Yiya kwinkcazelo

Ukoyisa Ikhethe

Ukoyisa Ikhethe

AmaNgqina kaYehova akholelwa kwelokuba zonke iintlanga ziyalingana emehlweni kaThixo. (IZenzo 10:34, 35) Esebenzisa iimfundiso zeBhayibhile, azama ukunceda abantu ukuze boyise kwanelona khethe lendeleyo.

Ukongezelela, awaxhasi nawuphi na umbutho okhuthaza ikhethe okanye intiyo yobuhlanga. Ngokomzekelo, ebudeni bolawulo lwamaNazi, amaNgqina kaYehova aseJamani nakwamanye amazwe ala ukuxhasa iphulo likaHitler lekhethe. Amakhulu abantu abulawa ngenxa yokungavumi ukuxhasa eli phulo.

Ngo-1994, amaNgqina awazange akhuthaze amalungu awo aseRwanda ukuba abe nenxaxheba ekubulaweni kwabantu ngenxa yobuhlanga. Amanye abeka ubomi bawo esichengeni, amanye ade afa ngenxa yokukhusela abo babefunwa baze babulawe.

Kuba enomnqweno wokunceda bonke abantu, aye enza aza asasaza uncwadi lweBhayibhile ngeelwimi ezimalunga ne-600. Ngenxa yoko, amabandla awo amkela bonke abantu ‘abaphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.’​—ISityhilelo 7:9.