Yiya kwinkcazelo

XELISA UKHOLO LWABO | UYOBHI

UYehova Wayipholisa Intlungu Yakhe

UYehova Wayipholisa Intlungu Yakhe

Ekugqibeleni ade athula la madoda. Kwakuvakala nje umoya oshushu wasentlango eArabhiya. UYobhi wayedinwe nyhani kukuphikisana nala madoda, wayengazi nokuba makathini. Khawube nombono wakhe enomsindo, ejonge abahlobo bakhe abathathu uElifazi, uBhiledadi noTsofare. Kwakunzima nokuba bamjonge uYobhi kuba amazwi abo ‘ahlabayo’ abawathetha kuYobhi awazange aphumelele. (Yobhi 16:3 umbhalo osemazantsi.) UYobhi wayezimisele ukuhlala ethembekile.

Eyona nto yayibalulekile kuYobhi yayikukuthembeka kuYehova ngaphezu kwazo zonke izinto awalahlekelwa zizo. Walahlekelwa bubutyebi, ngabantwana bakhe abalishumi, abahlobo nabamelwane bakhe babengasamthandi bengasamhloniphi, ibe wayegula emzimbeni. Inyama yakhe yafa mnyama ngenxa yesifo awayenaso, enezilonda yonke indawo ibe enazo neempethu. Nomlomo wakhe wawunuka phuqu. (Yobhi 7:5; 19:17; 30:30) Sekunjalo, izinto ezibuhlungu ezazithethwa ngala madoda zamenza uYobhi wanomsindo. Wayezimisele ukubabonisa ukuba wayengenguye lo moni bathi unguye. Emva kokuba uYobhi ethethe amazwi okugqibela baxakwa nokuba mabathini. Baphelelwa yinto yokuthetha. Kodwa yena uYobhi washiyeka ekhathazekile ibe esesentlungwini. Wayeludinga nyhani uncedo!

UYobhi wayengasacingi kakuhle ngoku ibe ayisothusi loo nto. Wayedinga umntu oza kumkhokela aze amlungise. Wayekudinga ukuthuthuzelwa nokuhoywa, ibe ezo zinto zazimele ukuba zenziwe ngaba bahlobo bakhe bathathu kodwa zange bayenze loo nto. Ngaba nawe wakha wakudinga ukukhokelwa nokuthuthuzelwa? Ngaba wakha waphoxwa ngabantu owawucinga ukuba ngabahlobo bakho? Ukufunda indlela uYehova uThixo awamnceda ngayo uYobhi nendlela uYobhi awaziva ngayo kungakunika ithemba kuze kukuncede.

Ukulungiswa Ngobulumko Nangobubele

Eli bali likaYobhi liveza enye into ngoku ebesingayilindelanga. Kukho omnye umfana onguElihu. Lonke eli xesha la madoda ayexambulisana, wayekhona emamele. Ezi zinto ayezithetha zazimcaphukisa.

Indlela uYobhi awawaphendula ngayo la madoda yamcaphukisa uElihu. Wayengayithandi into yokuba “uYobhi azenze ilungisa endaweni kaThixo”. Kodwa kwangaxeshanye, wayemsizela uYobhi. Wayembona ukuba usentlungwini, unyanisekile ibe uyakudinga ukulungiswa nokuthuthuzelwa ngobulumko nobubele! UElihu wayedikwe nyhani ngala madoda mathathu kuba ayezenza ngathi ayamthuthuzela uYobhi! Waweva ethetha izinto ezibuhlungu kuYobhi, ezama ukuphelisa ukholo lwakhe, isidima sakhe ibe efuna ayeke ukuthembeka kuThixo. Eyona nto imbi kukuba axoka ukuze kubonakale ngathi uThixo ngumntu ombi. Elihu waziva enyanzelekile ukuba athethe!​—Yobhi 32:2-4, 18.

