Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Abaguquleli Ababini Abaye Baligcina Igama LikaThixo KwiTestamente Entsha

Abaguquleli Ababini Abaye Baligcina Igama LikaThixo KwiTestamente Entsha

 Omnye wemithandazo abantu abaninzi abaye bayifunda ngumthandazo weNkosi, uYesu awawufundisa abalandeli bakhe. Lo mthandazo ufumaneka kwiTestamente Entsha. Uqala ngokuthi: “Tata wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.” (Mateyu 6:9) Igama likaThixo, elithi “Yehova” ngamamye amaxesha elithi “Yahweh,” linqabile kwiinguqulelo zesiNgesi zeTestamente Entsha. Nangona kunjalo, ezi nguqulelo ziyawafaka amagama oothixo bobuxoki, njengoZeus, uHermes, noAthemis. Ngaba bekungamelanga ukuba balifakile igama likaThixo oyinyaniso noMbhali weBhayibhile?IZenzo 14:12; 19:35; 2 Timoti 3:16.

ITestamente Entsha ichaza oothixo bobuxoki abaninzi ngamagama, awulindelanga ukuba imchaze ngegama naye uThixo oyinyaniso?

 Abaguquleli beBhayibhile yesiNgesi uLancelot Shadwell noFrederick Parker babekholelwa ukuba igama likaThixo limele libuyiselwe kwiTestamente Entsha. Kutheni sisithi “libuyiselwe”? Kuba babekholelwa ukuba igama likaThixo lalikhona kwinguqulelo yokuqala laza laphinda lakhutshwa. Yintoni eyayibenza bacinge ngolo hlobo?

 UShadwell noParker babesazi ukuba imibhalo yakudala eyayikhona eyayibizwa ngokuba yiTestamente Endala, neyayibhalwe ngesiHebhere yayinegama likaThixo izihlandlo ezininzi. Babezibuza ukuba kutheni imibhalo yeTestamente Entsha ilisusile ngokupheleleyo igama likaThixo. a UShadwell waqaphela ukuba imibhalo yeTestamente Entsha xa isebenzisa amagama aqhelekileyo akwiTestamente Endala njengathi “ingelosi kaYehova,” abantu ababekhuphela iTestamente Entsha yesiGrike baye balisusa igama likaThixo baza bafaka isibizo esithi Kyʹri·os, esithetha ukuthi “Nkosi.”—2 Kumkani 1:3, 15; IZenzo 12:23.

Igama likaThixo ngesiHebhere

 Kwanangaphambi kokuba uShadwell noParker bakhuphe iinguqulelo zabo zesiNgesi, abanye abaguquleli balibuyisela igama likaThixo kwiinguqulelo zabo zesiNgesi zeTestamente Entsha, kodwa kwiindawo ezimbalwa. b Ngaphambi kuka-1863, xa uParker wayekhulula iLiteral Translation of the New Testament, akukho mguquleli wesiNgesi waziwayo owafaka igama likaThixo kwiindawo ezininzi kwiTestamente Entsha. Yayingubani uLancelot Shadwell noFrederick Parker?

ULancelot Shadwell

 ULancelot Shadwell (1808-1861) wayeligqwetha ibe engunyana weprofesa uLancelot Shadwell, waseNgilani. WayekwiCawe yaseNgilani. Nangona wayekholelwa kubathathu emnye, wayelihlonipha igama likaThixo, elibiza ngokuthi “ligama elizukileyo likaYEHOVA.” Kwinguqulelo yakhe yeencwadi zevangeli ekaMateyu nekaMarko eyayisithi “The Gospels of Matthew, and of Mark” wasebenzisa igama elithi “Yehova” kayi-28. Kwamanye amanqaku akhe waphinda walisebenzisa kayi-465.

 Kusenokwenzeka ukuba uShadwell igama likaThixo walibona kwiTestamente Endala yesiHebhere. Wathi abo baye balisusa igama likaThixo baza bafaka igama elithi Kyʹri·os kwinguqulelo yesiGrike yeTestamente Endala “yayingabaguquleli abanganyanisekanga.”

