Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHELISA INZONDO EQHUBEKAYO

1 | Sukuba Nomkhethe

1 | Sukuba Nomkhethe

Into Ethethwa YiBhayibhile:

“UThixo akakhethi, kodwa kuzo zonke iintlanga [kuye wonke umntu] wamkela nabani na omoyikayo nowenza izinto ezilungileyo.”​—IZENZO 10:34, 35.

Into Ethethwa Sesi Sibhalo:

UYehova * uThixo akagqibi ukuba singabantu abanjani ngenxa yelizwe esihlala kulo, uhlanga, ibala lethu, okanye indlela esikhule ngayo. Endaweni yoko, ujonga eyona nto ibalulekileyo​—umntu esinguye ngaphakathi. IBhayibhile iphinde ithi, “umntu ubona nje okubonakalayo emehlweni, kodwa uYehova ubona okusentliziyweni.”​—1 Samuweli 16:7.

Indlela Esinokukunceda Ngayo Esi Sibhalo:

Nangona singayazi into esentliziyweni yomntu, sinokuxelisa uThixo size singabi namkhethe kwabanye abantu. Zama ukwazi umntu ngamnye endaweni yokugqiba ukuba ungumntu onjani ngenxa yabantu abasondeleyo kuye. Xa ubona ingathi awubathandi abanye abantu​—mhlawumbi ngenxa yohlanga okanye ilizwe abasuka kulo​—thandaza kuThixo akuncede uyeke ukuvakalelwa ngaloo ndlela. (INdumiso 139:23, 24) Ukuba umcela ngokusuka entliziyweni uYehova ukuba akuncede uyeke ukuba nomkhethe, unokuqiniseka ukuba uza kuyimamela imithandazo yakho aze akuncede.​—1 Petros 3:12.

^ isiqe. 6 Igama likaThixo nguYehova.​—INdumiso 83:18.

“Ngaphambili zange ndakhe ndahlala nomntu omhlophe ngoxolo. . . Ngoku ndandingomnye wabazalwana abanobuhlobo bamanyhani emhlabeni wonke.”​—UTITUS