Wathi: “Ndisemtsha. Nina nibadala. Ngoko ndiye ndathula kuba ndinihlonipha. Andabi naso isibindi sokunixelela izinto endizaziyo.” Kodwa wayengasakwazi ukuthula. Wathi: “Abuyi ngaminyaka kuphela ubulumko, kungayi nangabudala kuphela ukubona into elungileyo.” (Yobhi 32:6, 9) Emva koko uElihu wathetha into eninzi ebonisa ukuba la mazwi ayinyani. Wathetha noYobhi ngendlela eyahluke mpela kule uElifazi, uBhiledadi, noTsofare babethetha ngayo naye. UElihu wamqinisekisa uYobhi ukuba akazukumenza azive emncinci okanye ongeze kwintlungu anayo. Wambonisa imbeko ngokumbiza ngegama waza wambonisa ukuba uyayiqonda ukuba la madoda ebemphethe kakubi. * Wathetha ngembeko waza wathi: “Ndicela umamele amazwi am ke ngoku Yobhi.”—Yobhi 33:1, 7; 34:7.

UElihu wathetha noYobhi wambiza ngegama waza wanobubele

UElihu wamxelela inyani uYobhi. Wathi: “Uthethe ndisiva, . . . ‘Ndimsulwa, andinatyala; ndicocekile, andinasono. Kodwa uThixo uhlala endichasa.’” UElihu waya ngqo apho kufele khona ithole. Wathi: “Ucinga ukuba umsulwa kangangokuba ude uthi,‘Ndililungisa ngaphezu koThixo’?” UElihu wayengafuni ukumyeka uYobhi aqhubeke ecinga ngale ndlela. Waphinda wathi: “Ayichananga le nto uyithethayo.” (Yobhi 33:8-12; 35:2) UElihu wayesazi ukuba uYobhi wayecaphuka kuba elahlekelwe yinto yonke ibe ephethwe kakubi ngala madoda ayezenza abahlobo bakhe. Kodwa uElihu wamlumkisa uYobhi wathi: “Lumka, ungavumeli umsindo ukwenze ukhohlakale, Yaye ungalahlekiswa kukunyotywa.”​—Yobhi 36:18.

UElihu Ubonisa Indlela UYehova Anobubele Ngayo

UElihu wabonisa ukuba zonke izinto ezenziwa nguYehova uThixo zisoloko zilungile. Wachaza inyaniso ebalulekileyo, wathi: “Soze uThixo wokwenene enze izinto ezimbi! . . . USomandla akagwebi ngendlela egqwethekileyo.” (Yobhi 34:10, 12) UElihu wabonisa uYobhi indlela uYehova anenceba ngayo. Wamkhumbuza ukuba uYehova wayenokumohlwaya ngenxa yezinto awazithethayo, kodwa akazange amohlwaye. (Yobhi 35:13-15) UElihu akazange enze ngathi wazi yonke into, wabonisa ukuthobeka wathi: “UThixo mkhulu ngendlela esingenakuyiqonda.”​—Yobhi 36:26.

Nangona uElihu wayemlungisa uYobhi, wayenobubele. Wathetha ngethemba lokuba ngenye imini, uYehova wayeza kumenza aphinde aphile uYobhi. UThixo wayeseza kuthi ngomkhonzi wakhe: “Umzimba wakhe mawube mtsha kunasebuntwaneni bakhe; makabuyele emandleni obutsha bakhe.” Enye into eyenziwa nguElihu ebonisa ukuba wayenobubele, akazange afune kuthethe yena yedwa kodwa wanika noYobhi ithuba lokuba athethe. Wathi: “Thetha kuba nam ndifuna ukungqinelana nawe.” (Yobhi 33:25, 32) Kodwa uYobhi zange aphendule. Mhlawumbi wayengaboni nto efunisa ukuba azithethelele ekubeni wayelungiswa ngobubele nangendlela ekhuthazayo. Kusenokwenzeka ukuba uYobhi wakhala xa wayebona indlela uElihu awayemkhathalele ngayo.

Zininzi izinto ezibalulekileyo esinokuzifunda kuElihu noYobhi. KuElihu sifunda indlela yokulungisa abanye neyokuthuthuzela abantu abasentlungwini. Umhlobo wokwenyani uza kuthetha xa ekubona ukuba uza kungena engxakini. (IMizekeliso 27:6) Sifuna ukuba ngabahlobo abanjalo, siqhubeke sinobubele size sibakhuthaze abadinga ukukhuthazwa nokuba bathetha kanjani nathi. KuYobhi sifunda ukuba xa isithi abadinga ukulungiswa simele simamele. Sonke siyakudinga ukucetyiswa nokulungiswa. Ukumamela xa silungiswa kuza kusinceda kakhulu.​—IMizekeliso 4:13.

