Yiya kwinkcazelo

Ziziphi Izizathu Ezimbini Zokuba UThixo Engayiphulaphuli Eminye Imithandazo

Ziziphi Izizathu Ezimbini Zokuba UThixo Engayiphulaphuli Eminye Imithandazo

Impendulo yeBhayibhile

Kukho imithandazo engaphendulwayo nguThixo. Nazi izizathu ezimbini ezinokubangela loo nto.

1. Umthandazo awuhambisani nentando kaThixo

UThixo akazamkeli izicelo ezinxamnye nentando yakhe ebhalwe ngokucacileyo eBhyibhileni. (1 Yohane 5:14) Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi masikuphephe ukuba ngabantu abazicingelayo. Ukungcakaza kukhuthaza umntu ukuba acingele isiqu sakhe. (1 Korinte 6:9, 10) Ngoko uThixo akazukuwuphendula umthandazo wakho ukuba ufuna ukuwina ilotto. UThixo akangovuma zonke osenzela yonk’ into esiyifunayo.Umele uyibulele gqitha loo nto ngoba kwazi bani ukuba abanye abantu banokucela ntoni kuye.—Yakobi 4:3.

2. Lo mntu othandazayo wenza izinto uThixo angazithandiyo

UThixo akabaphenduli abo bangazimiselanga kuthobela. Ngokomzekelo, uThixo wathi kwabo babesithi bayamkhonza babe besenza izinto angazithandiyo: “Naxa nisolula izandla zenu, ndiyawafihla amehlo am kuni. Nakubeni nisenza imithandazo emininzi, andiphulaphulanga; zona kanye izandla zenu zizaliswe luphalazo-gazi.” (Isaya 1:15) Kodwa ukuba babenokuziyeka ezo zenzo zimbi baze ‘balungelelanise imicimbi’ yabo noThixo, wayeza kubaphulaphula xa bethetha.—Isaya 1:18.