Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

Ndicela Undinike Uxolo Nolonwabo Unyaka Nje Ube Mnye

Ndicela Undinike Uxolo Nolonwabo Unyaka Nje Ube Mnye
  • UNYAKA WOKUZALWA: 1971

  • ILIZWE: EFRANCE

  • UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYESISAPHULI-MTHETHO, EZIPHETHE KAKUBI, ESEBENZISA NEZIYOBISI

INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO:

Intsapho yasekhaya yayihlala eTellancourt, idolophana ekumntla-mpuma weFrance. Utata wayengumFrentshi, ibe yena umama engumTaliyane. Xa ndandineminyaka esibhozo, safudukela kwindawo enabantu abahluphekayo eRome, eItaly. Kuloo ndawo, babunzima ubomi. Abazali bam babesilwa ngenxa yeengxaki zemali.

Xa ndandineminyaka eyi-15, umama wandicela ukuba ndimke ekhaya ndiye kuzenzela abahlobo. Ngoko ndalishiya ikhaya ixesha elide. Kungabanga kudala ndazidibanisa nabantu ababi. Ngenye imini kweza indoda eyayibonakala inobuhlobo. Yandinika iziyobisi, ibe kuba ndandifuna ukwamkeleka ndazithatha. Ndazibhaqa sele ndingene zwabha kwiziyobisi yaye ndiziphethe kakubi. Ndandidla ngokuxhatshazwa ngokwesini. Ndandingasiboni isizathu sokuphila, ndiphila ubomi obungenanjongo. Ndandililolo. Xa ndandineminyaka eyi-16, ndazama ukuzibulala ngokusela ibhotile yotywala ndaza ndaziphosa echibini. Ndalala esibhadlele iintsuku ezintathu, ndingekho zingqondweni.

Ngoko ndabuxabisa ubomi, kodwa ndaba ndlongondlongo ibe ndaba lixoki. Ndandiye ndilale nabantu, ndibanike iziyobisi emakhayeni abo ndize ndebe nantoni na eyayixabisekile. Imigulukudu yandisebenzisa ekusasazeni iziyobisi eItaly. Amapolisa ayesoloko endikhangela. Ubomi bam babungenanjongo yaye bungalawuleki. Kodwa ndandikholelwa ukuba sikho isizathu sokuba ndiqhubeke ndiphila. Ndacela kuThixo ngomthandazo ukuba andinike uxolo nolonwabo unyaka nje ube mnye.

INDLELA IBHAYIBHILE EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM:

Xa ndandineminyaka eyi-24, ndagqiba ekubeni ndimke eNgilani. Ngenxa yezinto endazenzayo, ubomi bam babusengozini. Ngaphambi kokuba ndimke ndatyelela umama ibe ndothuka ndakubona indoda egama linguAnnunziato Lugarà incokola naye ngeBhayibhile. * Kuba ndandibazi ubomi bakhe bangaphambili, ndandisoyika yaye ndambuza ukuba wayebekwa yintoni apho. Wandixelela ngotshintsho alwenzileyo ebomini bakhe ukuze abe liNgqina likaYehova, ibe wandenza ndamthembisa ukuba ndiza kuthetha namaNgqina ndisakufika eNgilani. Noko ke, xa ndafikayo, ndaphindela kwindlela endandiphila ngayo.

Ngenye imini, kwisitrato esiphithizelayo saseLondon ndadibana neNgqina elandinika iMboniselo noVukani! Ndikhumbula isithembiso endandisenze kuAnnunziato, ndalicela ukuba lindiqhubele isifundo seBhayibhile.

Oko ndakufunda eBhayibhileni kwandimangalisa ngokwenene. Ngokomzekelo, ndachukunyiswa ngamazwi akweyoku-1 kaYohane 1:9 athi ngoThixo: “Ukuba siyazivuma izono zethu, uthembekile yaye ulilungisa ukuba asixolele izono zethu aze asihlambulule kuyo yonke intswela-bulungisa.” Le vesi yabutshintsha ubomi bam kuba ndandizibona ndingaphucukanga ngenxa yezinto endandizenza. Ngoko nangoko ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova kwiHolo YoBukumkani. AmaNgqina andamkela ngobubele. Xa ndabona indlela abangabahlobo bokwenene ngayo—into endandisoloko ndiyinqwenela—ndafuna ukuba lilungu lebandla labo elalifana nentsapho.

Nangona kwakulula ukuyeka iziyobisi nendlela endandiphila ngayo, kwaba nzima ukutshintsha ubuntu bam. Ndabona ukuba ndifanele ndibaphathe ngembeko abanye kwaye ndibacingele. Xa nditheth’ inyani, ndisalwa nemikhwa emibi nangoku. Kodwa ngoncedo lukaYehova, ndiye ndenza inkqubela. Ngo-1997, kwiinyanga ezintandathu ndifundiswa iBhayibhile, ndabhaptizwa ndaba liNgqina likaYehova.

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO:

Emva kokuba ndibhaptiziwe, ndatshata nebhinqa elinguBarbara naye owayesanda kuba liNgqina likaYehova. Xa omnye wabahlobo bam wabona indlela enditshintshe ngayo, waqalisa ukufunda iBhayibhile. Ekuhambeni kwexesha, yena nodade wabo baba ngamaNgqina. Udade bomakhulu owayeneminyaka engaphezu kweyi-80, waqalisa ukufunda ibe wabhaptizwa ngaphambi kokuba afe.

Ngoku ndingumdala ebandleni lasekuhlaleni, ibe sinomfazi wam singabashumayeli bexesha elizeleyo, sifundisa iBhayibhile abantu abathetha isiTaliyane eLondon. Ngamanye amaxesha ndikhe ndizive ndikhathazekile ngenxa yezinto endandizenza, kodwa uBarbara usoloko endixhasa. Ngoku, siphila ubomi bentsapho endandibunqwenela kwakudala, ibe ndinoBawo onothando esekulithuba ndimfuna. Ndacela uThixo ukuba andinike uxolo nolonwabo unyaka nje ube mnye, kodwa uye wandinika okungaphezulu kunoko!

Ngoku, siphila ubomi bentsapho endandibunqwenela kwakudala, ibe ndinoBawo onothando esekulithuba ndimfuna

^ isiqe. 10 Jonga inqaku elithi: “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu—Ndandingahambi Ngaphandle Kompu Wam,” kubalisa uAnnunziato Lugarà, kwiMboniselo kaJulayi 1, 2014, iphepha 8-9.