‘Kwisaqhwithi’

Xa uElihu ethetha, wayemane ethetha ngomoya, ngamafu, ngeendudumo nangombane. Wathi xa ethetha ngoYehova: “Kumameleni kakuhle ukuzongoma kwelizwi lakhe.” Zange kudlule xesha lide, uElihu wathetha ‘ngomoya osisaqhwithi.’ (Yobhi 37:2, 9) Kusenokwenzeka njengokuba uElihu wayethetha noYobhi, babesibona naso isaqhwithi sisiza futhi sisiba namandla. Nyhani ke satsho ngamandla eso saqhwithi. Kwaza kwenzeka nenye into emangalisayo. Kwathetha uYehova!​—Yobhi 38:1.

Yinyhweba enkulu ukufundiswa ngendalo, uyifundiswa nguMdali wayo!

Xa sifunda incwadi kaYobhi, siye sivuye xa sifika kwizahluko apho uYehova athetha noYobhi khona. Kuba ngathi kufike isaqhwithi esitshayela yonke into ebubuxoki eyayithethwa nguElifazi, uBhiledadi, noTsofare. UYehova akazange aqale athethe nala madoda. Waqala walungisa uYobhi umkhonzi wakhe, ngokungathi ngutata elungisa unyana wakhe.

UYehova wayeyiqonda intlungu kaYobhi. Waba nosizi xa embona ekule meko kuba usoloko esiba njalo xa ebona abantwana bakhe besezintlungwini. (Isaya 63:9; Zekariya 2:8) Kodwa wayesazi nokuba uYobhi ‘wayethetha into angayaziyo’ ibe le nto yayizenza zande iingxaki zakhe. Ngoko uYehova wambuza imibuzo emininzi eyenza uYobhi wacinga. Wathi: “Wawuphi xa ndandiseka umhlaba? Ndixelele, ukuba ucinga ukuba uyazi.” Xa uYehova wayedala, “iinkwenkwezi” neengelosi zakhwaza zimdumisa. (Yobhi 38:2, 4, 7) UYobhi wayengenampendulo kuba wayengazi nto.

UYehova wathetha ngesaqhwithi waza ngobubele walungisa indlela uYobhi awayecinga ngayo

UYehova waqhubeka ethetha ngendalo. Sinokuthi wayekrobisa kancinci uYobhi kwinto esiyibiza ngokuba yisayensi namhlanje. Ethetha ngezinto esizazi namhlanje njengeastronomy, ibiology, igeology, nephysics. UYehova wathetha nangezilwanyana ezazifumaneka kufutshane nendawo awayehlala kuyo uYobhi. Izilwanyana ezifana nehlungulu, ibhokhwe yasezintabeni, idonki yasendle, inkunzi yenkomo yasendle, inciniba, ihashe, ukhetshe, ukhozi, iBhehemote (kusenokwenzeka ukuba le yimvubu), neLeviyatan (kusenokwenzeka ukuba le yingwenya). Yinyhweba enkulu ukufundiswa ngendalo, uyifundiswa nguMdali wayo! *

Ukuthobeka Nokuba Nothando

Kwakutheni ukuze afundiswe yonke le nto? UYobhi kwakusafuneka athobeke nakakhulu. Xa wayekhalazela izinto awayecinga ukuba zenziwe nguYehova, wayengayenzi bhetele intlungu yakhe ibe wayezibhekelisa kuTata wakhe onothando. UYehova waqhubeka embuza ukuba wayephi xa wayedala zonke ezi zinto zimangalisayo nokuba uyakwazi na ukuzondla okanye ukuzilawula. Ukuba uYobhi wayengenakukwazi nokulawula izinto ezidalwe nguYehova, wayesithatha phi isibindi sokuchazela uMdali izinto amakazenze? UYehova uyayazi kakuhle into emele yenziwe nendlela yokuyenza ibe uyazi ngaphezulu lee kunendlela uYobhi anokuyazi okanye ayiqonde ngayo!

