Yiya kwinkcazelo

Ngaba UThixo Ukhe Atshintshe Ingqondo?

Ngaba UThixo Ukhe Atshintshe Ingqondo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ewe kunjalo, kuba uyayitshintsha indlela acinga ngayo xa abantu betshintsha indlela abazenza ngayo izinto. Ngokomzekelo, xa uThixo wathumela isigidimi somgwebo kuSirayeli wamandulo wathi: “Mhlawumbi baya kuphulaphula baze babuye, ngamnye endleleni yakhe embi, ndize ndizisole ngenxa yentlekele endicinga ukuyiphumeza kubo ngenxa yobubi bezenzo zabo.”—Yeremiya 26:3.

Iinguqulelo ezininzi zeBhayibhile ziyichaza le vesi njengethi uThixo “uyaguquka” angayizisi intlekele, mbono leyo eqondwa ngokuba uThixo wenze impazamo. Noko ke, ngesiHebhere eli gama linokuthetha “ukutshintsha ingqondo okanye into ebeza kuyenza.” Enye indoda yabhala yathi: “Ukutshintsha kwendlela umntu azenza ngayo izinto kutshintsha isigwebo sikaThixo.”

Kakade ke, kuba uThixo enokuyitshintsha ingqondo akuthethi kuthi unyanzelekile ayitshintshe. Makhe sithethe ngeemeko apho iBhayibhile ithi uThixo akazange ayitshintshe ingqondo:

  • UThixo akazange amvumele uBhalaki amenze atshintsh’ ingqondo aze aqalekise uhlanga lwamaSirayeli.—Numeri 23:18-20.

  • Xa uKumkani uSawule waqatsela ekwenzeni izinto ezimbi, uThixo akazange atshintsh’ ingqondo, wamgatya njengokumkani.—1 Samuweli 15:28, 29.

  • UThixo uza kusizalisekisa isithembiso sokuba uNyana wakhe abe ngumbingeleli ngonaphakade. UThixo akazi kutshintsh’ ingqondo.—INdumiso 110:4.

IBhayibhile ayithi na uThixo akatshintshi?

Ewe, ingxelo yeBhayibhile ithi uThixo uthi: “NdinguYehova, anditshintshanga.” (Malaki 3:6) Ngokufanayo, iBhayibhile ithi uThixo “akaguquguquki njengesithunzi.” (Yakobi 1:17) Noko ke, oku akungqubani noko kuthethwa yiBhayibhile, xa isithi uThixo ukhe atshintsh’ ingqondo. UThixo akatshintshi ngohlobo lokuba, ubuntu bakhe nemilinganiselo yakhe yokubonisa uthando nokusesikweni ayitshintshi. (Duteronomi 32:4; 1 Yohane 4:8) Sekunjalo, udlulisela imiyalelo eyahlukahlukeneyo ngamaxesha angafaniyo. Ngokomzekelo, uThixo wamyalela ngeendlela ezingafaniyo uKumkani uDavide xa wayeza kulwa iimfazwe ezimbini ezazilandelelana, sekunjalo zombini ezo ndlela zaphumelela.—2 Samuweli 5:18-25.

Ngaba uThixo uyazisola ngokuba edale abantu?

Akunjalo, nangona ezisola kuba abantu abaninzi bemgatya. Ichaza imeko yangaphambi koMkhukula wemihla kaNowa, iBhayibhile ithi: “UYehova wazisola ngokuba ebenzile abantu emhlabeni, kwaye yaba buhlungu intliziyo yakhe.” (Genesis 6:6) Kule vesi, igama elithi “wazisola” lisuka kwelesiHebhere elinokuthetha “ukutshintsh’ ingqondo.” UThixo wayitshintsh’ ingqondo ngabantu abaninzi ababephila ngaphambi koMkhukula ngenxa yokuba babengendawo. (Genesis 6:5, 11) Nangona wadana ngenxa yokuba bakhetha ukwenza izinto ezimbi, ayizange itshintshe indlela awabajonga ngayo bonke abantu. Endaweni yoko, uThixo wasindisa lonke uluntu kuMkhukula esebenzisa uNowa nentsapho yakhe.—Genesis 8:21; 2 Petros 2:5, 9.