Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Oko Kufundiswa YiBhayibhile

Indalo

Indalo

Ngaba uThixo wadala umhlaba nje kwiintsuku ezintandathu ezineeyure eziyi-24 njengokuba abantu abakholelwa kwindalo besitsho?

“Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.” —Genesis 1:1.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Ibhekisela kwixesha lamandulo, iGenesis 1:1 ithi “ekuqaleni,” uThixo wadala yonke indalo kuquka nomhlaba. Oososayensi banamhlanje bayavuma ukuba yonk’ indalo inesiqalo. Kutshanje oososayensi baqikelela ukuba indalo ineminyaka eyi-14 bhiliyoni ikho.

IBhayibhile ikwachaza ‘iintsuku’ ezintandathu zokudalwa. Noko ke, ayitsho ukuba ezi ntsuku zaba ziiyure eziyi-24. (Genesis 1:31) Eneneni, iBhayibhile isebenzisa ibinzana elithi ‘usuku’ ukuze ichaze ubude bamaxesha ahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, ichaza lonke ixesha lokudalwa ngokuthi ‘lusuku uYehova uThixo awenza ngalo umhlaba nezulu.’ (Genesis 2:4) Ubungqina bubonisa ukuba, ezi ‘ntsuku’ zokudala zathatha amawaka eminyaka.—INdumiso 90:4.

ISIZATHU SOKUBA UMELE UBE NOMDLA

Iingcamango ezibubuxoki zabantu abakholelwa kwindalo zinokukwenza ungayikholelwa kwaphela iBhayibhile. Kwelinye icala, ukuba iBhayibhile inengxelo enokuthenjwa ngendalo, uza kuzuza koovimba bayo ‘bobulumko bobuqili.’—IMizekeliso 3:21.

 Ngaba uThixo wasebenzisa indaleko xa wayedala?

“UThixo wathi: ‘Umhlaba mawuvelise imiphefumlo ephilayo ngohlobo lwayo.’” —Genesis 1:24.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

UThixo akazange adale into enye, zaza zonke ezinye zaphuma kuyo. Kunoko, wadala iindidi ezahlukahlukeneyo zezityalo nezilwanyana “ngohlobo” lwazo, zaza zavelisa “ngohlobo lwazo.” (Genesis 1:11, 21, 24) Kusasebenza kanye ngaloo ndlela wayedale ngayo uThixo kuba nanamhlanje umhlaba uzaliswe zizityalo nezilwanyana ngohlobo lwazo.—INdumiso 89:11 .

IBhayibhile ayisichazeli zinkcukacha ngomahluko onokwenzeka okanye onokubakho kwinto nganye edaliweyo, njengenzala enokuvela xa isilwanyana sohlobo oluthile sikhwela esinye okanye siphila kwimeko okanye kwindawo eyahlukileyo! Nangona abanye besithi oko kubangelwa yindaleko, inyaniso kukuba alukho uhlobo olutsha oluvelayo. Abaphandi banamhlanje bayayixhasa ingcamango yokuba luncinane utshintsho oluye lwenzeka kwizityalo nezilwanyana kule minyaka idluleyo.

ISIZATHU SOKUBA UMELE UBE NOMDLA

Ukuchana kweBhayibhile ngokwesayensi ekuchazeni ‘iintlobo’ zobomi kusenza siyithembe nakweminye imiba, kuquka imbali nesiprofeto.

Zazivela phi izinto ekwadalwa ngazo?

“Ngezandla zam ndawaneka amazulu.”—Isaya 45:12.

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

UThixo unguMthombo wamandla angenasiphelo. (Yobhi 37:23) Oku kubalulekile, kuba oososayensi baye bafunda ukuba amandla asenokujikwa kwenziwe loo nto ifuna ukwenziwa. IBhayibhile ithi uThixo nguMthombo ‘wamandla amakhulu’ ekudalwe ngawo yonke into. (Isaya 40:26) UThixo uthembisa ukusebenzisa amandla akhe ukuze alondoloze indalo yakhe, kuba iBhayibhile ithi ngokuphathelele ilanga, inyanga, neenkwenkwezi: “[UThixo] uzigcina zimile ngonaphakade.”—INdumiso 148:3-6.

ISIZATHU SOKUBA UMELE UBE NOMDLA

UAllan Sandage osisazi ngeenkwenkwezi wakhe wathi: “Isayensi ayikwazi kuyiphendula imibuzo entsonkothileyo. Izinto ezidaliweyo isayensi ayikwazi ukuzichaza ukuba zivela phi.” IBhayibhile ayipheleli nje ekuchazeni indalo ngendlela evumelana nesayensi, kodwa ikwaphendula nemibuzo isayensi engenako ukuyiphendula—njengothi, Yintoni injongo kaThixo ngomhlaba nangabantu? *

^ isiqe. 16 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 3 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.