UYobhi akazange aphikisane noYehova okanye azame ukuzithethelela

Kuyo yonke into uYehova awayithethayo, wayebonisa indlela amthanda ngayo uYobhi. Kwakungathi uthi uYehova kuYobhi: ‘Nyana wam, ukuba ndingadala ndize ndikhathalele zonke ezi zinto, ucinga ukuba ndingaxakwa kukukhathalela wena? Ucinga ukuba ndingakushiya, ndikuthathele abantwana bakho, izinto zakho nempilo yakho? Ayindim na onokukunika yonke into ekulahlekeleyo ndize ndikuphilise?’

Kuyo yonke imibuzo kaYehova, uYobhi waphendula kabini. Akazange azame ukuzithethelela. Wazithoba ebonisa ukuba ebengazi nto kangako ibe waguquka kwizinto awayezithethile. (Yobhi 40:4, 5; 42:1-6) Apha sibona umzekelo omhle wokholo lukaYobhi. Kuzo zonke izinto awazinyamezelayo, akazange ayeke ukuba nokholo oluqinileyo. Wamamela xa wayelungiswa nguYehova waza watshintsha indlela ebecinga ngayo. Ngoko nathi sinokuzibuza, ‘Ngaba ndibonisa ukuthobeka ngokumamela xa ndicetyiswa naxa ndilungiswa?’ Sonke siyaludinga uncedo olunjalo. Ukuba siyamamela xa silungiswa, siya kube sixelisa ukholo lukaYobhi.

“Anithethanga Nyani Ngam”

UYehova wenza into eyayiza kumthuthuzela uYobhi kwintlungu yakhe. Wathetha noElifazi, ekubonakala ukuba wayengoyena mdala kwaba bantu babesenza ngathi bathuthuzela uYobhi. UYehova wathi: “Wena nabahlobo bakho ababini nindicaphukise kakhulu, kuba anithethanga nyani ngam njengomkhonzi wam uYobhi.” (Yobhi 42:7) Khawukhe ucinge ngala mazwi. Ngaba uYehova wayesithi yonke into eyayithethwe ngala madoda yayibubuxoki okanye onke amazwi kaYobhi ayeyinyani? Wayengatsho. * Kodwa wayekhona umahluko phakathi koYobhi nala madoda. UYobhi wayophuke intliziyo, ekhathazeke kakhulu ngenxa yezinto ezibuhlungu ezazimehlele ibe ekhathazwe zizinto ezathethwa ngala madoda. Ngoko siyaqondakala isizathu sokuba athethe engacinganga ngelinye ixesha. Kodwa yena uElifazi nabahlobo bakhe babengekho kuloo meko. Bathetha izinto ezimbi ngenxa yokuba babeziphakamisile ibe bengenalukholo luqinileyo. Baxhaphaza indoda engenzanga nto baze bammela kakubi uYehova, bethetha ngathi unguThixo okhohlakeleyo nowenza izinto ezimbi!

Ngoko siyabonakala isizathu sokuba uYehova afune la madoda enze umnikelo wexabiso elikhulu. Kwakufuneka benikele ngeenkomo ezisixhenxe nangeegusha ezisixhenxe ibe yayingazokubabiza imali eninzi loo nto. Kamva kuMthetho KaMoses, wathi xa umbingeleli omkhulu enze isono esasiza kuzisela abantu ityala kwakufuneka anikele ngenkomo. (Levitikus 4:3) Kwakubingelelwa ngezona zilwanyana zixabisekileyo kuMthetho KaMoses. Kwakhona uYehova wathi uza kuwamkela umbingelelo wala madoda xa uYobhi sele ewathandazele. * (Yobhi 42:8) Imele ukuba yamthuthuzela uYobhi into yokuba alungiswe nguThixo, nokubona ukuthanda kukaYehova kusenzeka!

“Yena [uYobhi] uza kunithandazela.”​—Yobhi 42:8

UYehova wayeqinisekile ukuba uYobhi uza kuwaxolela la madoda ayemkhathazile kanye njengokuba wayemcelile. Wawaxolela ke nyhani uYobhi. (Yobhi 42:9) Akazange abonise nje ngamazwi ukuba uthembekile kodwa wabonakala kwizenzo. UYehova wamsikelela kakhulu uYobhi kuba wathembeka.

