Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

BalanceFormcreative/iStock via Getty Images Plus

Yenza Abahlobo Ukuze Ungaziva Uwedwa—Into Ethethwa YiBhayibhile

Yenza Abahlobo Ukuze Ungaziva Uwedwa—Into Ethethwa YiBhayibhile

 Emhlabeni abantu baziva bebodwa ibe bacinga ukuba abanakukwazi ukuba ngabahlobo abasondeleyo nabanye. Abantu abanolwazi ngezempilo bakholelwa ukuba eyona nto inokwenza abantu bayeke ukuziva bebodwa kukunceda abantu.

  •   “Xa kukho abantu abadingayo size sibancede, loo nto ingasenza sonwabe singaziva sisodwa.”—IU.S. National Institutes of Health.

 IBhayibhile iyasicebisa ngendlela esinokunceda ngayo abanye. Ukulandela la macebiso kungasinceda singaziva sisodwa.

Into onokuyenza

 Yiba nobubele. Khangela amathuba okuba nabantu kwindawo enye, uze uchithe ixesha kunye nabo. Zimisele ukubapha izinto onazo. Xa usenza loo nto, baza kukubulela kakhulu, nize nibe ngabahlobo.

  •   Umgaqo weBhayibhile: “Hlalani nisipha, ibe nabantu baza kunipha.”—Luka 6:38.

 Sebenzisa ixesha namandla akho ukuze uncede abanye. Jonga iindlela onokubanceda ngazo abanye abasengxakini. Loo nto unokuyenza ngokubamamelisisa kakuhle ngovelwano, nangokubancedisa kwizinto abamele bazenze ukuze bazive bebhetele.

  •   Umgaqo weBhayibhile: ‘Umhlobo usoloko ekulungele ukunceda kuyo yonke ingxaki.’—IMizekeliso 17:17, i-Contemporary English Version.

 Ukuze ufunde nezinye izinto ngendlela onokwenza ngayo ukuze uhlale uvana nabanye, funda inqaku elithi “Indlela Oyiphatha Ngayo Intsapho Yakho Nabahlobo.”