The Gospel according to Matthew rendered into English with notes, by L. Shadwell (1859), provided by the Bodleian Libraries. Licensed under CC BY-NC-SA 2.0 UK. Modified: Text highlighted

Inguqulelo kaShadwell kuMateyu 1:20

 Kwinguqulelo yakhe, uShadwell waqala ukusebenzisa igama elithi “Yehova” kuMateyu 1:20. Xa wayebhala ngale vesi, wathi: “Igama elithi [Kyʹri·os] nakwezinye iivesi kwiTestamente Entsha limela igama likaThixo, uYEHOVA ibe kubalulekile ukuba lifakwe kwiinguqulelo zesiNgesi.” Waphinda wathi: “UThixo ufuna silisebenzise. Uye wazazisa ngegama elinguYEHOVA ibe simele silisebenzise xa sithetha ngaye.” Emva koko wathi: “KwiE.V. [Established, Authorized, okanye kwiKingJames Version] yeBhayibhile, igama likaYEHOVA livela kambalwa . . . Endaweni yokuba kubekho igama likaThixo, kukho igama elithi Nkosi. Eli gama lithi Nkosi . . . sisibizo esingafanelanga” sisetyenziswe endaweni yegama likaThixo, kuba naye uShadwell ubizwa ngokuthi “Nkosi” ekhayeni lakhe, nakwilizwe lakhe.

“[UThixo]” uzazise ngegama elinguYEHOVA ibe simele silisebenzise xa sithetha ngaye.”—Lancelot Shadwell

 UShadwell wakhulula inguqulelo yakhe kaMateyu ngo-1859 waza wakhulula nenguqulelo edityanisiweyo kaMateyu noMarko ngo-1861. Kodwa umsebenzi wakhe waphela kuba wasweleka ngoJanuwari 11, 1861, eneminyaka eyi-52. Nangona kunjalo, imizamo yakhe yayibonakala.

UFrederick Parker

 Inguqulelo kaMateyu kaShadwell yafunyanwa yindoda esisityebi neneshishini yaseLondon, uFrederick Parker (1804-1888). Wayefuna ukuguqulela iTestamente Entsha xa wayeneminyaka eyi-20. Ngokungafaniyo noShadwell, uParker wayengayikholelwa imfundiso kabathathu emnye. Wabhala wathi: “[Kwanga] yonke iCawe yoNyana [kaThixo] ingabambelela kwinyaniso ize ikhonze uSomandla omnye uYehova.” UParker wayekholelwa ukuba imibhalo yeTestamente Entsha esebenzisa igama elithi Kyʹri·os xa ithetha ngoThixo nangoYesu njengeNkosi, ayiwuvezi umahluko phakathi kwabo. Wachukumiseka xa wabona ukuba kwezinye iindawo uShadwell usebenzise “uYehova” endaweni kaKyʹri·os.

 Wazazi njani ezi zinto uParker? Wafunda isiGrike waza wabhala iincwadi neencwadana ezininzi ngesiGrike. Waba lilungu leAnglo-Biblical Institute, elalikhuthaza ukuba kwenziwe uphando ngemibhalo yeBhayibhile ukuze kuguqulelwe iiBhayibhile zesiNgesi ezichanileyo. Ngo-1842, uParker wapapasha inguqulelo yakhe yokuqala yeTestamente Entsha ngokweenxalenye ezahlukeneyo. c

Inguqulelo yeTestamente Entsha kaParker (Heinfetter)

Imizamo kaParker Yokubuyisela Igama LikaThixo

 Iminyaka emininzi uParker wabhala ngokuphathelele le mibuzo: “Kunini apho uKyʹri·os ebhekisela kwiNkosi uYesu, ibe kunini apho ebhekisela kwiNkosi uThixo?” “Kutheni igama elithi Kyʹri·os lisoloko lisetyenziswa njengegama hayi isibizo?”

