibini esikolweni. Endleleni egodukayo, ndakhwela kwipali yombane. Xa ndandiphezulu, ndabethwa ngumbane ndamkelwa ziingqondo. Ndothuka esibhedlele, sendingenazingalo. Zazitshe kakhulu ngumbane, kangangokuba kwafuneka zinqunyulwe. Umama, umakhulu notatomkhulu babexheleke kakhulu. Kodwa ke, mna njengomntwana, ndandingazi ukuba ukungabi nazingalo kwakuza kundenza ndiphile ubomi obunjani xa ndimdala.

Ukuphuma kwam esibhedlele, ndabuyela esikolweni. Abantwana babehlekisa ngam, bendityhala, bendigibisela nangezinto kuba besazi ukuba andinakuziphindezela. Yayindikhathaza indlela ababekhohlakele ngayo nendlela ababendidelela ngayo. Ekugqibeleni, ndathunyelwa eBirkenwerder School for the Disabled, isikolo esasihlala abantwana abaneziphene. Umama, umakhulu notatomkhulu babengakwazi ukuya kundibona, kuba sasikude kakhulu. Ndandibabona ngeholide kuphela. Iminyaka elishumi ndilapho, ndakhula ngaphandle kwabo.

NDAKHULA NDINGENAZO IZANDLA NEENGALO

Ndafunda ukwenza imisebenzi ndisebenzisa iinyawo. Unokuyicinga ke nawe ukuba injani into yokutya ngefolokhwe okanye icephe usebenzisa iinzwane. Kodwa ke ekuhambeni kwexesha ndakwazi ukuyenza loo nto. Ndafunda nokuhlamba amazinyo, ukukama ndisebenzisa iinyawo. Ndandikhomba ngeenyawo xa ndithetha nabantu. Iinyawo zam zaba zizandla zam.

Xa ndandiqalisa ukubhadla, ndandikuthanda ukufunda iincwadi zesayensi. Ngamanye amaxesha ndandizibona ngathi ndineengalo ezifakelweyo ezindenza ndikwazi ukwenza yonk’ into. Xa ndandineminyaka eyi-14, ndaqalisa ukutshaya. Loo nto yayindenza ndizithembe, ndizibone ndifana nabanye abantu. Yayingathi ndithi: ‘Nam ndinokuyenza le nto. Abantu abatshayayo ngabantu abadala​—benengalo bengenazo.’

Ndandihlala ndixakekile ndisenza nezinto zasekuhlaleni. Ndaba lilungu leFree German Youth, umbutho wolutsha owawuxhaswa ngurhulumente. Ndandingunobhala walo mbutho, isikhundla esiphezulu ekuhlaleni. Ndangenela kwiqela lomculo, ndisenza imibongo ndidlala nemidlalo eyenzelwe abantu abaneziphene. Ukugqiba kwam ukufunda, ndaphangela kwinkampani esedolophini. Ekukhuleni, ndandizinxiba qho iingalo zam ezifakelweyo kuba ndandifuna ukuba yindoda.

NDAFUMANA INYANISO

Ngenye imini ndiphangela, ndathi ndisalinde uloliwe, kwafika enye indoda. Yandibuza ukuba ndikhe ndiyicinge na into yokuba uThixo angandibuyisela iingalo zam. Ndandibhidekile. Ewe kona ndandifuna ukuphinda ndibe neengalo, kodwa yonke loo nto yayiliphupha nje kum. Kaloku ndandingakholelwa kuThixo, ndiqinisekile ukuba akakho. Ukususela ngoko ndayiphepha loo ndoda.

Kancinci nje emva koko, omnye umntu endandisebenza naye wandimemela ekhayeni lakhe. Sathi sisahleli kamnandi, abazali bakhe baqalisa ukuthetha ngoThixo​—uYehova uThixo. Ndandiqala ukuva ukuba uThixo unegama. (INdumiso 83:18) Kodwa ke, ngaphakathi ndandisithi: ‘Akho Thixo qha ke, enoba kuthiwa ngubani igama lakhe. Ndiza kubabonisa aba bantu ukuba yintsomi le bayithethayo.’ Ndiqinisekile ukuba akakho nyhani uThixo, ndavuma ukuba sincokole ngeBhayibhile. Kodwa ke, zange ndikwazi ukuyimela into yam.

Njengoko sasifunda ngeziprofeto eziseBhayibhileni, kancinci kancinci ndaya ndikholelwa kuThixo. Iziprofeto ezininzi ziye zazaliseka nangona zazibhalwe kumawaka eminyaka ngaphambili. Ngenye imini sincokola ngeBhayibhile, sathelekisa iimeko zehlabathi noko kubhalwe kwisiprofeto esikuMateyu isahluko 24, uLuka isahluko 21, no-2 Timoti isahluko 3. Njengoko iimpawu zokugula komntu zinokunceda ugqirha azi ukuba ugula yintoni, ngendlela efanayo iziganeko ezichazwe kwezo ziprofeto zandinceda ndazi ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ ekuthethwa ngayo eBhayibhileni. * Yayibangela umdla le nto. Ezo ziprofeto zazaliseka phambi kwam.

