Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 NGABA YADALWA?

Umlenze Wehashe

Umlenze Wehashe

IHASHE linokubaleka iikhilomitha eziyi-50 ngeyure. Nangona oku kusenokufuna amandla, kodwa alisebenzisi mandla maninzi. Likwenza njani oko? Lincedwa yimilenze yalo.

Khawucinge ngoko kwenzekayo xa ihashe liphala. Imisipha yalo enwebekayo ifumana amandla xa linyathela emhlabeni, ize njengespringi, ilityhalele phambili ihashe ngamandla.

Ukongezelela, xa ihashe liphala, imilenze yalo ishukuma kakhulu, ibe oko kungayenzakalisa imisipha. Noko ke, izihlunu ezisemilenzeni ziyayikhusela. Abaphandi bathi “le misipha yakhiwe ngendlela ekhethekileyo” kuba inceda ihashe liphale, kwangaxeshanye libe namandla.

Iinjineli zizama ukuxelisa indlela esebenza ngayo imilenze yehashe ukuze zenze iirobhothi ezihamba ngemilenze emine. Noko ke, ngokutsho kweBiomimetic Robotics Laboratory yeMassachusetts Institute of Technology akuyondlwan’ iyanetha ukwenza into eza kusebenza oku kwemilenze yehashe kusetyenziswa ulwazi lobunjineli nezixhobo ezikhoyo ngoku.

Ucinga ntoni? Ngaba indlela osebenza ngayo umlenze wehashe yazivelela? Okanye yadalwa?