Yiya kwinkcazelo

Abantu Abaninzi Batyelela Isebe ElikuMbindi Merika

Abantu Abaninzi Batyelela Isebe ElikuMbindi Merika

Ngo-2015, bamalunga ne-175 000 abantu abatyelela iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova ekuMbindi Merika eMexico​—umlinganiselo wabantu abayi-670 kusuku ngalunye lomsebenzi! Abaninzi kwezi ndwendwe bafika bengamaqela amakhulu, behamba iintsuku ngeebhasi eziqeshiweyo. Abanye balulungiselela kwangaphambili olu hambo.

“Iphulo Lokuya EBheteli”

Ukuze abanye batyelele eBheteli kufuneka benze umgudu. Ngokomzekelo, amalungu amaninzi ebandla elikwiMexican state of Veracruz ebengenayo imali yokubhatala ibhasi ehamba iikhilomitha eziyi-550 ukuya eBheteli. Ngoko aqalisa iphulo alibiza ngokuthi, “Iphulo Lokuya EBheteli.” Alungiselela amaqela aza kupheka naza kuthengisa ukutya okuvuthiweyo. Athengisa neebhotile zeplastiki ezisele zisebenzile. Emva kweenyanga ezintathu, ayenemali eyaneleyo yokuya eBheteli.

Ngaba yavuzwa imigudu yabo? Kunjalo kanye. Ngokomzekelo, uLucio umfana okhonza kweli bandla, wabhala wathi: “Ukutyelela kwethu eBheteli kundenze ndafuna ukumkhonza ngakumbi uYehova, yaye ngoku ndenza kanye oko ebandleni.” UElizabeth ona-18 yena wathi: “EBheteli ndalubona uthando lokwenene ababonwa ngalo abantu abakhonza uYehova. Ndakhuthazwa ukuba ndimkhonze ngakumbi uThixo, ngenxa yoko ndaba nguvulindlela othe ngxi.”

Bafika Bebaninzi

Ngamanye amaxesha, baba baninzi abantu abatyelela iBheteli ngosuku nje olunye. Abazalwana abamkela iindwendwe benza konke abanako ukubamkela ngobubele. ULizzy uthi: “Kuyakhuthaza ukubona abaninzi besiza. “Ukholo lwam luyomelela xa ndibona iindwendwe zibulela naxa ndisiva izinto ekufuneke zizincamile ukuze zityelele isebe.”

Ukuze bamkelwe kakuhle abantu abezileyo, kuye kucelwe nabanye abazalwana abenza eminye imisebenzi ukuba bancedise ekuboniseni abantu iBheteli. Nangona oku kusongeza umsebenzi, bakuvuyela kakhulu ukwamkela iindwendwe. UJuan uthi: “Emva kokuba ndamkele iindwendwe eBheteli, ndiye ndibone uncumo ebusweni bazo, nam ke ndizive ndonwabile.”

“Abantwana Bayithanda Kakhulu”

Nabantwana bayakuthanda ukutyelela eBheteli. UNoriko, osebenza kwiSebe leeKhompyutha uthi: “Ndiye ndibuze abantwana abezileyo abakwiqela elinikwe mna ukuba, bayafuna na ukukhonza eBheteli. Bonke bathi, ‘Ewe! Enye yendawo ethandwa kakhulu ngabantwana, ‘yikona ekukho umfanekiso kaSihle.’ Kuyo banokufota noAvela noSihle abenziweyo, oopopayi abakungcelele lweevidiyo ezithi, Yiba Ngumhlobo KaYehova. Bayithanda kakhulu le kona.”

Abantwana abaninzi bayawuxabisa umsebenzi owenziwa eBheteli. Ngokomzekelo uHenry, umfana waseMexico wagcina imali ukuze anikele ngayo xa etyelele eBheteli. Kwileta ehamba nomnikelo wakhe wabhala wathi: “Ncedani nisebenzise le mali ukuze nenze ezinye iincwadi. Enkosi kakhulu ngokusebenzela uYehova”

Wamkelekile

AmaNgqina KaYehova amema abantu ukuba batyelele iiofisi nezakhiwo zawo ezisehlabathini lonke. Ukuba ungathanda ukutyelela iofisi yesebe, wamkelekile. Siqinisekile ukuba uza kulonwabela utyelelo lwakho. Unokufumana iinkcazelo engakumbi ngoku kwindawo ethi, IINKCAZELO ENGAKUMBI NGATHI > IIOFISI NOKUKHENKETHA.