Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | UZA KUSAMKELA ISIPHO ESIKHULU SIKATHIXO?

Isipho Esikhulu SikaThixo—Kutheni Sixabisekile?

Isipho Esikhulu SikaThixo—Kutheni Sixabisekile?

Yintoni ekwenza usixabise nyhani isipho? Nazi ezinye izinto ezine ezisenza sixabiseke: (1) usiphiwe ngubani, (2) ukuphele ntoni, (3) yintoni ayincamileyo ukuze akuphe sona, yaye (4) ngaba ubusidinga. Ukucinga ngezi zinto zine, kungasinceda siyixabise intlawulelo, isipho esikhulu sikaThixo.

USIPHIWE NGUBANI ESI SIPHO?

Ezinye izipho zixabisekile kuba zisuka kumntu onegunya okanye obekekileyo. Ukanti ezinye, nangona zithengwe ngemali encinci ziyagcinwa ngenxa yokuba zisuka kwilungu lentsapho okanye kumhlobo. Kunjalo ke nangesipho sikaJordan awasinikwa nguRussell ekuthethwe ngabo kwinqaku elidlulileyo. Isebenza njani le nto kwintlawulelo?

Okokuqala, iBhayibhile ithi ‘uThixo wathumela uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo ehlabathini ukuze sizuze ubomi ngaye.’ (1 Yohane 4:9) Yiloo nto eyenza esi sipho sixabiseke nyhani. Akukho mntu unegunya ngaphezu koThixo. Ethetha ngoThixo, omnye umdumisi ongumHebhere wathi: “Wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” (INdumiso 83:18) Akakho umntu ophakame ngaphezu kwakhe obenokusipha isipho esinje.

Okwesibini, uThixo ‘nguBawo.’ (Isaya 63:16) Njani? Wasinika ubomi. Kwakhona, usikhathalele njengotata onothando obahoyileyo abantwana bakhe. Ethetha nabanye babantu bakhe bakudala amaEfrayim, uThixo wathi: “UEfrayim ungunyana oxabisekileyo na kum, okanye umntwana endimteketisayo?.  . . Kungenxa yoko le nto kusikayo emathunjini am ngenxa yakhe. Ngandlela zonke ndiya kuba nosizi ngaye.” (Yeremiya 31:20) UThixo uvakalelwa ngendlela efanayo ngabakhonzi bakhe banamhlanje. AkangoMdali onamandla kuphela kodwa ukwanguTata noMhlobo. Ngaba loo nto ayenzi ukuba nasiphi na isipho esisuka kuye sixabiseke?

UKUPHELE NTONI?

Ezinye izipho zixabisekile kuba loo mntu ukunikayo akanyanzelwanga kodwa ukunika kuba ekuthanda. Umntu okuvuyelayo ukukupha into akalindeli mbuyekezo ngesipho akunike sona.

UThixo wasinika uNyana wakhe kuba esithanda. IBhayibhile ithi: “Kwabonakaliswa ngale nto ukusithanda kukaThixo, ngokuthi uThixo athumele uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo.” Ngoba? “Ukuze sizuze ubomi ngaye.” (1 Yohane 4:9) Ngaba uThixo wayenyanzelekile ukuba enze loo nto? Hayi! ‘Intlawulelo ngoKristu Yesu’ ibonisa ‘ububele obungasifanelanga’ bukaThixo.—Roma 3:24.

Kutheni isipho sikaThixo ‘sibububele obungasifanelanga’? IBhayibhile ithi: “UThixo ubonakalisa uthando lwakhe kuthi ngokuthi, ngoxa sasisengaboni, uKristu asifele.” (Roma 5:8) Ukusithanda kukaThixo kwabangela ukuba asincede kubuthathaka nakwisono esinaso. Besingalufanelanga olo thando yaye asinakukwazi ukumbuyekeza ngalo. Isipho asinike sona uThixo sibonisa ukuba akakho umntu osithanda njengaye.

YINTONI AYINCAMILEYO?

Ezinye izipho zixabisekile kuba loo mntu ukuphileyo kukho into ayincamileyo. Xa umntu esipha into ayithanda kakhulu, nathi siye siyithande ngakumbi ngenxa yokuba eye wayincamela thina.

UThixo “wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo.” (Yohane 3:16) Akakho omnye umntu amthanda ngolo hlobo awayenokusinika yena. Ukutyhubela iminyaka uThixo edala, wayesebenza noYesu yaye ‘emthanda ngokukhethekileyo.’ (IMizekeliso 8:30) UYesu ‘nguNyana othandwa nguThixo’ yaye “ungumfanekiso kaThixo ongabonakaliyo.” (Kolose 1:13-15) Abakho abantu abakhe bavana njengabo.

Sekunjalo, uThixo ‘akambandezanga uNyana wakhe.’ (Roma 8:32) Wasinika oyena mntu amthandayo. Asikho isipho esingaphezu kweso.

XA USIDINGA NYHANI ISIPHO

Ezinye izipho zixabisekile kuba bezidingeka yaye zifuneka ngokukhawuleza. Ngokomzekelo, ngaba ubungayi kumbulela umntu okubhatalele iindleko zonyango obungakwazi ukuzifikelela? Ubungayi kuwuvala umlomo, akunjalo?

“Njengoko kuAdam bonke besifa, ngokunjalo nakuKristu bonke baya kwenziwa baphile.” (1 Korinte 15:22) Ekubeni siyinzala ka-Adam, sonke ‘siyafa,’ asikwazi ukuphepha ukugula nokufa yaye asikwazi nokuzixolelanisa noThixo size sibe msulwa emehlweni akhe. Singabantu abaphantsi, ngoko asinakukwazi ukwenza nabani na ‘aphile,’ angafi, nkqu neziqu zethu. IBhayibhile ithi: ‘Akukho namnye kubo onokumkhulula nangayiphi na indlela umzalwana wakhe, okanye anike uThixo intlawulelo ngaye ukusa kwixesha elingenammiselo.’ (INdumiso 49:7, 8) Sikudinga nyhani ukuncedwa kuba asinakulifikelela ixabiso lentlawulelo. Ukuba ibingekho intlawulelo, besingasoze sincedakale.

Ngenxa yokuba esithanda, uYehova uye wakwazi ukusibhatalela iindleko ‘zonyango’ esizidingayo, ukuze ngoYesu ‘sonke senziwe siphile.’ Intlawulelo ikwenza njani oku? ‘Igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulule kuso sonke isono.’ Ukholo kwigazi likaYesu elaphalalayo lusenza sixolelwe izono zethu size sifumane ubomi obungunaphakade. (1 Yohane 1:7; 5:13) Yintoni eza kwenziwa yintlawulelo kubantu abafileyo esibathandayo? “Ekubeni ukufa kungomntu, nokuvuka ekufeni kukwangomntu [uYesu].”—1 Korinte 15:21. *

Idini likaYesu sesona sipho sibalaseleyo esivela koyena mntu uphezulu nesiqhutywa luthando. Akukho mntu wakha wasinika isipho esikhulu kangaka njengoYehova uThixo. Futhi asikho isipho ebesisidinga njengedini likaYesu elisikhulule kwisono nasekufeni. Asikho isipho esinokufikelela ixabiso lentlawulelo.

 

^ isiqe. 19 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngenjongo kaThixo yokuvusa abantu abafileyo, funda isahluko 7 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova. Iyafumaneka naku-www.pr418.com/xh.