“Uvelwano”

UYehova wabonisa ‘uvelwano nenceba kuYobhi.’ (Yakobi 5:11) Njani? UYehova wamphilisa uYobhi. Khawube nombono wendlela uYobhi awaziva ngayo xa ‘umzimba wakhe waba mtsha kunasebuntwaneni bakhe’ kanye njengokuba wayetshilo uElihu! Intsapho yakhe yamxhasa, yampha izipho yaza yamthuthuzela ngala ndlela bekumele ukuba yenze ngayo ekuqaleni. UYehova waphinda wamnika bonke ubutyebi bakhe, wade wabuphinda kabini kunangaphambili. Abantwana bakhe bona? UYobhi nenkosikazi yakhe babeza kubakhumbula abantwana babo kodwa uYehova wabasikelela ngabanye abantwana alishumi ibe loo nto yabavuyisa. Ngendlela emangalisayo uYehova wamenza uYobhi waphila iminyaka emininzi kuneminyaka ebeza kuyiphila. UYehova wamongeza uYobhi ngeminyaka eyi-140 ibe loo nto yabangela ukuba abone izizukulwana zakhe ezine ziphumelela. “Ekugqibeleni uYobhi wafa, emva kokuphila ubomi obude nobumnandi.” (Yobhi 42:10-17) EParadesi, uYobhi kunye nenkosikazi yakhe baza kuphila kamnandi nentsapho yabo kunye nabantwana babo ababulawa nguSathana.​—Yohane 5:28, 29.

Kwakutheni ukuze uYehova amsikelele kangaka uYobhi? IBhayibhile ithi: “Neva ngendlela uYobhi awanyamezela ngayo.” (Yakobi 5:11) Akakho umntu owanyamezela ubunzima nje ngoYobhi. Igama elithi ‘ukunyamezela’ libonisa ukuba uYobhi wayenganyamezelanga nje kodwa wanyamezela enokholo ibe ukumthanda kwakhe uYehova akuzange kugungqe. Endaweni yokuba abe nomsindo nenzondo, wayekulungele ukubaxolela abo bamkhathaza ngabom. Akazange ayeke ukuba nethemba ibe wahlala ethembekile kuYehova.​—Yobhi 27:5.

Sonke kufuneka sinyamezele. Siqinisekile ukuba nathi uSathana uza kuzama ukusiyekisa ukukhonza uYehova njengoko wenzayo kuYobhi. Kodwa ukuba sinyamezela sinokholo, sihlale sithobekile, sikulungele ukuxolela abanye size sizimisele ukuthembeka kuYehova, nathi siza kuba nekamva elihle. (Hebhere 10:36) Ukuba sixelisa ukholo lukaYobhi, loo nto iza kumcaphukisa uSathana ize iyivuyise intliziyo kaYehova!

^ isiqe. 9 UElifazi, uBhiledadi, noTsofare bathetha into eninzi kuYobhi ibe amazwi abo ayenokwenza izahluko ezisithoba zeBhayibhile kodwa zange bamhloniphe ngokuthi bambize ngegama lakhe xa babethetha naye.

^ isiqe. 19 Xa uYehova wayethetha noYobhi, ngamanye amaxesha wayezichaza izinto ngokoqobo, ngohlobo ezilulo, kanti ngamanye amaxesha wayesebenzisa izafobe. (Funda umzekelo wale nto kuYobhi 41:1, 7, 8, 19-21.) Wayesebenzisa ezi ndlela ukuze ancede uYobhi amhloniphe nangakumbi njengoMdali.

^ isiqe. 25 Umpostile uPawulos wakhe wacaphula amazwi awathethwa nguElifazi esithi ayinyani. (Yobhi 5:13; 1 Korinte 3:19) Amazwi kaElifazi ayeyinyani nto nje akazange awasebenzise ngendlela efanelekileyo kuYobhi.

^ isiqe. 26 Ayikho into ebonisa ukuba uYobhi kwanyanzeleka ukuba anikele ngenxa yomfazi wakhe.