Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 UDLIWANO-NDLEBE | NO-FENG-LING YANG

Isazi Sebhayoloji Sichaza Ngokholo Lwaso

Isazi Sebhayoloji Sichaza Ngokholo Lwaso

UFeng-Ling Yang usebenza kwisebe lokuphanda elikwisikolo sokuphanda esiseTaipei, eTaiwan. Iziphumo zophando lwakhe zikhe zapapashwa nakwiincwadi zesayensi. Wayekade esithi izinto azizange zidalwe kodwa zazivelela. Kodwa ngoku akasatsho. UVukani! uye wadlan’ indlebe naye ngesayensi nangokholo lwakhe.

Khawusichazele ngemvelaphi yakho.

Abazali bam babengamahlwempu yaye umama wayengakwazi ukufunda. Sasifuye iihagu silima nokulima kwindawo eyayithandwa zizikhukula kufuphi nesixeko saseTaipei. Abazali bam bandifundisa ukusebenza nzima nokunceda abanye abantu.

Yayikholwa intsapho yakho?

Intsapho yakuthi yayikholelwa kunqulo lwamaTshayina ekuthiwa bubuTao. Sasisenza amadini kuThixo esasisithi nguThixo waMazulu, nangona sasingamazi nokuba ungubani kanye-kanye. Ndandidla ngokuzibuza ukuba: ‘Kutheni abantu behlupheka kangaka? Kutheni abantu bezicingela bodwa?’ Ndafunda iincwadi zobuTao nobuBhuda nezembali yaseMpuma neyaseNtshona. Ndada ndaya nakwiicawa eziliqela. Kodwa andizange ndiphenduleke.

Kwakutheni ukuze ufunde isayensi?

Ndandizithanda izibalo kwaye ndandinomdla kwindlela imithetho eyahlukahlukeneyo elawula ngayo imeko-bume yezinto. Yonke into, enoba inkulu njengomhlaba okanye incinane kakhulu ilawulwa yimithetho. Ngoko ke ndandifuna ukuqonda indlela esebenza ngayo le mithetho.

Yintoni eyayikwenza ukholelwe ukuba izinto zazivelela?

Ndandingazanga ndayifundiswa enye into. Ukususela kwisikolo samabanga aphakamileyo ukuya eyunivesithi, ukuzivelela kwezinto kuphela kwento endandiyifundiswa. Kwakhona, ekubeni ndandiphanda ngesayensi yobomi, kwakulindeleke ukuba nam ndivume ukuba izinto zazivelela.

Ekubeni ndandiphanda ngesayensi yobomi, kwakulindeleke ukuba nam ndivume ukuba izinto zazivelela

Kwakutheni ukuze ufunde iBhayibhile?

Ngo-1996 ndaya kuhlala eJamani ukuze ndifumane izidanga ezingakumbi. Kunyaka olandelayo  ndadibana noSimone. WayeliNgqina likaYehova ibe wathi uza kundibonisa indlela eyiphendula ngayo imibuzo yam iBhayibhile. Ndaba nomdla gqitha xa wathi iBhayibhile iyayichaza injongo yobomi. Ndaqalisa ukuvuka ngecala emva kwentsimbi yesine ntsasa nganye ukuze ndifunde iBhayibhile kangangeyure. Emva koko ndandibethwa ngumoya ukuze ndicamngce. Kunyaka olandelayo, ndayifunda ndayigqiba iBhayibhile. Ndayithanda gqitha indlela ezichane ngayo iziprofeto zayo. Kwaya kusithi tha kum ukuba iBhayibhile ibhalwe nguThixo.

Wawusithi buvela phi ubomi?

Kaloku, ukuqalisa kwam ukuyicingisisa le nto phaya ekupheleni kweminyaka ye-1990, izazi zebhayoloji zaziqalisa ukuqonda ukuba ubomi buntsonkothe gqitha kunokuba bezikade zicinga. Yinyaniso kona ukuba oososayensi babesele besazi kakade ukuba iiproteni ezikwiiseli eziphilayo zezona molekyuli zintsonkothileyo kwezikhoyo. Kodwa ke ngelo xesha zaziqalisa ukuqonda indlela iiproteni ezisebenza ngayo ukuze zenze oomatshini abantsonkothileyo. Umatshini wemolekyuli unokubunjwa ziiproteni ezingaphezu kweziyi-50. Nkqu neyona seli ibonakala ingantsonkothanga idinga oomatshini abaliqela—ngokomzekelo ukuze ivelise amandla, ikope inkcazelo ethile okanye ilawule izinto ezingena kwiseli.

Wafikelela kwesiphi isigqibo?

Ndazibuza ukuba, ‘Kwenzeka njani ukuze ezi seli zisebenze ngendlela echulwe kangaka?’ Ngelo xesha, ukufumanisa ukuba iiseli zintsonkothe ngale ndlela kwenza oososayensi abaninzi bazibuza kwaumbuzo ofanayo. Kwincwadi awayipapashayo, omnye unjingalwazi webhayoloji waseUnited States uthi aba matshini beemolekyuli bantsonkothe kakhulu kangangokuba akunakwenzeka ukuba basuka bathi gqi nje esithubeni. Ndathi uchan’ ucwethe. Ndandisithi nakanjani ubomi badalwa.

Ndazibuza ukuba, ‘Kwenzeka njani ukuze ezi seli zisebenze ngendlela echulwe kangaka?’

Kwakutheni ukuze ube liNgqina likaYehova?

Ndaba nomdla xa ndibona uSimone ehamba iikhilomitha eziyi-56 veki nganye ukuze andifundise iBhayibhile nangona wayenempilo enkenenkene. Kwakhona ndafunda ukuba xa kwakulawula amaNazi, amaNgqina aliqela avalelwa kwiinkampu zoxinaniso ngenxa yokwala kwawo ukungena kwiipolitiki. Ndakuthanda gqitha ukukhalipha kwawo. Xa ndabona indlela amthanda ngayo uThixo, nam ndafuna ukuba njengawo.

Uzuze ntoni ngokukholelwa kuThixo?

Abantu endisebenza nabo bathi ndonwabile ngoku. Ndandikade ndizijongela phantsi ngenxa yokuba ndikhule ndihlupheka, ngoko zange ndakha ndaxelela mntu ukuba ndakhulela phi okanye ndithethe ngabazali bam. Kodwa ke eBhayibhileni ndifunde ukuba uThixo akanamsebenzi nokuba unamalini. Phofu ke kusenokwenzeka ukuba noYesu wakhulela kwintsapho ehlupheke njengale yam. Ngoku ndibahoyile abazali bam kwaye ndiyakuthanda ukubazisa kubahlobo bam.