 Xa uParker wabona incwadi kaMateyu eyayiguqulelwe nguShadwell ngo-1859 nezinto awazibhalayo ngoKyʹri·os, waqonda ukuba eli gama “limele liguqulelwe ngokuthi Yehova.” Wayitshintsha yonke inguqulelo yakhe yeTestamente Entsha ukuze ifake igama elithi “Yehova” kuzo zonke iindawo isiGrike esisebenzise lona. Igama likaThixo livela kayi-187 kwinguqulelo kaParker yango-1863 ethi Literal Translation of the New Testament. Le kuphela kwenguqulelo eyaziwayo, neyapapashwa ngesiNgesi esebenzise igama likaThixo kuzo zonke izibhalo zamaKristu zesiGrike. d

Iphepha lomxholo lenguqulelo yeTestamente Entsha kaParker yango-1864

 Ngo-1864, uParker wakhulula inguqulelo ethi Collation of an English Version of the New Testament . . . With the Authorized English Version. Isizathu sokuba adibanise ezi Testamente Zintsha zimbini kumqulu omnye wayefuna ukubonisa umahluko phakathi kwazo. e

 Ukuze abonise ukubaluleka kokubuyisela igama likaThixo, uParker wabhekisela kwiivesi eziliqela kwiAuthorized Version, kuquka amaRoma 10:13, athi: “Nabani na obiza egameni leNkosi uza kusindiswa.” UParker wabuza: “Ngubani owaziyo ukuba kwiAuthorized English Version igama elithi Nkosi libhekisela kuYehova, hayi uNyana uYesu Kristu oyiNkosi”?

AmaRoma 10:13 kwiKing James Version (phezulu) nenguqulelo kaParker yango-1864

 UParker wasebenzisa imali eninzi kakhulu ekupapasheni, nasekuthengiseni amaphecana, amaphepha neminye imibhalo yakhe. Ngonyaka omnye, wasebenzisa imali eninzi eyi-800 pounds, elingana nemali engaphezu kwe-100 000 British pounds ($132,000 U.S.) namhlanje. Kwakhona wathumelela abahlobo bakhe iikopi ezininzi awazipapashayo kuquka nakubantu abaphezulu kunqulo ukuze bazihlole.

 Abantu abafundileyo bahlekisa ngezi ncwadi zikaParker nenguqulelo yakhe yeTestamente Entsha, eyayingaprintwanga kakuhle. Ngokwenza loo nto, babengafuni ukuba uShadwell nabanye, babuyisele igama likaThixo kwiTestamente Entsha yesiNgesi.

 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ungabukela ividiyo enemizuzu eyi-10 ethi: Warwick Museum Tours: “IBhayibhile Negama Elingcwele.”

a “UYa,” ligama elifutshane elithi “Yehova,” ibe lifumaneka kwiSityhilelo 19:1, 3, 4, 6 kwigama elithi “Haleluya,” elithetha ukuthi “Dumisani uYa, nina bantu!”

b UShadwell zange ayiguqulele yonke iTestamente Entsha. Abanye abaguquleli baquka uPhilip Doddridge, uEdward Harwood, uWilliam Newcome, uEdgar Taylor, noGilbert Wakefield.

c Ukuze ahlukanise ishishini lakhe kwimfundo yeBhayibhile, uParker wasebenzisa igama elithi Herman Heinfetter kwimibhalo yakhe yonqulo nakwiinguqulelo zeBhayibhile. Eli gama livela amaxesha amaninzi kwizihlomelo zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele.

d Ngo-1864, uParker wakhulula inguqulelo ekuthiwa yiAn English Version of the New Testament esebenzisa igama likaThixo kayi-186.

e Ngaphambi kweenguqulelo zikaParker, iinguqulelo ezininzi zeTestamente Entsha zazinalo igama likaThixo kwiivesi ezininzi. Ngo-1795, uJohann Jakob Stolz wapapasha inguqulelo yesiJamani esebenzisa igama likaThixo kayi-90 ukuqala kuMateyu ukuya kuYude.