Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | KUTHENI UMELE UNYANISEKE?

Kutheni Kuluncedo Ukunyaniseka?

Kutheni Kuluncedo Ukunyaniseka?

“Siyathemba ukuba sinesazela esinyanisekileyo, njengoko sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”—Hebhere 13:18.

EBhayibhileni igama lesiGrike elidla ngokuguqulelwa ngokuthi “ukunyaniseka” ngokoqobo lithetha “eyona nto ilunge ngokwenene.” Lisenokuthetha ukujonga izinto ngendlela efanelekileyo.

AmaKristu awathatha nzulu amazwi aphefumlelweyo kampostile uPawulos athi: “Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.” Kodwa kubandakanya ntoni oko?

UMLO WANGAPHAKATHI

Ntsasa nganye uninzi lwabantu luye luzijonge espilini. Ngoba? Ukuze lubone ukuba luyafaneleka na. Kodwa kukho into ebaluleke lee kunenkangeleko yeenwele okanye isinxibo sala maxesha. Inkangeleko yethu yangaphandle enyanisweni ityhila oko sikuko ngaphakathi.

ILizwi likaThixo liyavuma ukuba kulula ngathi ukwenza okubi. IGenesis 8:21 ithi: “Intliziyo yomntu ityekele ebubini kwasebutsheni bakhe.” Ngoko ke, ukuze sinyaniseke sifanele silwe nzima nokungafezeki esazalwa nako. Umpostile uPawulos wawuchaza ngokucacileyo lo mlo kwimeko yakhe ngokuthi: “Ngokwenene ndiyayoliswa ngumthetho kaThixo ngokomntu endinguye ngaphakathi, kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am usilwa nomthetho wengqondo yam yaye undithimbela emthethweni wesono osemalungwini am.”—Roma 7:22, 23.

Ngokomzekelo, xa iintliziyo zethu zisitsalela ekwenzeni okubi kwaye kulula ngathi ukunganyaniseki, asifanele sibe ngamakhoboka eentliziyo zethu. Sisenokwenza ukhetho. Xa sikhetha ukuziphepha iingcinga ezimbi sinokuhlala sinyanisekile phezu kwako nje ukunganyaniseki okukhoyo.

UKOYISA KULO MLO

Ukuze sinyaniseke sifanele siziphathe kakuhle. Ngelishwa abantu bachitha ixesha elininzi begqiba ngendlela abafanele “banxibe ngayo” kunokuba bacinge ngendlela yokuziphatha. Ngoko basoloko bekuthethelela ukunganyiseki kwabo. Incwadi ethi, The (Honest) Truth About Dishonesty ithi: “Singade sixoke kuba nje sifuna ukukhusele indlela esijongwa ngayo.” Noko ke, ngaba ukho umlinganiselo onokusinceda sazi ukuba kunini apho bamkelekileyo ubuxoki? Ngethamsanqa ukho.

Izigidi zabantu ehlabathini lonke, ziye zancedwa yiBhayibhile. IBhayibhile inemigaqo emihle engenakuthelekiswa nanto. (INdumiso 19:7) Isinika ukhokelo esinokulithemba, kwimicimbi yeentsapho, umsebenzi, ukuziphatha, nezinto zobuthixo. Ibisoloko ikho nangamaxesha obunzima. Imithetho nemigaqo yayo iluncedo kuzo zonke, iintlanga, iilwimi, nezizwe. Xa sifunda, sicamngca ngoko ikuthethayo, kwaye sisebenzisa amacebiso ayo, sinokuqeqesha iintliziyo zethu ukuze zinyaniseke.

Sekunjalo, kufuneka senze okungakumbi kunokufumana nje ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile ukuze siliphumelele eli dabi lokunganyaniseki. Ngapha koko, siphila kwihlabathi eliziphethe kakubi nelisinyanzela ukuba samkele iindlela zalo ezingaphucukanga. Yiloo nto kubalulekile ukuba sithandaze sicele uncedo nenkxaso kaThixo. (Filipi 4:6, 7, 13) Ngokwenjenjalo, siya kuba nesibindi sokwenza oko kulungileyo size sihlale sinyanisekile kwizinto zonke.

