Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukhuseleko Lwamabhinqa​​—Into Ethethwa YiBhayibhile

Ukhuseleko Lwamabhinqa​​—Into Ethethwa YiBhayibhile

 Amabhinqa amaninzi emhlabeni wonke aye aphathwa kakubi. Ngaba nawe ungomnye wawo? Funda ukuba kutheni uThixo efuna ukhuseleke, nokuba uza kwenza ntoni ngokuphathwa kakubi kwamabhinqa.

 “Ngoku ndandisemncinci, ubhuti wam wayendihlukumeza, endibetha ibe ethetha amazwi ahlabayo kum yonke imihla. Nasemva kokuba nditshatile, umamazala wam wayendithuka. Yena notatazala babendisebenzisa nzima ingathi ndilikhoboka. Ndade ndacinga ngokuzibulala.”​—UMadhu, a eIndia.

 I-World Health Organization iyangqina ukuba “into yokuphathwa kakubi kwamabhinqa yinto esoloko isenzeka emhlabeni wonke.” Iqikelela ukuba kumabhinqa amathathu, elinye liphathwa kakubi ngokubethwa okanye ngokwesondo ebomini balo.

 Ukuba loo nto yakhe yenzeka kuwe, usenokuziva ngathi awukhuselekanga nokuba uyaphi, kube ngathi kukho umntu ozothetha amazwi ahlabayo, akubethe okanye akuphathe kakubi ngokwesondo. Ngenxa yale nto, kusenokuba ngathi abantu abaninzi bacinga ukuba ‘Amabhinqa awabalulekanga nganto.’ Kodwa ngaba amabhinqa abalulekile kuThixo?

IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo akafuni amabhinqa aphathwe kakubi

UThixo uziva njani ngamabhinqa?

 Isibhalo: “[UThixo] wadala indoda nomfazi.”​—Genesis 1:27.

 Le nto ithetha ukuba: UThixo ufuna amadoda namabhinqa ahlonitshwe, kuba onke adalwa nguye. Enye into, ulindele ukuba abayeni ‘bathande abafazi babo njengokuba bezithanda,’ bangazami ukubalawula ngokuthetha amazwi ahlabayo okanye babaphathe kakubi. (Efese 5:33; Kolose 3:19) Kuyacaca ukuba uThixo ufuna amabhinqa akhuseleke.

 “Ndisemncinci, ndahlukunyezwa ngokwesondo ngabantu endizalana nabo. Xa ndandina-17, umqeshi wam wandoyikisa ngokuba uza kundigxotha ukuba andifuni ukulala naye. Ndisobamdala, umyeni wam, umama notata noomakhelwane babendiphatha kakubi. Kodwa ekuhambeni kwexesha ndafunda ngoYehova, b uMdali, ndeva nokuba uyawahlonipha amabhinqa. Le nto yandenza ndaqiniseka ukuba uyandithanda ibe ndixabisekile kuye.”​—UMaria, eArgentina.

Yintoni enokukunceda uzive bhetele?

 Isibhalo: “Kukho umhlobo osondela ngaphezu komntakwenu.”​—IMizekeliso 18:24.

 Le nto ithetha ukuba: Umhlobo wokwenene uza kukuxhasa. Ukuba unokukwazi, chazela umntu omthembileyo indlela oziva ngayo.

 Kwaphela iminyaka eyi-20 ndingazange ndixelele mntu ukuba ndakhe ndaphathwa kakubi ngokwesondo ndisemncinci. Ngenxa yalo nto, ndandingonwabanga ibe ndisoloko ndinexhala. Kodwa xa ndathetha nomntu owandimamela kakuhle, kwathi xibilili, ndaziva bhetele.”​—UElif, eTürkiye.

 Isibhalo: “Liphoseni [kuThixo] lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”​—1 Petros 5:7.

 Le nto ithetha ukuba: Xa uthandaza, uThixo uyakumamela. (INdumiso 55:22; 65:2) Kuba ekukhathalele, unokukunceda uyiqonde indlela oxabiseke ngayo.

 “Ukufunda ngoYehova kuye kwandinceda ndaphola kwizinto ezibuhlungu endandiziva. Ngoku uThixo ndimxelela yonke into ngomthandazo. Ufana nomhlobo oyiqonda kakuhle indlela endiziva ngayo.”​—UAna, eBelize.

Ngaba uYehova uza kukuphelisa ukuphathwa kakubi kwamabhinqa?

 Isibhalo: “[UYehova] . . . uza kubagwebela ngobulungisa abangenatata nabo batyunyuziweyo, ukuze umntu ofayo wasemhlabeni ayeke ukuboyikisa.”​—INdumiso 10:​17, 18.

 Le nto ithetha ukuba: UThixo uza kukuphelisa konke ukuphathwa kakubi kwamabhinqa.

 “Kuyandithuthuzela kakhulu ukwazi ukuba uYehova uza kukuphelisa ukuphathwa kakubi kwamabhinqa namantombazana amancinci. Kundenze ndazola.”​—URoberta, eMexico.

 Ukuze ufunde nezinye izinto ngendlela iBhayibhile esenza ngayo sibe nethemba, isizathu sokuzithemba ezi zithembiso, uze uve ukuba amaNgqina kaYehova anokukunceda njani uyazi kakhulu, cela lizokudibana nawe.

 Dawunlowuda eli nqaku unokuliprinta.

a Amagama atshintshiwe.

b UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:​18) Jonga inqaku elithi “Ngubani UYehova?