Ndandiqinisekile ukuba le yinyaniso. Ndathandaza kuYehova uThixo ndaza ndayeka ukutshaya, nangona ndandiyingedle iminyaka engaphezu kwelishumi. Ndaqhubeka ndifundelwa isithuba esingangonyaka. Ngo-Aprili 27, 1986, ngokufihlakeleyo ndaphaptizwa ebhafini, kuba ngelo xesha wawuvaliwe umsebenzi wamaNgqina kwiMpuma yeJamani.

NDANDISIPHA

Ngenxa yokuba umsebenzi wawuvaliwe, sasingamaqela amancinane adibana kumakhaya abantu kwaye ndandisazi abazalwana abambalwa. Ndingalindelanga, urhulumente wandivumela ukuba ndiye kwiNtshona yeJamani, apho wawungavalwanga umsebenzi wethu. Okokuqala ngqa ebomini bam, ndaya kwiindibano, apho ndadibana nabazalwana noodade abaninzi. Andisoze ndiyilibale loo nto.

Emva kokuba uDonga lweBerlin ludiliziwe, umsebenzi wamaNgqina kaYehova wavulwa. Ngoku, sasimnqula ngokukhululekileyo uYehova uThixo. Ndandifuna ukushumayela ngaphezu kokuba bendisenza. Kodwa ndandisoyika ukudibana nabantu endingabaziyo. Ndandiziva ndimncinci ngenxa yesiphene sam nokuba ndakhulela kwikhaya labantwana abaneziphene. Kodwa ngo-1992, ndazama ukushumayela iiyure eziyi-60 kwinyanga enye. Ndenza kakuhle kwaye ndandonwabile. Ngoko ndazimisela ukushumayela ezo yure kangangeminyaka emithathu.

Ndikhumbula amazwi aseBhayibhileni athi: “Ngubani na obuthathaka, ndize mna ndingabi buthathaka?” (2 Korinte 11:29) Nangona ndinesiphene, ndinayo yona ingqondo nelizwi. Ngoko ndizama kangangoko ukunceda abantu. Ukungabi nangalo, kundenza ndibe novelwano ngabo bangakwaziyo ukuzenzela nto. Ndiyazi kunjani ukufuna ukwenza into kodwa ube ungakwazi. Ndiye ndibakhuthaze abo banjalo. Ukupha abantu ngaloo ndlela kuyandivuyisa.

Ukuxelela abanye iindaba ezilungileyo kuyandonwabisa

UYEHOVA USOLOKO ENDINCEDA

Xa ndithetha inyani, kubakho amaxesha ndizive ndiphantsi. Nam ndifuna ukufana nabanye abantu. Ndizenzela yonke into, kodwa kuthath’ ixesha, umgudu namandla kunokuba kumele kube njalo. Suku ngalunye ndizixelela oku: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.” (Filipi 4:13) UYehova usoloko endinika amandla endiwadingayo ukuze ndikwazi ukwenza imisebenzi yosuku. Ndiyazi ukuba uYehova usoloko endinceda. Yiloo nto ndingasoze ndiyeke ukumkhonza.

UYehova undisikelele ngentsapho entle, eyilento kanye ndandiyifuna ekukhuleni kwam. Ndinomfazi endimthandayo, uElke, ondithandayo nonovelwano. Phezu kwayo yonke loo nto, ndinabazalwana noodade abasehlabathini lonke.

Ndikunye nenkosikazi yam endiyithandayo, uElke

Ndithuthuzelwa nasisithembiso sikaThixo sokuba umhlaba uza kuba yiParadesi, apho aya kwenza ‘zonke izinto zibe ntsha,’ neengalo zam. (ISityhilelo 21:5) Ndisiqonda kakuhle esi sithembiso xa ndicinga ngoko uYesu wakwenzayo xa wayelapha emhlabeni. Ngoko nangoko, waphilisa abantu ababeneziphene wada wabuyisela nendlebe yendoda eyayisusiwe. (Mateyu 12:13; Luka 22:50, 51) Izithembiso zikaYehova nemimangaliso eyenziwa nguYesu zindenza ndiqiniseke ukuba kungekudala nam ndiza kufana nabanye abantu.

Eyona ntsikelelo inkulu kukwazi uYehova uThixo. Uye wangutata nomhlobo, umthuthuzeli ondipha amandla. Ndivakalelwa ngendlela efanayo nekaKumkani uDavide owathi: “UYehova ungamandla am . . . yaye ndincediwe, ukuze intliziyo yam igcobe.” (INdumiso 28:7) Ndifuna ukubambelela nkqi kule nyaniso ubomi bam bonke. Ndiya kubambelela kuyo nakubeni ndingenazandla nazingalo.

^ isiqe. 17 Ukuze ufunde okungakumbi ngomqondiso wemihla yokugqibela, funda isahluko 9 esithi “Ngaba Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’?” sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova, iyafumaneka naku-www.pr418.com/xh.