UMVUZO WOKUNYANISEKA

UHitoshi ekuthethwe ngaye kwinqaku elingaphambili wavuzwa ngokunyaniseka kwakhe. Ngoku usebenzela umqeshi omxabisayo. Uthi: “Ndiyabulela kuba ndiye ndafumana umsebenzi ondenza ndibe nesazela esicocekileyo.”

Nabanye bayavumelana noku. Makhe sithethe ngemizekelo yabo baye bavuzwa ngokuthobela umgaqo weBhayibhile othi, ‘ziphathe ngokunyaniseka kwizinto zonke.’

  • Isazela Esicocekileyo

    “Ndayeka esikolweni ndineminyaka eyi-13 ukuze ndisebenze namasela. Ngenxa yoko, i-95 pesenti yomvuzo wam, ndandiyifumene ngondlela mnyama. Ethubeni ndatshata, kwaye mna nomyeni wam saqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Safunda ukuba uYehova * uThixo uyazicaphukela izenzo zokunganyaniseki, ngoko sagqiba kwelokuba sitshintshe indlela esasiphila ngayo. Ngo-1990 sazahlulela kuYehova saza sabhaptizwa njengamaNgqina kaYehova.”—IMizekeliso 6:16-19.

    “Ngaphambili, indlu yam yayizele zizinto ezibiweyo, kodwa ngoku akho nenye; kwaye oku kundenza ndibe nesazela esicocekileyo. Xa ndicinga emva kwiminyaka yam yokunganyaniseki, ndiyambulela uYehova ngenceba yakhe. Sihlandlo ngasinye ndisiya kulala kuyandivuyisa ukwazi ukuba uYehova uyakholiswa ndim.”—UCheryl waseIreland.

    “Xa umqeshi wam weva ukuba ndalile ukunyotywa ngumthengi, wathi kum: ‘UThixo wakho ukwenza uthembeke! Kuyintsikelelo ngokwenene ukusebenza kwakho kule nkampani.’ Ukunyaniseka kwizinto zonke kundenza ndiqhubeke ndinesazela esicocekileyo phambi kukaYehova uThixo. Ndiye ndikwazi ukunceda intsapho nabanye ukuba benze okufanayo.”—USonny waseHong Kong.

  • Ukuba Noxolo Lwengqondo

    “Emsebenzini ndilisekela lomphathi kwibhanki yehlabathi. Ukunyaniseka kunqabile, eyona nto iphambili yingeniso. Ubukhulu becala abantu bathi, ‘Akuyongozi ukuxoka noba kukancinci ukuba kuza kuphucula ezoqoqosho.’ Ngokunyaniseka, ndihlala ndinoxolo lwengqondo kwaye ndilungele naziphi na imeko ezinovela. Abaqeshi bam bayazi ukuba andisoze ndixoke kubo okanye ndivume bandixokise.”—UTom waseMerika.

  • Ukuzihlonela

    “Umphathi wam wathi mandixoke ngezinto ezazilahlekile emsebenzini, kodwa andizange ndivume. Xa bavelayo abantu abangamasela wandibulela ngokunyaniseka kwam. Ukunyaniseka kweli hlabathi linganyanisekanga, kufuna isibindi. Ekugqibeleni, siye sithenjwe size sihlonitshwe ngabanye.”—UKaori waseJapan.

Isazela esicocekileyo, uxolo lwengqondo nokuzihlonela—zonke ezi zinto zibonisa ukuba ukunyaniseka kunomvuzo. Ngaba akuvumi?

^ isiqe. 18 UYehova ligama likaThixo elichazwe eBhayibhileni.