Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iibhiskithi Ezaziphiwa Izinja Zam

Iibhiskithi Ezaziphiwa Izinja Zam

UNICK ohlala eOregon, eUnited States wathi, “Kwakungentwasahlobo ngo-2014, ndithe chu nezinja zam ezincinci sisehla idolophu. Kule dolophu kwakudla ngokuma amaNgqina neetroli zawo. Ayenxiba kakuhle, ebulisa wonke umntu ogqithayo encumile.

“AmaNgqina ayengenabubele ebantwini nje qha, ayenobubele nakwizinja zam. Ngenye imini, uElaine owayemi ngasetrolini wapha izinja zam ezimbini iibhiskithi. Ukususela ngaloo mini, qho xa sikufutshane naloo troli zazinditsalela kuyo.

“Kwaqengqeleka iinyanga izinja zivuyela iibhiskithi, mna ndivuyela ukumana ndincokola kancinci namaNgqina. Kodwa ndandingafuni ukuncokola kakhulu nawo. Ndandisendidlulile kwiminyaka eyi-70, ndingaqinisekanga nokuba ziintoni azikholelwayo. Emva kokuphoxwa ziicawa zamaProtestanti, ndabona kubhetele ndizifundele ngokwam iBhayibhile.

“Ndandidla ngokubona namanye amaNgqina emi neetroli zawo nakwezinye iindawo kwalapha edolophini. Nawo ayesoloko enobubele. Ayesebenzisa iBhayibhile xa ephendula yonke imibuzo endandinayo. Loo nto yandenza ndaya ndiwathemba.

“Ngeny’ imini uElaine wandibuza wathi, ‘Uyayikholelwa into yokuba izilwanyana siziphiwe nguThixo?’ Ndathi, ‘Ewe, ndiqinisekile ngaloo nto!’ Wandifundela uIsaya 11:6-9. Ezo vesi zandenza ndanomdla wokufundiswa iBhayibhile, kodwa ndandingekafuni ukuthatha iincwadi zabo.

“Kwiintsuku ezilandelayo ndandidla ngokuncokola noElaine nomyeni wakhe uBrent. Sasingadli ngokuncokola ixesha elide, kodwa izinto esasincokola ngazo zazisenz’ umdla. Bandicebisa ukuba ndifunde incwadi kaMateyu ukuya kutsho kwiZenzo ukuze ndiqonde ukuba kutheth’ ukuthini ukulinganisa uKristu. Ndayenza loo nto. Kungabanga xesha lide, ehlotyeni ngo-2016, ndavuma ukuba bandifundise iBhayibhile.

“Qho ngeveki, yayiba ngathi alufiki usuku lwam lokufunda nelokuya kwiintlanganiso kwiHolo YoBukumkani. Kwandivuyisa kakhulu ukufunda eyona nto ithethwa yiBhayibhile. Emva konyaka ndifundelwa, ndabhaptizwa. Ngoku ndina-79, ndivuyiswa kukuba uYehova undibonisile indlela afuna ndihambe ngayo. Undifake kwintsapho yakhe enabantu abazinikele kuye.”